Ukuqalisa Nokuwohloka Kwenkqubo Yorhwebo Lwehlabathi
Icandelo 1b—Kutheni Sifanele Sihlolisise Inkqubo Yorhwebo?
KUNZIMA ukuthelekelela ihlabathi elingenalungquzulwano lwezobupolitika, iingxabano zonqulo namaxhala ezoqoqosho. Umhla nezolo ezobupolitika, unqulo nezorhwebo zisichaphazela ngeendlela ezininzi. Ukuba ubunokuzishenxisa ezi ntsika zintathu zebutho loluntu, umphumo ubuya kuba yintlekele.
Nanini na amaqela abantu ehlala kunye, inkqubo ethile yezoqoqosho—inkqubo yokunyamekela amakhaya—ibalulekile ekulungiseleleni izinto neenkonzo ezifunekayo kuwo. (Bona ibhokisi engezantsi.) Ngoko naliphi na ikhaya lizabalazela ukuma kakuhle ngokwezoqoqosho. Ngokufanayo, uqoqosho lwawo nawuphi na urhulumente lubandakanya iinkalo ezine ezisisiseko: (1) ukufumanisa iimpahla nemisebenzi efanele ukuveliswa, (2) ukugqiba ngendlela ezo mpahla nemisebenzi enokuveliswa ngayo, (3) ukufumanisa indlela oko kuvelisiweyo okunokwabiwa ngayo kwandule (4) kulungelelaniswe imicimbi khon’ ukuze ezoqoqosho zande ngesantya esifanelekileyo nokuze bonke abantu bafumane umsebenzi.
Iinkqubo zoqoqosho eziveliswe ngabantu ngokungathandabuzekiyo ziye zenza ubomi balula ngakumbi, zisivelisela izinto nemisebenzi ebesingenakukwazi ukuzivelisela thina ngokwethu. Ngokufuthi ezi nkqubo ziye zayandisa kakhulu imigangatho yokuphila. Unxibelelwano oluphuculiweyo lusivumela ukuba sifikelele abantu abakuwo nawuphi na ummandla wehlabathi nje kwimizuzwana embalwa ngemfonomfono, sidlulisele inkcazelo kubo ngefax nje kwimizuzu embalwa kwanokuba nje kwiiyure ezimbalwa sikwazi ukuthi tsii gxada siye kuncokola nabo ubuso ngobuso.
Sekunjalo, asinakusityeshela isibakala sokuba inkqubo yorhwebo iphembelela abantu ngendlela enomphumo ongakumbi. Ndawonye nonqulo nezobupolitika, inokuchaphazela kwanekamva lethu.a Ngoko kufanelekile ngoku ukuphethulela ingqalelo yethu kwinkalo yesithathu eyintloko yebutho labantu, inkqubo yorhwebo. Kwenzeka njani ukuba ibe namandla kangaka? Isingise phi? Oku kusichaphazela njani ngokobuqu?
[Imibhalo esemazantsi]
a UVukani! uye wapapasha ungcelele lwamanqaku amabini abonisa ngokucacileyo indlela oku okuyinyaniso ngayo ngenkqubo yonqulo neyezobupolitika. “Ikamva Lonqulo Ngenxa Yoko Kwenzeke Kulo Kwixa Elidlulileyo,” kwinkupho kaJanuwari 8, 1989 ukusa kwekaJanuwari 8, 1990; “Ulawulo Lomntu Lulinganisiwe Esikalini,” kwinkupho ka-Agasti 8, 1990 ukusa kwekaJanuwari 8, 1991.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Ukuchaza Inkqubo Yorhwebo
Usenokukufumanisa kunzima ukuchaza amagama anjengathi “urhwebo,” “unaniselwano,” “imveliso,” “ushishino” nelithi “ezoqoqosho.” ICollins Cobuild English Language Dictionary iluchaza “urhwebo” ngokulula ‘njengemisebenzi neenkqubo ezibandakanyekileyo ekuthengeni nasekuthengiseni izinto.’ Oku kubandakanya “unaniselwano,” lona ‘oluyinkqubo yokuthenga, ukuthengisa okanye ukutshintshiselana ngezinto okanye ukwenzelana kwabantu, imizi-mveliso okanye amazwe imisebenzi ethile.’ Kambe ke, impahla ifanele yenziwe ize ihlolwe kuqala ngaphambi kokuba ithengiswe, oko kwaziwa ‘njengemveliso.’ Yaye umsebenzi onokuthanani norhwebo nonaniselwano ubizwa ngokuba ‘lushishino.’
Yona inkqubo “yezoqoqosho,” “ikukufunda ngendlela yokuvelisa ubutyebi nokusetyenziswa kwempahla nokwenzelwa kwebutho labantu imisebenzi ethile, nokulungelelaniswa kwemali yabo, imveliso nonaniselwano.” Okusinika imbono ephangaleleyo ngentsingiselo yeli gama sisibakala sokuba lisuka kwelesiGrike elibhekisela kwindlela yokunyamekela ikhaya okanye umhlaba.