Ukuhlangabezana Nolu Celomngeni
UKUTYHUBELA iminyaka kuye kwacetywa iindlela ezahlukahlukeneyo zokunyanga i-ADHD. Zimbi zezi ndlela bezigxininise ekutyeni. Noko ke, olunye uhlolisiso lubonisa ukuba izinongo zokutya azisoloko zibangela umntu adlamke ngokugqithiseleyo ibe imixube enesondlo ayinanto iyenzayo. Ezinye iindlela zokunyanga i-ADHD ngamayeza, kukuguqula isimilo, nokumfundisa ukuqonda.a
Amayeza. Ekubeni kubonakala ukuba i-ADHD ibandakanya ukungasebenzi kakuhle kwengqondo, amayeza okubuyisela ulungelelwano olufanelekileyo lwemichiza aye abonakala ebanceda abaninzi.b Noko ke, amayeza akanakuze akuthabathel’ indawo ukufunda. Kunceda umntwana anikele ingqalelo, kumnika isiseko anokuqalela kuso ukufunda ubuchule obutsha.
Uninzi lwabasele bekhulile abane-ADHD ngokufanayo luye lwancedwa ngamayeza. Noko ke, lufanele lulumke—ulutsha nabasele bekhulile—ekubeni amanye amayeza avuselela ingqondo nasetyenziselwa ukunyanga i-ADHD enokukhobokisa.
Ukulungisa isimilo. Isibakala sokuba umntwana ene-ADHD asibakhululi abazali kwimbopheleleko abanayo yokuqeqesha. Nangona umntwana esenokuba neentswelo ezikhethekileyo kule nkalo, iBhayibhile ibayala ngolu hlobo abazali: “Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana; naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.” (IMizekeliso 22:6) Kwincwadi yakhe ethi Your Hyperactive Child, uBarbara Ingersoll uthi: “Umzali oncamayo aze ayeke umntwana wakhe odlamke gqitha ‘enze unothanda’ akamncedi nganto. Njengaye nawuphi na umntwana, umntwana odlamke gqitha ufuna uqeqesho olungaguquguqukiyo aze naye ahlonelwe njengomntu. Oku kuthetha ukumbekela imida ecacileyo nokumnika imivuzo nezohlwayo ezifanelekileyo.”
Ngoko kubalulekile ukuba abazali babanqwanqwade abantwana babo ngendlela efanelekileyo. Ngaphezu koko, kufanele kubekho ucwangciso olungaguquguqukiyo lwemisebenzi yemihla ngemihla. Ukuba bayathanda, abazali basenokufuna ukunika umntwana inkululeko ethile ekwenzeni olu cwangciso, aquke ixesha lokwenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya, ukufunda, ukuhlamba, njalo njalo. Ngoko namathela ngokusondeleyo kulo. Qiniseka ukuba uyabambelela kucwangciso lwemihla ngemihla. IPhi Delta Kappan ithi: “Oogqirha, izazi ngengqondo, abaphathi besikolo nabafundisi-ntsapho banembopheleleko yokucacisela lo mntwana nabazali bakhe ukuba ukuxelelwa ukuba une-ADD okanye i-ADHD akumniki mvume yokuba enze nantoni na ayicingileyo, kodwa kunoko uxelelwa ukuze akwazi ukufumana uncedo olumfaneleyo.”
Ukumfundisa ukuqonda. Oku kunceda lo mntwana atshintshe indlela azijonga ngayo yena nengxaki yakhe. UGqr. Ronald Goldberg uthi: “Abantu abanengxaki yokungakwazi ukunikela ingqalelo epheleleyo bazibona ‘bebabi, bezizidenge, yaye bengaxabisekanga’ kwanokuba banomtsalane, bakrelekrele, yaye banentliziyo entle.” Ngenxa yoko, umntwana one-ADD okanye i-ADHD kufuneka abe nembono efanelekileyo ngendlela axabiseke ngayo, ibe kufuneka azi ukuba ingxaki anayo yokunikela ingqalelo unako ukuhlangabezana nayo. Oku kubaluleke ngakumbi xa esekwishumi elivisayo. Xa umntu one-ADHD efikelela kwiminyaka yeshumi elivisayo, usenokuba ukhe wagxekwa kanobom ngoontanga bakhe, ngabafundisi-ntsapho, ngabantakwabo ibe mhlawumbi kwanangabazali bakhe. Ngoku kufuneka azibekele usukelo anokulufikelela aze azijonge ngendlela efanelekileyo kunokuba azicuntse.
Ezi ndlela sele zichaziwe zonyango zinokusetyenziswa nangabantu abasele bekhulile abane-ADHD. UGqr. Goldberg ubhala athi: “Utshintsho luxhomekeke kwiminyaka, kodwa izinto ezisisiseko zonyango—amayeza xa eyimfuneko, ukwenza utshintsho kwindlela yokwenza izinto, nokuzifundisa [ukuqonda]—ziya kusoloko ziziindlela umntu anokuzisebenzisa ubomi bakhe bonke.”
Ukumxhasa
UJohn, ononyana okwishumi elivisayo one-ADHD, uthi kubazali abakwimeko efanayo: “Funda konke onokukufunda ngale ngxaki. Yenza izigqibo ngokusekelwe koko ukwaziyo. Ngaphezu kwako konke, mthande umntwana wakho, umakhe. Ukungazixabisi kunokumenza azive ephantsi.”
Ukuze bamxhase ngokwaneleyo umntwana one-ADHD, bobabini abazali bafanele basebenzisane. UGqr. Gordon Serfontein ubhala athi umntwana one-ADHD kufuneka “azi ukuba uyathandwa kowabo yaye olo thando lubangelwa luthando olukhoyo phakathi kwabazali bakhe.” (Akekeliswe sithi.) Ngelishwa, uthando olunjalo alusoloko lukho. UGqr. Serfontein uhlabela mgama esithi: “Kuye kwafunyaniswa ukuba kwintsapho apho [kukho umntwana one-ADHD], ukungabikho kwemvisiswano nokuwohloka komtshato kungaphezulu ngokuphindwe kathathu kunakwintsapho eqhelekileyo.” Ukuthintela ukungabikho kwemvisiswano okunjalo, ubawo ufanele afak’ isandla ngokuphawulekayo ekukhuliseni umntwana one-ADHD. Le mbopheleleko ayifanele ithiwe zinzi emagxeni kamama.—Efese 6:4; 1 Petros 3:7.
Abahlobo abasenyongweni, nangona bengeyonxalenye yentsapho, banokunikela inkxaso engathethekiyo. Njani? UJohn ocatshulwe ngaphambilana uthi: “Yiba nobubele. Yiba neliso elibukhali. Ziqhelanise nalo mntwana. Thetha nabazali bakhe. Baqhuba njani? Ziintoni abaye bajamelane nazo mihla le?”—IMizekeliso 17:17.
Amalungu ebandla lamaKristu anokwenza lukhulu ekuxhaseni umntwana one-ADHD nabazali bakhe. Njani? Ngokuba nolindelo olusengqiqweni. (Filipi 4:5) Maxa wambi, umntwana one-ADHD unokuphazamisa. Kunokuba ngokungakhathali athi, “Kutheni ungamqoqoshi nje umntwana wakho?” okanye “Kutheni ungamohlwayi nje?” okhonza kunye nabo oneliso elibukhali uya kuqonda ukuba abazali basenokuba basindwa ngumsebenzi onzima wamihla le wokukhulisa umntwana one-ADHD. Kambe ke, abazali bafanele benze konk’ okusemandleni abo ukuthintela ukuphazamisa kwalo mntwana. Noko ke, kunokuba bagqajukelwe ngumsindo, abo bakholwa kunye nabo bafanele bazame ukubonisa “imvakalelo yobudlelane” baze ‘babajizeke intsikelelo.’ (1 Petros 3:8, 9) Eneneni, uThixo usoloko esebenzisa amakholwa anovelwano ukuze ‘athuthuzele abo bathe loxe.’—2 Korinte 7:5-7.
Abafundi beBhayibhile bayazi ukuba konke ukungafezeki kwabantu, kuquka ukungakwazi ukufunda ne-ADHD, kuzuzwe ilifa kumntu wokuqala, uAdam. (Roma 5:12) Kwakhona bayazi ukuba uMdali, uYehova, uya kulizalisekisa idinga lakhe ngokuzisa ihlabathi elitsha lobulungisa apho kungasayi kuphinda kubekho izigulo ezinxunguphalisayo. (Isaya 33:24; ISityhilelo 21:1-4) Eli themba liyiankile yokuxhasa abo baneengxaki ezifana ne-ADHD. UJohn uthi: “Iminyaka, ingqeqesho namava ayamnceda unyana wethu ukuze aqonde aze amelane nengxaki yakhe. Kodwa akanakuze anyangeke ngokupheleleyo kule nkqubo yezinto. Into esizithuthuzela ngayo imihla ngemihla kukuba kwihlabathi elitsha, uYehova uya kuyilungisa ingxaki yonyana wethu aze amenze akwazi ukunandipha ubomi ngokupheleleyo.”
[Imibhalo esemazantsi]
a UVukani! akancomeli naluphi na unyango olukhethekileyo. AmaKristu afanele alumkele ukuba naluphi na unyango alusebenzisayo lungangqubani nemilinganiselo yeBhayibhile.
b Bambi bafumana imiphumo engathandekiyo xa besebenzisa amayeza, equka ukuxhalaba nezinye iingxaki ezingokweemvakalelo. Ngaphezu koko, amayeza avuselela ingqondo anokwandisa ukurhawuzela kubaguli abanezigulo ezibangela ukudikizela kwezihlunu njengeTourette syndrome. Ngoko ke amayeza afanele asetyenziswe phantsi kweliso likagqirha.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
Isilumkiso Kubazali
PHANTSE bonke abantwana maxa wambi abakwazi ukunikela ingqalelo, bazizityhuthutyhuthu, yaye badlamke ngokugqithiseleyo. Ukuba nezi mpawu akusoloko kubonisa ukuba bane-ADHD. Kwincwadi yakhe ethi Before It’s Too Late, uGqr. Stanton E. Samenow uthi: “Ndiye ndabona iimeko ezininzi gqitha apho umntwana eyekwa xa engafuni ukwenza okuthile ngenxa yokuba kusithiwa unesiphene okanye ukwimeko angenakuyinceda.”
NoGqr. Richard Bromfield ukubona kufanelekile ukuba anikele isilumkiso. Ubhala athi: “Ngokuqinisekileyo, abanye abantu abafunyaniswe bene-ADHD banemithambo-luvo ephazamisekileyo yaye bafuna unyango. Kodwa zonke iintlobo zokuphathwa kakubi, ukuhanahanisa, ukungakhathali nezinye iingxaki zoluntu zidla ngokubotshwa ngebande elinye nale ngxaki, zinto ezo amaxesha amaninzi ezingahlobananga nokuhlobana ne-ADHD. Enyanisweni, ukungabikho kwemilinganiselo kubomi bale mihla—ugonyamelo oluqhubekayo, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, nezinto ezingasahambisi mzimba kangako, njengamakhaya angenangqeqesho nanabantu abadlamke ngokugqithiseleyo—kumele ukuba kubangela ukungakwazi ukuzola okunjenge-ADHD kunako nakuphi okunye ukuphazamiseka kwemithambo-luvo.”
Kungeso sizathu uGqr. Ronald Goldberg elumkisa ngokuba ezi mpawu “zingabotshwa ngebande elinye” ne-ADHD. Isizathu sokuba anikele eli cebiso “kukuqinisekisa ukuba kwenziwa naluphi na uxilongo olunokwenziwa ukuze kufunyaniswe oyena nobangela woku.” Iimpawu ezichaza i-ADHD zinokubonakala ngazo naziphi na iingxaki zomzimba nezingokweemvakalelo. Ukufuna uncedo logqirha onamava kubalulekile ukuze kwenziwe uxilongo olufanelekileyo.
Enoba kuye kwafunyaniswa okuthile, baya kuba benza kakuhle abazali ukuqwalasela iingenelo neengozi zonyango. IRitalin inokuziphelisa ezi mpawu zingafunwayo, kodwa inokuba nemiphumo engemihle, njengokuphelelwa bubuthongo, ukuxhalaba ngokugqithiseleyo, nokuba novalo. Ngenxa yoko, uGqr. Richard Bromfield ulumkisa nxamnye nokungxama unike umntwana unyango ukuze nje uphelise iimpawu anazo. Uthi: “Abantwana nabantu abasele bekhulile abaninzi, baye banikwa iRitalin ngokungafanelekanga. Ngokokwazi kwam, ukusetyenziswa kweRitalin kuye kuxhomekeke ikakhulu ekubeni abazali nabafundisi-ntsapho bayakwazi kusini na ukunyamezela indlela umntwana enza ngayo izinto. Bakho abantwana endibaziyo abaye bayinikwa ukuze ibathomalalise kunokuba ibancede.”
Ngoko abazali abafanele bakhawuleze benze isigqibo sokuba abantwana babo bane-ADHD okanye banengxaki yokungakwazi ukufunda. Kunoko, bafanele bahlolisise ubungqina abanabo ngobulumko, bencediswa yingcali evunyiweyo. Ukuba kuye kwafunyaniswa ukuba umntwana unengxaki yokungakwazi ukufunda okanye i-ADHD, abazali bafanele baziphe ithuba lokuba bafunde kakuhle ngale ngxaki ukuze benze ngeyona ndlela iya kubalungela abantwana babo.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Umntwana one-ADHD ufuna ukuqeqeshwa ngobubele kodwa ngokungaguquguqukiyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukuncoma kwabazali kuluncedo gqitha