OKTOBHA 6-12
INTSHUMAYELI 5-6
Ingoma 42 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
AmaSirayeli amamele umbingeleli njengoko ewacacisela uMthetho
1. Indlela Yokubonisa Intlonelo KuThixo Wethu
(imiz. 10)
Xa simamela kwiintlanganiso sinxibe size sizilungise kakuhle siza kube sibonisa intlonelo (INt 5:1; w08 8/15 15-16 ¶17-18)
Xa sithandaza phambi kwabantu akufanelekanga siyenze ibe mide imithandazo yethu (INt 5:2; w09 11/15 11 ¶21)
Siyasigcina isithembiso sethu sokukhonza uYehova (INt 5:4-6; w17.04 6 ¶12)
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
INt 5:8—Le vesi ingasithuthuzela njani xa siphethwe kakubi? (w20.09 31 ¶3-5)
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INt 5:1-17 (th isifundo 12)
4. Ukuqalisa Incoko
(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Umntu oncokola naye ufuna ukuxabana nawe. (lmd isifundo 4 ingongoma 5)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Thetha ngenye ‘Yeenyaniso Esithandayo Ukuzifundisa’ ekwi isihlomelo A sencwadana ethi Bathande Abantu. (lmd isifundo 1 ingongoma 3)
6. Ukubuyela
(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Bonisa umntu othetha naye ividiyo ekwiTeaching Toolbox nize nincokole ngayo. (lmd isifundo 7 ingongoma 3)
7. Ukwenza Abafundi
Ingoma 160
8. Ngaba Uyazisebenzisa “Iinyaniso Esithandayo Ukuzifundisa”?
(imiz. 15) Ingxubusho.
Ukukhululwa kwencwadana ethi Bathande Abantu—Yenza Abafundi, kuye kwasinceda saphucula indlela esincokola ngayo nabantu entsimini. Isihlomelo A sinemixholo yeenyaniso ezilula ezisikelwe eBhayibhileni ezisinceda siqalise incoko. (Heb 4:12) Ngaba uyayazi imixholo eyi-9 efumaneka phantsi kwendawo ethi “Iinyaniso Esithandayo Ukuzifundisa”?
Ungayisa njani incoko yenu kwiinyaniso ezilula eziseBhayibhileni ngexesha elifanelekileyo xa uncokola nomntu?—lmd isihlomelo A
Yeyiphi imixholo enokunceda abantu abakwintsimi yakho?
Yintoni onokuyenza ukuze uqhelane nezibhalo ezikwi Sihlomelo A?
Xa siqhubeka sizisebenzisa ezi zibhalo entsimini kubalula ukuhlala sizikhumbula. Kodwa ke, ukuze sikwazi ukuzisebenzisa ezi zibhalo kufuneka siye entsimini.
Dlala IVIDIYO ethi “Intsimbi Ilolwa Ngentsimbi”—Ukuthetha Nabantu Abaninzi. Uze ubuze lo mbuzo:
Yintoni enokusinceda ukuze sikwazi ukuthetha nabantu abaninzi abakwintsimi yethu?
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) lfb isifundo 24-25