IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g94 1/8 iphe. 30-32
  • Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?
  • Vukani!—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqiqa Ngendlela Ephosakeleyo
  • Akukho Nto Ifihlakeleyo
  • Indlela UYehova Avakalelwa Ngayo
  • Abazali Abenzakeleyo
  • Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ndinokwahlukana Njani Nobomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
  • Kutheni Ndingafanele Ndiphile Ubomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
  • Lutsha—Kulumkeleni Ukuphila Ubomi Obumbaxa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Vukani!—1994
g94 1/8 iphe. 30-32

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?

URobert uyavuma: “UMama noTata babehamba nam xa besiya kwiintlanganiso zamaKristu, ibe ndandikwazi ukwahlula okulungileyo kokubi. Kodwa ndandifuna ukuthandwa ndize ndamkelwe ngabanye abantwana esikolweni. Ngoko ukuze ndamkeleke ndize ndithandwe, ndaqalisa ukutshaya xa ndandikwibanga lesine. Xa ndandikwibanga lesihlanu, ndaqalisa ukusebenzisa iLSD nokutshaya umya. Xa ndandikwibanga lesithandathu, ndaqalisa ukutofela isiyobisi esibizwa ngokuba yispeed. Ndabhanxa wonke umntu—kodwa ndandingonwabanga.”

ULUTSHA oluninzi namhlanje—kuquka noluthile olukhuliswe ngabazali abangamaKristu—luphila ubomi obumbaxa. Asilulo lonke olusebenzisa iziyobisi, njengoko wenzayo uRobert. Kodwa xa lungabonwa ngabazali balo, lumbi ulutsha lwenza amadinga ngasese, lusela utywala, lunxiba impahla engaqhelekanga, luphulaphula umculo ongalawulekiyo, luya kumatheko angalawulekiyo, ibe lubandakanyeka kwezinye izinto ezininzi ezingafunwayo okanye ezalelweyo ngabazali balo. Ngaba nawe ulandela indlela enjalo yobomi?

Ukuba kunjalo, mhlawumbi uyazi ukuba oko ukwenzayo kuphosakele. NjengoRobert, usenokude ube nesazela esinetyala. (Roma 2:15) Sekunjalo, ukucinga ngokuchaza izenzo zakho eziphosakeleyo kubazali bakho akuyolisi. Ibe xa ucinga ngoko kusenokuba yimiphumo yoku, ukuqiqa ngokuthi ‘Oko abazali bam bangakwaziyo akusayi kubenzakalisa’ kusenokubonakala kusengqiqweni. Kodwa kunokukwenzakalisa wena.

Ukuqiqa Ngendlela Ephosakeleyo

Ngokomzekelo, usenokuvakalelwa kukuba unezikhalazo ezivakalayo ngendlela abazali bakho abazenza ngayo izinto. Mhlawumbi kunjalo. Kodwa nokuba maxa wambi bangqongqo ngokungekho ngqiqweni, abanxibelelani nawe, okanye benza izinto ngegunya, ngaba oko kuyakuthethelela ukuqhubeka ungabathobeli? Oko akunjalo ngokweLizwi likaThixo, eliluleka lisithi: “Balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.” (Kolose 3:20) Ibe kuthekani ukuba uvakalelwa kukuba unesizathu esivakalayo sokucatshukiswa ngabazali bakho? Ngaba kusengqiqweni ukubonakalisa loo msindo ngokwaphula imilinganiselo kaThixo ngasese? Enyanisweni, ngoko ubuya kuba wenza ngokungathi ‘ujalela uYehova.’ (IMizekeliso 19:3) Into elungileyo omele uyenze kukuya kubazali bakho uze ngokuzolileyo uxubushe nabo ngazo naziphi na izikhalazo onazo.—IMizekeliso 15:22.

Enye into ephosakele ngokufanayo yinkolelo yokuba ngokuthi cwaka ukhusela abazali bakho ekuphazamisekeni ngokweemvakalelo. Enye inkwenkwe ene-16 leminyaka ubudala yathi: “Ndandingayithethi into eyayibadanisa [abazali bam].” Kwakhona, ukuqiqa ngobuqhinga ngolo hlobo kukuzikhohlisa. Njengoko iBhayibhile ikubeka, kufana nemeko yomntu othile owenza izinto ‘ngokugudileyo emehlweni akhe, zide zimfumanise ubugwenxa bakhe, zimthiye.’ (INdumiso 36:2) Xa ngokwenene unenkathalo ngeemvakalelo zabazali bakho, uphepha ukungathobeli kwasekuqaleni. Ngaphezu koko, nawaphi na amalinge okubafihlela izinto mhlawumbi aya kungqineka elilize, kuba ngokungathandabuzekiyo abanye sele besazi ngobomi bakho bangasese.

Akukho Nto Ifihlakeleyo

AmaSirayeli amandulo akufumanisa oku xa azama ukuphepha isohlwayo ngokufihla isono sawo. Umprofeti uIsaya walumkisa: “Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo; bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo?” (Isaya 29:15) AmaSirayeli alibala ukuba uThixo wayezibona izenzo zawo ezibi. Ngexesha elifanelekileyo, wawaphendulisa ngenxa yobugwenxa bawo.

Okufanayo kwangqineka kuyinyaniso ngamanye amaKristu ebandla lenkulungwane yokuqala. Zifundele kwiZenzo 5:1-11 ingxelo engoHananiya nomfazi wakhe, uSafira. Xa kwaqaliswa ingxowa-mali ekhethekileyo ukuze kunyanyekelwe amaKristu asweleyo, uHananiya wathengisa umhlaba waza ngenkalipho wathi wayenikela ngako konke awayekufumene. Noko ke, enyanisweni, uHananiya ‘washinta kulo ixabiso layo’ ukuze azithabathele lona. Ngaba uThixo wakhohliseka bobu bubele benkohliso? Nakanye. Umpostile uPetros wathi: “Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo. Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, [“wafa,” NW].” USafira, owadlelana naye kobo bubi, wabulawa kungekudala emva koko. Kuyabonakala ukuba bobabini balibala ukuba uThixo ‘uyazazi iindawo ezifihlakeleyo zentliziyo.’—INdumiso 44:21.

Ngokukwanjalo namhlanje, nokuba uyifihla ngokunempumelelo ihambo yakho embi kubazali bakho, akunakuyifihla kumehlo aphaphileyo kaYehova uThixo. AmaHebhere 4:13 athi: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthanani naye.” Ngaba kunokwenzeka ukuba uvakalelwa kukuba utyhileke nangaphezu koko? Ekuhambeni kwexesha izono zakho ezifihlakeleyo ziya kutyhileka nakwabanye ngokufanayo. IMizekeliso 20:11 ithi: “Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo, nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.” Omnye umzekeliso uthi: “Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo.”—IMizekeliso 28:13.

Ibhinqa eliselula eligama linguTammy lakufunda oku ngoxa laliselula. Nakubeni lalikhuliswe ngabazali abangamaKristu, laqalisa ukutshaya, ukusela nokwenza amadinga nabangakholwayo. UTammy wazama ngamandla ukugcina ububi bakhe bufihlakele, kodwa ukhumbula oku: “Abazali bam baphawula iinguqulelo ezithile kum. Ndaba nemvukelo ndaza ndaba nesimo sengqondo sokufuna ukuzilawula. Xa umntu ephila ubomi obumbaxa, ngokuqinisekileyo oko kuya kubhenceka kungekudala. Kweyam imeko, kwenzeka ngokukhawuleza. Utata wandibhaqa ndikunye nenkwenkwe endandithandana nayo kwisikolo esikufutshane.”

Indlela UYehova Avakalelwa Ngayo

Ngoko ke, oko abazali bakho bangakwaziyo kunako—ibe kunokwenzeka ukuba kuya—kubenzakalisa ekuhambeni kwexesha. Okubaluleke nangakumbi kukuba, ngaba ukhe wazibuza ukuba, ‘UYehova uvakalelwa njani ngabo baphila ngenkohliso?’ INdumiso 5:5, 6 iyaphendula: “[UYehova] uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga. Uyabatshabalalisa abathetha amanga; indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.” Musa ukuzikhohlisa ngokucinga ukuba unokumxolisa uThixo ngokusuka nje ubonakalise ukuzinikela xa usiya kwiintlanganiso zonqulo. Uyazi xa abantu ‘bembeka ngomlomo, kanti yona intliziyo yabo ikude lee kuye.’—Marko 7:6.

Oselula ogama linguRicardo, owabandakanyeka kwisenzo sokuziphatha okungcolileyo ngokwesini, ngenxa yoku uyavuma: “Umntu uba nemvakalelo embi xa esazi ukuba umenze buhlungu uYehova.” Kodwa ngaba ngokwenene kunokwenzeka ukumenza buhlungu uYehova—oko kukuthi, umenze azive enzakele? Eneneni kunokwenzeka! Xa uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli lwawutyeshela uMthetho kaThixo, ‘lwamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.’ (INdumiso 78:41) Hayi indlela amele ukuba uba buhlungu ngayo xa ulutsha olukhuliselwe “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi” lusenza izinto eziphosakeleyo ngasese!—Efese 6:4.

Abazali Abenzakeleyo

Ngoko ke, qonda ukuba, akunakuze uzifihle izinto ngonaphakade. Umele umxelele inyaniso uThixo, abazali bakho, nesiqu sakho uze uyivume loo nto ubuyenza ngasese. Kuyavunywa ukuba, oku kunokuphumela ekuphoxekeni ibe mhlawumbi nakwimiphumo ebuhlungu. (Hebhere 12:10, 11) Ukuba ubuqhubeka nekhondo lokuxoka nelokukhohlisa, usenokuba wenze abazali bakho baphelelwa yintembelo kuwe. Ngoko musa ukumangaliswa kukubona bekubekela imiqathango engakumbi kunangaphambili. UTammy ukhumbula oku: “Emva kokuba wandibhaqa ndikunye nenkwenkwe endandithandana nayo, utata waba noloyiko. Ngoku wayeqonda ukuba ndandingasenakuthenjwa. Oku kwathetha ukuba ndandisoloko ndibekw’ esweni.” Kodwa uTammy waqonda ukuba kuphela wayevuna oko wayekuhlwayele.—Galati 6:7.

Kwakhona unokulindela ukuba abazali bakho babe buhlungu okanye babe nomsindo. Igama nodumo lwabo lubekwe ibala. (Thelekisa iGenesis 34:30.) Ukuba utata wakho ungomnye wamaNgqina kaYehova, kusenokwenzeka ukuba kuye kwafuneka ancame amalungelo akhe athile ebandla. (Tito 1:5-7) Ewe, kunjengoko IMizekeliso 17:25 isitsho, oselula onemvukelo unokuba ‘bubuhlungu kuyise aze abe bubukrakra kumzalikazi wakhe.’

Umbhali uJoy P. Gage uchaza kabuhlungu indlela abanye abazali abavakalelwa ngayo xa umntwana evukela. Uthi: “Bambi bakhala ngokuzolileyo. Bambi bakhala ngokungathuthuzelekiyo. Bambi bakhala ngasese. Bayakhala ngenxa yako konke okwenzeke kwixesha elidluleyo. Bayakhala kuba ngephanyazo akusekho kamva kwakhona. Bayakhala ngenxa yoko ngokuqinisekileyo kuza kwenzeka. Bayakhala ngenxa yomsindo. Bayakhala ngenxa yonxunguphalo.” Kuyaqondakala ukuba, akuyi kuba lula ukujongana nesibakala sokuba uye wabangela intlungu enjalo kubantu ababini abakuthanda ngaphezu kwakhe nabani na emhlabeni. UTammy uthi: “Ndicinga emva ndize ndinqwenele ukuba akwaba ndandingazange ndibangele intlungu enjalo kutata nakumama.”

Noko ke, akunakubuyela emva uze ukuguqule oko kwenzeke kwixesha elidluleyo. Nakubeni ngokungathandabuzekiyo kuya kuba nzima yaye kube buhlungu, unembopheleleko yokuzama ukulungisa izinto. (Thelekisa uIsaya 1:18.) Oko kuthetha ukuxelela abazali bakho inyaniso, wamkele isibakala sokuba babuhlungu yaye banomsindo, wamkele naluphi na uqeqesho oluvela kubo. Ukuthetha kwakho inyaniso kunokuba linyathelo lokuqala ekuziseni uvuyo kwiintliziyo zabazali bakho, nakwintliziyo kaYehova uThixo, ibe uya kuzuza ulwaneliseko oluvuyisayo lokuba nesazela esicocekileyo.—IMizekeliso 27:11; 2 Korinte 4:2.

Kodwa uya kubaxelela njani abazali bakho? Unokukuphepha njani ukuphila ubomi obumbaxa? Le mibuzo iya kuxutyushwa kwinkupho yethu elandelayo.

Ukuba, emva kokufunda eli phephancwadi, unayo nayiphi na imibuzo ngeBhayibhile, zive ukhululekile ukuqhagamshelana namaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani ekummandla okuwo, okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi. (Bona iphepha 5.)

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Ukuthetha inyaniso kunokuzisa isiqabu kuwe nakubazali bakho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share