Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Umama Notata Abafundanga—Ndinokubahlonela Njani?
UTHOMAS EDISON waziwa kulo lonke ihlabathi njengowavelisa ibhalbhu yombane. Ngokufanayo uHenry Ford waziwa kulo lonke ihlabathi ngokuqalisa kwakhe iindlela zobuchule zokuvelisa izinto ezininzi ngaxeshanye kwimizi-mveliso. Kodwa ngaba ubusazi ukuba bobabini uHenry Ford noThomas Edison babenemfundo encinane yasesikolweni?
Umpostile uPetros noYohane babeziintsika zebandla lamaKristu lokuqala. Babezizithethi zenyaniso ezikhaliphileyo nezingamaciko. Sekunjalo, kwakusithiwa ‘bangabantu abangenamfundo, nabangenakwazi’ xa kufikelelwa kwimfundo yasesikolweni.—IZenzo 4:13.
Ewe, kuyo yonke imbali bekukho amadoda nabafazi abaye baphumeza izinto ezinkulu phezu kwako nje ukuba benemfundo encinane yasesikolweni. Ibe akukho mntu uqiqayo ubeya kubajongela phantsi ngenxa yoko. Ngoko ke, ngokucacileyo, kubandakanyeke okungakumbi ekuxabisekeni nasekundilisekeni komntu kunemfundo yasesikolweni.
Oku akuthethi ukuba imfundo yasesikolweni ayibalulekanga okanye ukungabi namfundo, okuthetha ukungakwazi ukufunda nokubhala, akuyongxaki. Kumazwe amaninzi, umntu ongenaso isiqinisekiso semfundo yamabanga aphakathi unengxaki enkulu ekufumaneni umsebenzi. Ubani ongakwaziyo ukufunda akanako ukudimbaza ubutyebi bolwazi olusezincwadini nakumaphephancwadi. Umntu ongakwaziyo ukubhala usenokuphoxeka xa ecelwa ukuba atyobele igama lakhe okanye azalise ifomu ethile.
Noko ke, kuthekani ukuba abazali bakabani abafundanga? EAfrika nakwezinye iindawo kumazwe asakhasayo, akunto ingaqhelekanga ngolutsha olufundileyo ukuba lube nabazali abangakwaziyo ukufunda nokubhala. Nkqu nakumazwe ahambele phambili kwezempucuko, lumbi ulutsha lunamathuba athile amahle angokwemfundo abangazange bawanandiphe abazali balo. Sekunjalo, ukuba oku kunjalo kwimeko yakho, uvakalelwa njani ngabazali bakho? Ngaba uziva uphoxekile kuba bengafundanga? Okanye, okubi ngakumbi, ngaba maxa wambi uvakalelwa kukuba abazi nto yaye abayifanelanga intlonelo?
Isizathu Sokuba Kufanelekile Ukubahlonela
Ukuba iimvakalelo ezinjalo ezilandulayo ziyakufikela ngamaxesha athile, kusenokukunceda ukukhumbula isibakala sokuba uThixo ufuna ukuba ubahlonele abazali bakho. Eyabase-Efese 6:2, 3 iyalela isithi: “Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.” Esinye isichazi-magama sikuchaza ukubonakalisa imbeko ngokuthi ‘kukubaphatha ngentlonelo.’ Kwakhona, phawula ukuba, amathemba akho obomi bekamva axhomekeke ekubonakaliseni kwakho intlonelo kubazali bakho. Ukungabahloneli kufana nokungahloneli uThixo.
Ngapha koko, unetyala kubazali bakho kuba bakunika ubomi. Benza konke abanako, ukuze ufumane ukutya, impahla, nekhusi—nto leyo engumsebenzi onzima kumazwe amaninzi asakhasayo—ibe ngokungathandabuzekiyo baseza kuqhubeka besenjenjalo nakwiminyaka ezayo. Akukho xabiso elingokwemali ebelinokuthelekiswa nokuxabiseka kwexesha labazali bakho, inyameko enothando, nolwalathiso olunothando. Ngaba bebeya kujongelwa phantsi ngenxa yokuba bengakhange baxhamle iingenelo ezithile zemfundo? Enoba bafundile okanye abafundanga, bangabazali bakho.
Kwakhona, khumbula ukuba ngabazali bakho abaye bakuxhasa kuyo nayiphi na imfundo yasesikolweni othe wanayo, ngokufuthi bencama okuthile. Ngaba oko akufanele kukwenze ube noxabiso?
Imfundo Abazali Abanayo
Enyanisweni, kunokwenzeka ukuba abazali bakho bafunde ngaphezu kwakho. Imfundo yasesikolweni inikela isiseko esibanzi anokuthi umntu akhele phezu kwaso kubo bonke ubomi bakhe. Kodwa ayikufundisi konke ekufuneka ukwazile ebomini.
Isaci esaziwayo eGhana sithi: “Umntu omkhulu wayekhe wangumntwana, kodwa umntwana akazange abe ngumntu omkhulu.” Abazali bakho banokuthile ongenakukufumana encwadini: amava angokuphila. Ngaba wakhe wasebenza, wahlawula amatyala, wanyamekela abantwana abasebancinane, okanye wanyamekela ikhaya? Abazali bakho bazizisele zenyathi kule micimbi.
IBhayibhile ihlabela mgama kumaHebhere 5:14 ibonisa ukuba amandla okuqiqa kabani ‘aqheliselwa ukucalula okuhle nokubi,’ kungekuphela nje ngokufunda nokufundisisa, kodwa ‘ngokuwasebenzisa’! Ngaloo ndlela abazali bakho bakulungele ukukukhokelela kokulungileyo, ukumilisela engqondweni yakho imilinganiselo elungileyo. Oku kunjalo ingakumbi ukuba abazali bakho bayamoyika uThixo.
Okubangel’ umdla kukuba, amava abazali bakho abanawo kunawe awanciphi nkqu naxa sele umdala ngokwaneleyo ukuba ube nentsapho yakho! IMizekeliso 23:22 ithi: “Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, ungamdeli unyoko akuba mkhulu.” Eli cebiso lanikelwa, kungekhona kubantwana, kodwa kubantu abakhulu abanabazali abalupheleyo. Ewe, nkqu naxa ubani sele emkhulu, kububulumko ukubaphulaphula abazali bakhe, ehlonela ubulumko abaye babuzuza ngenxa yamava. Abazali basenokuba abafundanga, kodwa oku akuthethi ukuba isiluleko sabo asixabisekanga.
Abafundanga Kodwa Bayaphumelela
Amava obomi bokwenene olutsha oluye lwakhuliswa ngabazali abangafundanga akuzekelisa ngokufanelekileyo ukunyanisa koku kwandulelayo. UKwabena, oselula waseGhana, uthi ngomama wakhe ongafundanga: “Wayengumqeqeshi ongqongqo. Ndiye ndakhulela ekubeni ndimthande ngakumbi, ngenxa yokuxabisa imilinganiselo elungileyo athe wayibethelela engqondweni yam ukuze ndilungelwe. Oosisi bam bangabafazi abanempumelelo, ibe oku kuzisa udumo oluhle kumama.”
Kwelinye icala, uReginald, wakhuliswa ngutatomkhulu wakhe naye owayengafundanga. UReginald ukhumbula oku: “Ulwalathiso awayendinika lona yayilolobuntu obukhulu ibe lwalulungelelene, lufaka isandla ekubeni ndikwazi ukunyamekela iimbopheleleko ezinzulu kwasebuntwaneni bam.”
UKwasi ngomnye oselula waseGhana onomama owayengazange axhamle iingenelo zemfundo yasesikolweni. Ngaba oku kwambeka kwingxaki enzulu ngonyana wakhe? Akunjalo. UKwasi ukhumbula oku: “Bendisoloko ndimthanda umama ngenxa yobuchule bakhe obungokwasengqondweni. Wayengumrhwebi, ibe ebudeni beminyaka yam yokuqala kwisikolo semfundo yamabanga aphakathi, nanini na efuna uncedo lwezibalo, kwakuye kufuneke ukuba ndide ndibale ephepheni. Yena wayebala ngentloko. Ngokufuthi yayiba nguye ofumana iimpendulo ezichanileyo kuqala!”
Yiba Luncedo Kubazali Bakho!
Kuyinyaniso ukuba, ukuba ngofundileyo kukunika amathuba athile amahle. Kodwa esi ayisosizathu sokuba ubaphathe abazali bakho ngendelelo. Njengoselula, uYesu Kristu wayenento nje enye abazali bakhe ababengenayo. Wayefezekile. Sekunjalo, ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba “wabalulamela.”—Luka 2:51.
Ngenxa yoku, ngaba uye wakucingisisa ukuba unokubusebenzisa njani ubuchule onabo ukuze kungenelwe abazali bakho. Ngokomzekelo, basenokukuxabisa ukuba ubafundele iileta zabo, amaphephandaba, iBhayibhile, neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Okanye basenokungenelwa ngokuthi ubabhalele iileta okanye ubazalisele iifomu.
Khumbula ukuba, xa uYehova uThixo enceda abantu bakhe, ‘unika bonke engenakumbi, engangcikivi.’ (Yakobi 1:5) Ngamanye amazwi, akaze asenze sivakalelwe kukuba sizizidenge kuba siye safuna uncedo lwakhe. Ngoko ke qhubana nabazali bakho ngendlela ehloniphekileyo, enobubele, yaye ngokunokwenzeka ngakumbi baya kulwamkela uncedo lwakho.
Ekubeni ubuchule bokufunda nokubhala bubobusebenzisekayo kwibandla lamaKristu, usenokude ngokunentlonelo ubakhuthaze abazali bakho ukuba basebenzise amalungiselelo awahlukahlukeneyo okufunda asenokufumaneka. Okubangel’ umdla kukuba, kumazwe amaninzi apho ukungafundi kwesameleyo khona, iHolo YoBukumkani yamaNgqina kaYehova ngokufuthi isetyenziswa njengesazulu sokufunda. Mhlawumbi ilizwi elithambileyo lokubakhuthaza elivela kuwe lisenokuba koko kufunekayo ukubashukumisela ekubeni basebenzise eli thuba locwangciso lwemfundo olunikelwa apho.
Kumazwe athile aseAfrika, abantwana balinda de abazali babo bafe ukuze babonakalise “imbeko yokugqibela” kubo ngokubathengela ibhokisi yomngcwabo exabiso likhulu. Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukubonakalisa intlonelo enzulu ngabazali bakho ngoku ngoxa besaphila! Ungaze uzive uphoxekile kuba babewavinjiwe amathuba athile amahle ngoxa babesebatsha. Baneempawu ezikugqwesa ngakumbi ukuswela kwabo imfundo yehlabathi. Ngalo lonke ixesha bonakalisa intlonelo kubo, kokubini ngelizwi nangesenzo. Yiba ‘ngothozame kakuhle,’ nkqu naxa ungavumelani nabo. (Yakobi 3:17) Kuxabise ukufudumala, uthando, nobulumko abazali bakho abanabo, mpawu ezo ezithetha okungakumbi lee kunokukwazi ukufunda nokubhala.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Abazali basenokuba sisisele senyathi ngamacebiso nkqu naxa beswele ubugcisa bemfundo