OKTOBHA 13-19
INTSHUMAYELI 7-8
Ingoma 39 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. ‘Yiya Endlini Yokuzila’
(imiz. 10)
Ziphe ixesha lokuya kwabo baswelekelweyo ukuze ubathuthuzele (INt 7:2; it “Ukuzila” 9)
Bathuthuzeleni ngokuthetha ngeempawu ezintle zalowo uswelekileyo (INt 7:1; w19.06 23 ¶15)
Thandazani nabo baswelekelweyo (w17.07 16 ¶16)
KHUMBULA: Abantu abaye baswelekelwa baye baludinge nangakumbi uncedo nokuthuthuzelwa ngamanye amaKristu xa kusando kungcwatywa naxa kudlule ixesha elide.—w17.07 16 ¶17-19.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
INt 7:20-22—Ezi vesi zingasinceda njani sibone enoba singayokuthetha na nomntu osikhubekisileyo? (w23.03 31 ¶18)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INt 8:1-13 (th isifundo 10)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Mbuze ngento anomdla wokuncokola ngayo nize nibeke ixesha eniza kuphinda nithethe ngalo. (lmd isifundo 2 ingongoma 4)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. (lmd isifundo 2 ingongoma 3)
6. Ukubuyela
(imiz. 2) KWINDLU NGENDLU. Mbonise enye yezinto ezikwi webhsayithi yethu ujw.org/xh. (lmd isifundo 9 ingongoma 4)
7. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho
(imiz. 5) Umboniso. ijwfq inqaku 50—Umxholo: Wenziwa njani umngcwabo weNgqina? (th isifundo 17)
Ingoma 151
8. Qinisa Ukholo Lwakho Kuvuko
(imiz. 15) Ingxubusho.
Ithemba esinalo ngovuko yenye yezona nyaniso zibalulekileyo esizikholelwayo. Lisifundisa ngeempawu anazo uYehova ezifana namandla, ubulumko, inceba, nothando analo ngathi.—Yoh 3:16.
Ngenxa yethemba esinalo ngovuko siye singazikhathazi kakhulu ngeengxaki esinazo ngoku. (2Ko 4:16-18) Eli themba linokusinika amandla xa sitshutshiswa, xa sigula naxa siswelekelwe ngumntu esimthandayo. (1Te 4:13) Asinokonwaba ngokupheleleyo ukuba asinathemba kuvuko. (1Ko 15:19) Kutheni ungazimiseli ukuqinisa ukholo kweli themba limangalisayo?
Funda uYohane 11:21-24. Uze ubuze le mibuzo:
UMarta walubonakalisa njani ukholo oluqinileyo kuvuko?
Wasikelelwa njani ngenxa yokholo lwakhe?—Yoh 11:38-44
Dlala IVIDIYO ethi Linganisa Abafazi Abanokholo Oluqinileyo!—UMarta. Uze ubuze le mibuzo:
Kutheni ithemba lovuko libalulekile kuwe?
Yintoni onokuyenza ukuze ugcine ukholo lwakho luqinile kwithemba lovuko?
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) lfb isifundo 26-27