Iintonga Ezisekhosi ZobuSathana—Iziyobisi Nomculo Onesingqi Esinamandla
UCARL A. RASCHKE, usomaqhuzu kwiUniversity of Denver Institute of Humanities, wabhala oku: “Asingomabona-ndenzile into yokuba iziyobisi, [umculo] onesingqi esinamandla, inkohlakalo nogonyamelo lokungcola zibe ziye zayimiqondiso eyoyikekayo yokuba uluntu lonakele njengokuba sisiya kwishumi lesithathu leminyaka leSizukulwana sikaSathana.” Wakwathi: “Usenokuthi umculo werock onesingqi esinamandla unxulumene nobuSathana kanye njengokuba umculo wevangeli unxulumene nobuKristu. Yimbinana yabantu eye yaguqukela kubuKristu ngenxa nje yokuphulaphula umculo wevangeli kunomathotholo. Kodwa umculo onesingqi esinamandla unempembelelo enamandla gqitha. Wenza izinto ezilumezayo abasele bezamkele abantwana zamkeleke ngokusemthethweni.”
La ngamazwi anamandla okumangalela oko ulutsha oluninzi lwanamhlanje lukugqala njengento eqhelekileyo yokucima iintsizi zobomi—umculo onesingqi esinamandla neziyobisi. Ngaba ezi zityholo ziyathetheleleka? Ngaba kunokwenzeka ukuba iziyobisi nomculo onesingqi esinamandla zibe ziimpawu zobuSathana? Khawuqwalasele amagqabaza abo baye bazibonela ngawabo amehlo ugonyamelo lwamalungu obusathana nawabo baye bawahlolisisa.
“Njengokuba kusenokungothusi, isigidimi esikhuthaza imvukelo somculo onesingqi esinamandla, ‘sinonqulo’—ngokwengqiqo yokuba sithetha ngegunya eliphezulu elongamela indalo iphela. Noko ke, eli gunya asingoThixo,” wabhala oko lo kaRaschke, kwincwadi yakhe ethi Painted Black. “Lilawulwa . . . nguSathana.” Ukongezelela, wathi: “Igunya nogonyamelo lobusathana zilutsala ngokulula ulutsha oluphelelwe lithemba nolunesazela esisisidodo. . . . Ulutsha oluneengxaki noluxhatshazwayo, ngenxa yezinto ezimasikizi oluzibone ekukhuleni kwalo, lukholelwa kwelokuba iGunya Eliphezulu limele ukuba linobubi. Umculo onesingqi esinamandla uxhasa le ‘mfundiso’ uze uyibethelele ngomculo.”
Ngokutsho kukaGqr. Paul King weUniversity of Tennessee, owanikela ubungqina ngaphambi kweBhunga likarhulumente waseUnited States ngomculo onesingqi esinamandla, umculo okhethwa yinkungu nelanga yolutsha olukhathazekileyo ngulowo “unemixholo engaqhelekanga yogonyamelo, intiyo, imvukelo, isini esenziwa ngokungcola, ukuxhatshazwa kwamabhinqa nokuzukiswa kukaSathana. Xa lowo uselula esebenzisa iziyobisi, kulula ngakumbi ukuba awukhethe.” Umculo onesingqi esinamandla uyalizukisa yaye uliqhwabel’ izandla igunya lobubi, watsho njalo lo kaKing. Kumculo onesingqi esinamandla, “izenzo zobubi zizukiswa gqitha ezikonsathini,” watsho njalo.
Khawuqwalasele iziqhamo zesigidimi esingaqondakaliyo zomculo onesingqi esinamandla kwezi ngxelo zilandelayo.
Kunyaka ophelileyo eNew Jersey, eUnited States, amakhwenkwe amabini ane-15 leminyaka ubudala abulala ngenkohlakalo inja yentsapho eluhlobo lweLabrador eyayinegama elinguPrincess. Athi: “Yayilidini eliya kuSathana.” Ajingisa le nja ngetyathanga, ayikhaba de yafa, akhupha ulwimi lwayo aza alisebenzisa kwizithethe zobusathana. Abethelela umzimba wale nja orhunuliweyo kwigwegwe elikhulu lesinyithi aza ayixhoma kwibala lendlu yabamelwane. Kwafunyanwa iimpawu zobusathana kwintloko yale nja, nepentagram (inkwenkwezi enamacala amahlanu ekwisangqa—uphawu lobuSathana) yayizotywe emhlabeni phantsi komzimba wale nja. Ngobusuku awabulala ngayo le nja, ayephulaphule iDeicide (gama elo elithetha ukubulawa kukaThixo), iqela lomculo oyideath metal, imvumi yalo ephambili eqhayisa ngokungcungcuthekisa nokubulala izilwanyana.
EKhalifoniya, abanye ababini abathandanayo abakwishumi elivisayo, ngokutsho kwabahlobo, ababezinikele ngokupheleleyo kunqulo lukaSathana, ngenkohlakalo babulala unina weqabane eliyintombazana ngokumhlaba nangokumbetha ngobhobhotyane. Kule ngingqi ikwanye, omnye osemtsha wathandaza kuSathana waza emva koko wadubula uyise wambulala. Abakwantsasana ababephanda ngolu lwaphulo-mthetho babengathandabuzi ukuba esona sizekabani yayingumculo onesingqi esinamandla. Elinye igosa labakwantsasana lathi: “Ngokusisiseko, lo mculo ufundisa ukuba akuyomfuneko ukuphulaphula abazali bakho, nokuba ufanele uphile ubomi ngendlela ofuna ngayo.”
ENgilani amaxhoba awadlwengulwa liqela lezidlwengu ayechazela abakwantsasana ukuba esinye sezidlwengu sasinemivambo yophawu lweqela lomculo onesingqi esinamandla owawunamazwi anesigidimi sokudlwengula nogonyamelo.
EArkansas, eUnited States, omnye okwishumi elivisayo wasemaphandleni wazama ukubulala abazali bakhe ngokubabetha ngegqudu aze abanqunqe ngebhoso. Abakwantsasana bafumana ikhasethi enengoma yeqela lomculo onesingqi esinamandla eyayilungiselelwe ukudlalwa kwisidlali-zikhasethi ethi, “Altar of Sacrifice,” enamazwi athi: “Umbingeleli omkhulu ulindile, uphethe isaphetha ngesandla, uphalaza igazi elimsulwa elicocekileyo. Ukubulala kukaSathana, umbhiyozo wokufa, kuphendula wonke umyalelo wakhe. Ngenela ubuSathana . . . Funda amazwi angcwele okudumisa, ‘Zukisa uSathana.’”
Ngokuphathelele amazwi ezinye iingoma eziculwa ngamalungu akrasayo amaqela omculo onesingqi esinamandla—abalandeli bawo abadla ngokuwalinganisa xa ecula ezikonsathini bekwimpambano yokwexeshana, okanye abadla ngokuwaphulaphula kwiikhasethi ezirekhodiweyo kangangeeyure ezininzi—yiyiphi impembelelo izigidimi ezinjalo ezinayo kulutsha oluthabatheka ngokukhawuleza? Ngokomzekelo, khawuqwalasele, la mazwi: “USathana oyinkosi yethu ekwenzeni ububi usalathisa indlela emasihambe ngayo,” nathi “Phalaza igazi lakho, livumele lehlele kum. Ndibambe ngesandla uze ufe . . . Uliphalazile igazi. Umphefumlo wakho usezandleni zam.”
UCarl Raschke wabhala oku: “Ukuba sele silivuma elokuba izinto ezibonisa amanyala zisenokumkhuthaza umntu oxhaphaza abantwana ngokwesini, kutheni singayamkeli nento yokuba amazwi eengoma athi bulala, rhunula, ngxwelerha, ngcungcuthekisa, tshabalalisa ngokwenene angashukumisa ubani ophazamisekileyo engqondweni enze kanye ezo zenzo?”
Abaphandi abakuzo zonke iindawo banengcamango yokuba ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi nobuSathana zingumtya nethunga. Owayesakuba ngumcuphi ojongene nezinto ezinjengezi uDavid Toma ukhalaza ngelokuba “akazange akhe adibane nomnquli kaSathana ongazisebenzisiyo iziyobisi.” Iphephancwadi i’Teen lanikela ingxelo yokuba ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi kubenza babhideke ngokupheleleyo abakwishumi elivisayo “ababhenela kunqulo lukamtyholi, zibenza baxakwe tu kukwahlula oko kukokwenene noko kubonakala kukokwenene xa beyotywe ziziyobisi notywala.”
Lo kaRaschke wathi: “Ulwalamano olukhoyo phakathi komculo onesingqi esinamandla namakhoboka eziyobisi lufana nolo lukhoyo phakathi kwelottery namakhoboka okungcakaza. Umntwana okwishumi elivisayo osebenzise iziyobisi uye azame ukuba nekratshi, inkohlakalo, ubusela nesini esigqithisileyo—zonke ezi zinto zikhuthazwa kukugxwala nokubhonga kwamaqela omculo onesingqi esinamandla.”
Ngokungathandabuzekiyo, oselula uba lixhoba lempembelelo kaSathana ngokulula xa ingqondo yakhe iphazamisekile naxa izaliswe ziingcinga ezigqwethekileyo nogonyamelo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
Ubani uba lixhoba lempembelelo kaSathana ngokulula xa ingqondo yakhe iphazamisekile naxa izaliswe ziingcinga ezigqwethekileyo nogonyamelo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Uyizalisa ngantoni ingqondo yakho?