Xa Kufuneka Okungakumbi
NANGONA amacebiso amaninzi kumanqaku andulelayo esenokuba luncedo gqitha, maxa wambi kufuneka uncedo olungakumbi kwiimeko ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, uhlolisiso luquka iingxelo zabantwana abangezozityhuthutyhuthu nje kuphela kodwa abakwayingozi kakhulu. Aba bantwana, nangona benyanyekelwa ziintsapho ezinothando, babonakalisa isimilo sabo esitshabalalisayo ngokwaphula izinto, ngokungxolisa abantu, ngokulumeka imililo, ngokudubula ngemipu ngokuhlaba ngeemela (ukuba ziyafumaneka), nangokwenzakalisa izilwanyana, abanye abantu, okanye iziqu zabo, ukuba iingqondo zabo zithi mabenjenjalo. Lilonke, baziziphithiphithi.
Enoba kufuneka bafune uncedo lwezonyango okanye akunjalo, ukuze banyamekele umntwana wabo ngeyona ndlela ilungileyo, kufanele kwenziwe isigqibo sobuqu ngasese. Ntsapho nganye imele izigqibele ngendlela yokuhlangabezana neentswelo zomntwana wayo, icinga ngesiqinisekiso esithuthuzelayo esinikwa abazali kwiMizekeliso 22:6.
Sithetha nje, enye yezona ndlela zonyango kuphikiswanayo ngazo ngumbandela wamayeza. Ezona pilisi zikhutshwayo amaxesha amaninzi, iRitalin, ziye zaneziphumo ezihle nezibi. Iintsapho ezininzi ziye zakholiswa kakhulu yinkqubela yomntwana wazo ngoxa esebenzisa iRitalin okanye ezinye iipilisi ezilungelelanisa ukudlamka. Noko ke, impikiswano ekhoyo isaqhubeka, kungekhona nje kuphela ngokuba luncedo kwezi pilisi kodwa nangokukhutshwa kwazo kakhulu. Enyanisweni, abanye oogqirha bayakuthandabuza ukusebenza kwazo ngokupheleleyo, ngokomzekelo, bathi xa iRitalin isetyenziswe ixesha elide inokuba neziphumo ezisecaleni ezininzi eziyingozi. Noko ke, limelwe libethelelwe kwakhona elokuba iintsapho ezininzi noogqirha babona iziphumo ezisecaleni ezimbalwa nesimilo nenkqubela esikolweni. Okubangela umdla kukuba abantu abakhulu abaninzi abaye bachazwa njengabane-ADD ngoku abasebenzisa amayeza nabo bayavuyiswa ziziphumo. Ngoko ke, ukusebenzisa amayeza kusisigqibo sobuqu esisekelwe kuphando nohlolisiso olwenziwe ngenyameko.
Kwabo baye bazama ukusebenzisa amayeza iziphumo azabi zihle, zikho ezinye iindlela zonyango. Iintsapho ezininzi ziye zafunda zaza zanikela ingxelo ngeziphumo ezihle zonyango lweevithamini nolwemichiza okanye umxube wazo zombini. Njengokuba bekuphawuliwe ngaphambilana, i-ADD/ADHD kwiimeko ezithile ikukungalungelelani kwemichiza engqondweni ekuthiwa olu nyango luyayilungisa.
Ukongezelela, kukho abanye oothunywashe bambi abakholelwa ukuba ngabo ababangela iingxaki ezininzi ezinxulunyaniswa ne-ADD/ADHD. UGqr. Doris Rapp, kwincwadi yakhe ethi Is This Your Child?, uthi “abanye abantwana bagula ngokwasemzimbeni yaye/okanye ngokweemvakalelo, ngokwesimilo, yaye baneengxaki zokufunda ngokuyinxalenye okanye ngokuyintloko ezinxulumene nokwaliwa zizinto ezithile okanye ukuchanabeka kwizinto ezithile kwimekobume.” Kwakhona, ukusabela ngendlela engeyiyo kwizinto ezijika umbala, iswekile nezinto ezongezwayo enyanisweni kusenokuzivusa ezi ngxaki ngomsindo onogonyamelo, ukutshintshatshintsha kweemvakalelo nokuphuthelwa.
Iintsapho ezininzi ziye zafunda indlela yokulungisa isimilo sabantwana bazo, sekunjalo indlela abaqhuba ngayo esikolweni inokubangela iingxaki ezongezelelekileyo. Kwabanye, iinkonzo ezikhethekileyo ezinjengeyabahlohli, abacebisi, namaqela axhasayo nabafundisi-ntsapho abakhethekileyo zisenokunceda. Ngenxa yokuba aba bantwana betyekele ekwenzeni kakuhle xa bejongene nomntu omnye, ezinye iintsapho, ngokwecebiso logqirha wazo, ziye zanikela ingxelo engempumelelo yokufundisela imfundo yasesikolweni ekhaya.
Kwakhona okubalulekileyo ziinkqubo ezintsha zokufundisa ezininzi, njengeSchools Attuned kaGqr. Mel Levine, ekhuthaza ukuphawulwa kokwahluka kweziphiwo zabantwana. Inkqubo kaGqr. Levine ixhasa ukuziqhelanisa nemfundo ehlangabezana neemfuno zomntwana ngamnye. Naphina na apho le ndlela yokufundisa ngokwahluka kweziphiwo iye yamiselwa khona eUnited States, iziphumo zibonakala zincumisa.
Ikamva
Ukukhulisa abantwana kusenokufaniswa nokuthenga indlu entsha. Zombini ezi zinto zifuna inkcitho yobomi bonke; noko ke, ngenxa yeemeko, abo baza kuba ngabathengi kusenokunyanzeleka ukuba baneliseke koko bakufumanayo. Ngokufanayo, abazali abangafezekanga abakhulisa abantwana abangafezekanga kwihlabathi likaSathana banyanzelekile ukuba baneliseke koko bakufumanayo. Indlu esandul’ ukuthengwa isenokuba nezinto ezingaqhelekanga okanye ezinganqwenelekiyo, kodwa ngokusebenza nangokusebenzisa ingqondo phaya naphaya, izinto ezininzi ezinganqwenelekiyo zinokuncitshiswa phantse ngokupheleleyo. Kwanento enzima esakhiweni kwakamsinya isenokuba yindawo ebukekayo ekhayeni.
Ngokufanayo, ukuba abazali bazivumelanisa neentswelo zomntwana wabo ongaqhelekanga, unokuba yinxalenye entle yobomi babo. Mntwana ngamnye umele axatyiswe ngenxa yeempawu zakhe. Ngoko ke, milisela ingqondo kwizinto ezintle. Kunokubagxibha abantwana, khuthazani ubuchule bomnye nomnye, yaye qondani ukuba ungumntu obekekileyo ofanelwe sisidima nothando—isipho esixabisekileyo esivela kuYehova uThixo.—INdumiso 127:3-5.