IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp21 No. 2 iphe. 10-12
  • Izinto Onokuzenza Ukuze Uphile Kwihlabathi Elitsha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izinto Onokuzenza Ukuze Uphile Kwihlabathi Elitsha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UNOKUSINDA XA KUPHELISWA IHLABATHI UKUBA ‘UMAZI KAKUHLE’ UTHIXO
  • LIFUNDE ILIZWI LIKATHIXO IBHAYIBHILE YONKE IMIHLA
  • THANDAZA KUTHIXO UCELE UKUBA AKUNCEDE
  • Ziintoni Azenzileyo UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Ungenza Njani Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ihlabathi Elitsha LikaThixo Nelinoxolo​—Indlela Onokuphila Ngayo Kulo
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Abantu Abafileyo Baza Kuphila Kwakhona!
    Vukani!—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
wp21 No. 2 iphe. 10-12

Izinto Onokuzenza Ukuze Uphile Kwihlabathi Elitsha

Amanqaku adlulileyo asibonise ukuba kungekudala uThixo uza kubaphelisa bonke abantu abenza ububi neengxaki abazenzayo. Siqinisekile ukuba le nto iza kwenzeka. Kutheni siqinisekile nje? Kungenxa yokuba iLizwi likaThixo eliyiBhayibhile lisithembisa le nto:

“Ihlabathi liyadlula.”​—1 YOHANE 2:17.

Siqinisekile ukuba bakhona abantu abaza kusinda kuba kwa esi sibhalo sinye sisithembisa ukuba:

“Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uza kuhlala ngonaphakade.”

Ngoko ukuba sifuna ukusinda kufuneka senze izinto uThixo azifunayo. Ukuze sizazi ezi zinto uThixo azifunayo, kufuneka siqale sazi yena.

UNOKUSINDA XA KUPHELISWA IHLABATHI UKUBA ‘UMAZI KAKUHLE’ UTHIXO

Imifanekiso: 1. Unesi usesibhedlele ibe uhleli phantsi kuba ediniwe. 2. Uthatha ikhefu aze ahlale kwindawo yokutyela abone omnye asebenza naye efunda imagazini onwabile. 3. Lo sisi asebenza naye umfundela isibhalo aze amnike ikhadi lika-jw.org.

UYesu wathi: “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene.” (Yohane 17:3) Kufuneka ‘simazi kakuhle’ uThixo ukuba sifuna ukusinda size siphile ngonaphakade. Ukumazi uThixo akuthethi nje ukukholelwa kuye okanye ukwazi izinto ezimbalwa ngaye. Kufuneka sibe ngabahlobo bakhe. Xa sifuna ubuhlobo bethu kunye nomntu buqine, kuye kufuneke sichithe ixesha kunye naye. Kuyafana ke nangobuhlobo bethu noThixo. Khawucinge ngeenyaniso eziseBhayibhileni nezisinceda sikhulise ubuhlobo bethu kunye noThixo size sibugcine bomelele.

Iinyaniso Esizifunda EBhayibhileni

Unesi uhleli endlini ujonge u-jw.org.

Sifunda ukuba uThixo wayefuna siphile eParadesi.

Wadala abantu bokuqala uAdam noEva waze wababeka kwindawo entle ekuthiwa ngumyezo waseEden. Babengenasono ibe uThixo wabanika yonke into ababeyidinga ukuze baphile kamnandi. Ukuba nje babenokuqhubeka bengabahlobo bakaThixo, ngebabephile ngonaphakade. Kodwa bakhetha ukungawuthobeli umyalelo olula ababewunikwe nguThixo.

Sifunda isizathu sokuba sisehlelwa zizinto ezibuhlungu

Umntu wokuqala uAdam, walahlekelwa lithuba lokuba yena nabanye abantu baphile ngonaphakade kuba engazange athobele uThixo. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu.” (Roma 5:12) Njengokuba umntu enokosulelwa sisifo esisuka ebazalini bakhe, nathi njengabantwana baka-Adam saye sosulelwa sisono esisuka kuye. Ngenxa yaloo nto siyaguga size sisweleke.

Sifunda izinto uYehova azenzileyo ukuze asincede.

IBhayibhile ithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) UThixo wathumela uYesu emhlabeni ukuze azosifela. Indoda yaseIndia ena-86 ekuthiwa nguPrabakhar ithi: “Le nto ibonisa indlela uYehovaa andithanda kakhulu ngayo. Ndinethemba lokuphila ngonaphakade ngenxa yolothando.”

Sifunda iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyambulela uThixo ngezinto asenzele zona.

IBhayibhile ithi sinokubonisa ukuba siyambulela uThixo ngento asenzele yona ‘ngokuthobela imiyalelo yakhe.’ (1 Yohane 2:3) Ngothando, uYehova usibonisa into esinokuyenza ukuze sibonwabele ubomi ngoku. (Isaya 48:17, 18, umbhalo osemazantsi) UThixo akafuni sive ubuhlungu. Ukuba siyamthobela, uyasithembisa ukuba asizokuphila kamnandi ngoku qha, kodwa siza kufumana nethuba lokuphila ngonaphakade.

LIFUNDE ILIZWI LIKATHIXO IBHAYIBHILE YONKE IMIHLA

Unesi uhleli phandle ngelunch, ujonge phezulu emva kokuba efunde iBhayibhile.

Ukuba uyaluthandazela uncedo luka Thixo uze wenze izinto azifunayo, uza kusinda xa kupheliswa eli hlabathi

Sitya ukutya ukuze siqhubeke siphila. Kodwa uYesu wathi: “Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.”​—Mateyu 4:4.

Kule mihla siphila kuyo, izinto ezithethwa nguYehova sizifumana eBhayibhileni. Njengoko ufunda iBhayibhile, uza kufunda izinto uThixo azenzileyo kwixesha elidlulileyo, azenzayo ngoku nezinto aseza kuzenza kwixesha elizayo.

THANDAZA KUTHIXO UCELE UKUBA AKUNCEDE

Ungenza njani ukuba ufuna ukuthobela uThixo kodwa kube kunzima ukuyeka izinto angazifuniyo? Xa kunjalo kuza kukunceda kakhulu ukumazi kakuhle uThixo.

Khawukhe ucinge ngomnye usisi esizakuthi nguSakura xa simbiza, owayeziphatha kakubi ngesondo. Xa waqalisa ukufunda iBhayibhile wafunda umyalelo kaThixo wokuba angaziphathi kakubi ngesondo. (1 Korinte 6:18) USakura wathandaza kuThixo wamcela ukuba amphe amandla waza wakwazi ukuyeka le nto imbi wayeyenza. Kodwa kusafuneka esebenze nzima ukuze ayeke ukuziphatha kakubi. Uthi: “Xa iingcinga zokuziphatha kakubi zifika engqondweni ndiye ndithandaze kuYehova ngokunyanisekileyo kuba ndisazi ukuba andinokuzoyisa ngokwam ezi ngcinga. Umthandazo uye wandinceda ndasondela kakhulu kuYehova.” NjengoSakura, baninzi abaya bemazi uThixo. Ubanika amandla ukuze bakwazi ukutshintsha izinto ezithile ebomini babo baze baphile ngendlela emvuyisayo.—Filipi 4:13.

Xa usiya umazi bhetele uza kwaziwa nguThixo njengomhlobo wakhe osondeleyo. (Galati 4:9; INdumiso 25:14) Loo nto iza kukwenza ukwazi ukuphila kwihlabathi elitsha. Kodwa kuza kubanjani kwihlabathi elitsha? Inqaku elilandelayo liza kusixelela.

a UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share