Ukufumana Uxolo Nangona Kukho Iimfazwe Nemilo
UGary owayesebenza emkhosini ngaphambi kokuba afundelwe iBhayibhile uthi, “Ndandingayazi ukuba kutheni kukho inkohlakalo, ukungabikho kobulungisa neengxaki emhlabeni. Kodwa ngoku ndinoxolo lwengqondo. Ndiyazi ukuba uYehova uThixo, uzakwenza elihlabathi libe yindawo ekhuselekileyo.”
UGary ayinguye yedwa ovakalelwa ngale ndlela. Khawucinge ngendlela iBhayibhile eye yabanceda ngayo nabanye .
IBHAYIBHILE ITHI: “Wena Yehova, ulungile futhi usoloko ufuna ukuxolela.”—INdumiso 86:5.
IMNCEDE NJANI LE VESI: “Le vesi iyandiqinisekisa ukuba uYehova unenceba. Ndiyazi nokuba uYehova ukulungele ukundixolela ngezinto endiye ndazenza kwixesha elidlulileyo xa ndandisilwa emfazweni.”—UWilmar, waseColombia.
IBHAYIBHILE ITHI: “Ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha, kwaye izinto zangaphambili azizukukhunjulwa, zingazukuphinda zithi qatha entliziyweni.”—Isaya 65:17.
IMNCEDE NJANI LE VESI: “Ngenxa yokusebenza emkhosini ndaye ndabane depression ndaze ndanayo nepost-traumatic stress disorder. Esi sibhalo sindikhumbuza ukuba kungekudala uYehova uzakundenza ndizilibale ngokupheleleyo ezingcinga zimbi ndinazo ibe andisoze ndiphinde ndizikhumbule. Esinjani sona isipho!”—UZafirah,waseUnited States.
IBHAYIBHILE ITHI: “Xa elawula, amalungisa aza kutyatyamba, isekhona nje inyanga, kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo”—INdumiso 72:7.
IMNCEDE NJANI LE VESI: “Ndihlala ndicinga ngala mazwi. Kungekudala iimfazwe zizakuphela ibe asizukuphinda sixhalele ukhuseleko lwabantu esibathandayo.”—UOleksandra,waseUkraine.
IBHAYIBHILE ITHI: “Abantu benu abafileyo baza kuphila. . . . Vukani nize nikhwaze nivuya, nina bahlala eluthulini!”—Isaya 26:19.
IMNCEDE NJANI LE VESI: “Phantse onke amalungu entsapho yam abulawa xa kwakukho imfazwe yobuhlanga yamaTutsi. Kodwa le vesi iyandiqinisekisa ukuba ndizakuphinda ndibabone. Ndijonge phambili ekubaboneni bonwabile xa bevusiwe!”—UMarie,waseRwanda.
IBHAYIBHILE ITHI: “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi . . . Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”—INdumiso 37:10, 11.
IMNCEDE NJANI LE VESI: “Nangona loomfazwe yamaTutsi yaphelayo kodwa basekhona abantu abasaphatha abanye kakubi . Ezi vesi ziye zandinceda kakhulu. UYehova ubona yonke into ibe uyiqonda kakuhle imeko yam. Uthembisa ukuba kungekudala ukubandezeleka kuzophela kwaye kulibaleke.”—UDaler, waseTajikistan.
Aba bantu kuthethwa ngabo apha kule magazine ngabanye bamaNgqina kaYehova abaye bafunda iBhayibhile baze bafumana uxolo. Baye bafunda indlela yokumelana nengcinezelo yobuzwe, eyobuhlanga nokucatshukelwa. (Efese 4:31, 32) AmaNgqina kaYehova awathathi cala kwezopolitiki ibe awayi nasemkhosini.—Yohane 18:36.
AmaNgqina kaYehova asemhlabeni wonke afana nentsapho ethandanayo kuba ayancedana. (Yohane 13:35) Ngokomzekelo, uOleksandra, ebekukhe kwathethwa ngaye ngaphambili, kwafuneka ukuba yena nodade wabo babalekele kwelinye ilizwe ngenxa yemfazwe. Uthi xa ebalisa: “Xa sawela ibhoda abantu bokuqala esababonayo ngamaNgqina asekuhlaleni awayezo kusamkela. Indlela abasixhasa ngayo yasinceda sakhawuleza saqhela ukuphila kwelo lizwe.”
Siyakumema ukuba ube kunye nathi kwiintlanganiso zethu zamaNgqina kaYehova, kuzo siye sifunde ngezinto esizifumana eBhayibhileni ezisinika uxolo nendlela esinokuzisebenzisa ngazo ebomini bethu. Ukuze ufumane iholo elikufutshane nawe, okanye ucele ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile samahala ngomnye wamaNgqina kaYehova esebenzisa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! sicela ungene ku-jw.org/xh.