IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 4/8 iphe. 19-20
  • “Beka Uyihlo Nonyoko”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Beka Uyihlo Nonyoko”
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Bekani Abantu Bonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Yiba Nembeko Kwabanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Mbeke UYehova—Ngoba Yaye Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Yibani Nembeko Kulowo Imfaneleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 4/8 iphe. 19-20

“Beka Uyihlo Nonyoko”

LOO MAZWI adluliselwa kuthi esusela kumaxesha amandulo, kwiinkulungwane ngaphambi kwexesha likaKristu. Eziswa evela encotsheni yentaba, ebhalwe elityeni ngomnwe kaThixo. UMoses wayesetyenziselwe ukukhokela amaSirayeli awayethinjiwe ewakhulula kubukhoboka baseYiputa, ukuwela uLwandle Olubomvu nokuza kumisa iintente emazantsi exandeka leNtaba yeSinayi. Emva kokuchitha iintsuku ezingama-40 nobusuku bazo ekunye noYehova kwiNtaba yeSinayi, uMoses wehla namacwecwe amatye ekwakubhalwe kuwo iMithetho Elishumi.​—⁠Eksodus 34:​1, 27, 28.

Kwelinye lala macwecwe kwakubhalwe umthetho wesihlanu, ngoku ofumaneka eBhayibhileni kwiEksodus isahluko 20, indinyana 12. Ifundeka ngolu hlobo: “Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.” Ngokutsho kompostile uPawulos, lo “ngumthetho wokuqala onedinga,” idinga elileli: “Ube nexesha elide emhlabeni.”​—⁠Efese 6:​1-⁠3.

Ukubonakala okoyikekayo komlilo nomsi nokunyikima kweNtaba yeSinayi ebudeni bokunikelwa kweMithetho Elishumi ngendlela echukumisayo kwakubonisa ukubaluleka kwayo, kuquka owesihlanu, ukubeka uyihlo nonyoko. Kubandakanyeke ntoni ekubabekeni okulolu hlobo? Kungekuphela nje imbeko nentobelo kodwa kwanenyameko nenkxaso yezinto eziphathekayo xa kuyimfuneko.

Oku kwenziwa kwacaca kwiinkulungwane ezithile kamva xa uYesu wangqubana nababhali nabaFarisi ngokuphathelele izithethe zabo. UYesu wabonisa ngokuphandle ukuba xa babengabaxhasi ngezinto eziphathekayo abazali abasweleyo, babesilela ukubeka uyise okanye unina. Njengoko kubhalwe kuMateyu 15:​3-⁠6, wathi kubo: “UThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.”

Kwimeko kaYesu, wabathobela abazali bakhe, ebalulamela.

(Luka 2:​51) Kwiminyaka kamva, xa wayesecicini lokufa kumthi wentuthumbo, wabonakalisa ukumbeka unina ngokwenza ilu-​ ngiselelo lothando lokuba uthile amnyamekele aze amxhase.​—⁠Yohane 19:​25-⁠27.

Umpostile uPawulos wayesazi kakuhle ukuba uThixo wayefuna ukuba abantwana, kwanabazukulwana babanyamekele abazali abasweleyo. Ibe, okubangel’ umdla kukuba, wakunxulumanisa oko kunceda ngezinto eziphathekayo kunye nokubabeka: “Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene. Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.” (1 Timoti 5:​3, 4) Abazali bakho bakunyamekela ngoxa wawulusana nomntwana ongenakuzenzela nto; ngoku ekwaluphaleni kwabo, nawe ufanele ubancede kwiintswelo zabo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share