Uluntu Lulangazelela Ihlabathi Elitsha
UKULANGAZELELWA kwehlabathi elitsha akuzange kwaba kukhulu kunangoku. Iminyaka engamashumi asibhozo edluleyo yeemfazwe, iziphithiphithi, iindlala, iindyikitya zezifo, ulwaphulo-mthetho nongcoliso ibixhomis’ amehlo. Uluntu lufuna ngamehl’ abomvu ihlabathi elitsha loxolo. Zisabela kulo mnqweno, iinkokeli zehlabathi ziye zaqalisa ukuthetha ngokwenza elo hlabathi litsha.
Akuthandabuzeki ukuba uye weva okanye wafunda ngeentetho zamadoda abalaseleyo evakalisa ukuba ihlabathi elitsha liselundini phayaa. Umongameli waseUnited States uGeorge Bush kwintetho yakhe ngoSeptemba 1991 wathi: “Ngale ngokuhlwa, njengokuba ndibona uthotho lwezehlo ezivus’ umxhelo zolawulo-melo zivela jikelele ehlabathini, mhlawumbi—mhlawumbi sisondele kakhulu kwelo hlabathi litsha kunanini na ngaphambili.”
Njengobungqina bokuba ihlabathi elitsha lisondele, iinkokeli zehlabathi zalatha ekupheleni kweMfazwe Yomlomo phakathi kwamazwe amanyeneyo aseMpuma nawaseNtshona. Eneneni, njengokuba kuye kwaphunyezwa iinkqubo zokupheliswa kwezixhobo zitsho zehla izibilini ehlabathini. Ukuncitshiswa kwezixhobo zenyukliya komeleza ithemba labantu abaninzi lehlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko.
NgoAprili walo nyaka, uGeorge McGhee, owayesakuba ngusekela-sosiba welizwe ebudeni bolawulo lomongameli waseUnited States uJohn F. Kennedy, wathi: “Ngoku sinethuba—eneneni, eliyimfuneko—lokuba siqulunqe ucwangciso lwenkqubo yehlabathi elitsha elisekelwe kwiingcamango ezintsha zonqabiseko.” Wahlabela mgama wathi: “Ndikholelwa kwelokuba, elona themba liqinisekileyo ngenkqubo yehlabathi elitsha enempumelelo lixhomekeke, ekomelezweni kwamaqhina entlangano yamazwe ngamazwe.”
Lo kaMcGhee wathi ukunqumamisa kweFransi uvavanyo lwenyukliya ukusa ekupheleni kowe-1992 ‘kwakuyindlela yokweyisela namanye amagunya anezixhobo zenyukliya ukuba aland’ ekhondweni.’ Kwakhona walatha “ukuqalisa kweRashiya ukunciphisa ukufunjwa kwezixhobo zenyukliya nokuyeka ukuhlala ilugcwabevu ilungele isenzo kwimikhosi yenyukliya ehlaselayo.”
Ngokubhekele phaya, kwintlanganiso yeenkokeli zehlabathi eLondon ngoJulayi 1991, ezisixhenxe kuzo zathi ungquzulwano lwemfazwe kwiPersian Gulf “lwaqinisa ubuchule bentlangano yamazwana ngamazwana bokusebenzisana ‘ekubuyiseleni uxolo nonqabiseko lwezizwe ngezizwe nokuphelisa ungquzulwano.’”
Luhlobo Olunjani Lwehlabathi Elitsha?
Konke oku kuvakala kukhuthaza. Kodwa khawuzibuze, Luhlobo olunjani lwehlabathi elitsha iintlanga ezinethemba lokulenza? Ngaba lihlabathi elingenazixhobo, elingenamfazwe?
Lo kaMcGhee uphendula athi: “Ukuba imfazwe ayiphepheki, iMerika imele ihlale ime kakuhle ngezixhobo ukuze ikwazi ukufak’ isandla kuyo nayiphi na imfazwe esenokuvela okanye ikwazi ukuzikhusela.” Ngoko iinkokeli zehlabathi azikuxhasi ukupheliswa kwezixhobo ngokupheleleyo, nokupheliswa kwemfazwe, ukuba kunjengokuba lo kaMcGhee watshoyo, “imfazwe ayiphepheki.” Lilonke oorhulumente abanako ukuthembisa ngehlabathi elitsha elingenamfazwe. Enyanisweni, bayazi ukuba abanakuze balenze ihlabathi elinjalo.
Ngokomzekelo, khangela koko sele kwenzekile. INew York Times kaMeyi 17 1992, kumxholo wayo othi “ULungelelwaniso Lwehlabathi Elitsha” umbhali wemihlathi uAnthony Lewis wabhala oku: “Xa ndandibukele imifanekiso kamabonwakude yemijukujelwa ezidubulela ngokwayo iphoswa [eSarajevo, eBosnia naseHerzegovina,] yaye abangabandakanyekanga ekulweni betyhwatyhwa luloyiko, ndacinga ukuba impucuko ayizange ihambele phambili susela oko amaNazi aphosa iibhombu eRotterdam. Into ekufane kuthiwe lulungelelwaniso lwehlabathi elitsha.”
Kanti, ngaphandle kokupheliswa kwemfazwe, kukho nezinye iingxaki ezininzi ezifuna ukuconjululwa ukuze kwenziwe ihlabathi elitsha elanelisayo. Qwalasela ungcoliso oluyingozi olonakalisa ngokuthe ngcembe umoya, umhlaba neelwandle zethu; amaqela adumileyo olwaphulo-mthetho nemibutho engekho mthethweni ethengisa iziyobisi eziphanga izinto nempilo yezigidi zabantu; ukutshatyalaliswa kwamahlathi ngokungenalusini okufak’ isandla kukhukuliseko lomhlaba kuze ekugqibeleni kukhokelele kwimikhukula etshabalalisa izityalo.
Ngokubhekele phaya, kusafuneka kunyangwe izigulo ezoyikekayo, kuquka isifo sentliziyo, umhlaza, uGawulayo, ileukemia nesifo seswekile. Yaye kuthekani ngeengxaki zobuhlwempu, ukungabi namakhaya, ukunqongophala kokutya namanzi, ukungondleki, ukungafundi nokonakaliswa kocwecwe lweozone? Eneneni, singabala de kuse. Ezi ngxaki zihlasimlisayo zifana nemfumba yeebhombu ezisebenza ngexesha ezicutshiweyo. Umntu umele azicime ngoku ngaphambi kokuba zidubule zize zenze umtyukatha weentlekele ezinokukhokelela ekutshabalaleni kwakhe. Ngaba unokumisela ihlabathi elitsha ukuze ekuhambeni kwexesha enze oku?
Kangangeminyaka imibutho neenkomfa bezibila zisoma zizama ukulungisa iingxaki zomhlaba. Sekunjalo, ezi ngxaki azikhange nje ziphelele ekubeni zande kodwa kuye kwavela ezintsha neziyingxaki ngakumbi. Ngaba ukoyisakala komntu ukucombulula ezi ngxaki kuthetha ukuba ukulangazelela koluntu ihlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko kulilize? Ngentembelo sinokuphendula sithi akunjalo! Khawuqwalasele isizathu sokuba sitsho.