IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 3/8 iphe. 12-14
  • Imidlalo Yamaqela—Ngaba Indilungele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imidlalo Yamaqela—Ngaba Indilungele?
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imidlalo—Iingenelo Zayo
  • Udumo, Ukuba Sisinhanha Nokuthandwa
  • Abashiya Amaqela Emidlalo
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Ngomnye Weqela Lemidlalo?
    Vukani!—1996
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Lilungu Leqela Labadlali Elimela Isikolo?
    Vukani!—1991
  • Iingxaki Ngezemidlalo Namhlanje
    Vukani!—1991
  • Ukugcina Ezemidlalo Zikwindawo Efanelekileyo
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 3/8 iphe. 12-14

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Imidlalo Yamaqela—Ngaba Indilungele?

“Ndiyayithanda imidlalo. Indonwabisa ngokwenene. Kwaye ndiyakunandipha ukuba kunye nabahlobo bam.”—uSandy oneminyaka eli-14 ubudala.

“UKONWABA!” “Uchulumanco!” “Ukuphumelela!” Ezi zezinye zezizathu ezabekwa lulutsha lwaseUnited States nolwaseKhanada xa lwalubuzwa isizathu sokuba lube nenxaxheba kwimidlalo yamaqela. Kuyabonakala ukuba, ulutsha oluninzi lunezizathu ezifanayo zokuthanda imidlalo.

Ngokomzekelo, khawucinge ngeUnited States. Ngokwencwadi ethi Your Child in Sports, ebhalwe nguLawrence Galton, “nyaka ngamnye, abantwana baseMerika abazizigidi ezingama-20 abaneminyaka emithandathu ubudala nangaphezulu badlala, okanye bazama ukudlala, kumaqela emidlalo.” Ibe ngoxa kwiminyaka nje embalwa edluleyo, kumaqela emidlalo phantse bekukho amadoda kuphela, ngoku amantombazana angakumbi agibisela iibhola zebaseball, adlala ibhola yomnyazi yaye ade akhuphisane kumabala ebhola ekhatywayo.

Mhlawumbi unobuchule kwimidlalo yaye uvakalelwa kukuba ukuba ngomnye weqela kuya kuba yinto eyonwabisayo. Okanye kusenokuba ukhuthazwa kakhulu—mhlawumbi ufumana kwanengcinezelo—evela kubazali, kubafundisi-ntsapho, okanye kubaqeqeshi ukuba wenze oko. Enoba imeko injani, ukubandakanyeka kwimidlalo yamaqela kufuna unikele ixesha namandla akho amaninzi. Ngoko, kusengqiqweni ukwazi ezinye zeengenelo neengozi ezibandakanyekileyo. Okokuqala, makhe siqwalasele ezinye zeengenelo.

Imidlalo—Iingenelo Zayo

IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.” (1 Timoti 4:8) Yaye ngokuqinisekileyo abaselula banokungenelwa kumsebenzi ofuna amandla. EUnited States, abaselula abaninzi batyebe gqitha, banoxinezeleko lwegazi yaye banomlinganiselo ophakamileyo wecholesterol. Ukwenza umthambo ngokuthe rhoqo kunokuba luncedo gqitha ekulawuleni iingxaki ezinjalo. Ngokwenqaku elikwiphephancwadi iAmerican Health, abaselula abenza umthambo ngokuthe rhoqo “amalungu abo okuphefumla asebenza ngokulunge ngakumbi negazi labo liwutyhutyha kakuhle umzimba kunabantwana abahleli nje [abangawenziyo umthambo]. Kwakhona abenza umthambo ngokuthe rhoqo badlala bhetele kwimidlalo yaye bayigcina imihle imizimba yabo.” Kwakhona abaphengululi bathi umthambo unokunciphisa uxinezeleko, wongeze umxhino uze uphucule nendlela olala ngayo.

Okubangela umdla kukuba, incwadi ethi Your Child in Sports ithi: “Kuye kwacaca ukuba iingxaki zempilo zabakhulileyo ziye zaqala ngoxa babeselula.” Ngenxa yoko oogqirha abaninzi bavakalelwa kukuba ukwenza umthambo ngokuthe rhoqo kusenokuba yingenelo de umntu abe mdala. Umbhali uMary C. Hickey unikela le ngxelo: “Uphengululo luye lwatyhila ukuba abantwana abadlala imidlalo basenokudlamka ngakumbi xa bebadala.”

Abaninzi bavakalelwa kukuba kukho nezinye iingenelo ezibalulekileyo zemidlalo yamaqela. Omnye ubawo wathi ngokuphathelele ukudlala konyana wakhe ibhola ekhatywayo: ‘Kumnceda ayeke ukuba ngumgub’ othe saa ezitratweni. Kuyamqeqesha.’ Abanye bavakalelwa kukuba ukudlalela iqela kufundisa oselula ukuba nentsebenziswano—ubuchule obunokuba neengenelo ezihlala zihleli. Kwakhona imidlalo yamaqela ifundisa abaselula ukulandela imiyalelo, ibenza bakwazi ukuziqeqesha, babe ziinkokeli yaye bahlale benobubele enoba bayaphumelela okanye abaphumeleli. UGqr. George Sheehan uthi: “Imidlalo iyabafundisa kakhulu abantu abaselula. Inika abafundi amava okoqobo ngezinto abaxelelwa ngokufuthi ngazo ngabafundisi-ntsapho: inkalipho, ubuchule, nokuzinikela.”—Current Health, Septemba 1985.

Ubuncinane, ukuba kwiqela eliphumelelayo kunokumenza ubani azixabise ngakumbi. UEddie oselula uthi: “Xa ndifake amanqaku, ndiye ndizive ndinelunda.”

Udumo, Ukuba Sisinhanha Nokuthandwa

Noko ke, eyona nto ithandwa kakhulu lolunye ulutsha kwimidlalo yamaqela kukwamkelwa ngoontanga balo. UGordon oneminyaka eli-13 ubudala uthi: “Nanini na usenza okuthile kakuhle, wonke umntu uyakuncoma.”

Incwadi ethi Teenage Stress ebhalwe nguSusan noDaniel Cohen, ivumelana noko isithi: “Eyona ndlela iqinisekileyo yokuzithandisa, ingakumbi emakhwenkweni, yimidlalo. . . . Kunqabile ukuba iqhawe elikwiqela lebhola ekhatywayo okanye lebhola yomnyazi lingamkeleki.” Olunye uhlolisiso lwatyhila indlela abaxatyiswe ngayo abadlali. Abafundi babuzwa enoba babekhetha ukukhunjulwa njengeqhawe lemidlalo, umfundi okrelekrele, okanye oyena mntu udumileyo. Phakathi kwamakhwenkwe, ukuba “liqhawe lemidlalo” yayilukhetho oluphambili.

Isibakala sokuba umdlali webhola ekhatywayo okanye webhola yomnyazi efumana imbeko engakumbi kunesifundiswa asimangalisi kangako xa uqwalasela indlela amaziko eendaba abanqula ngayo abadlali abahlawulwayo. Asoloko ethetha ngezityhwentywe zemali abazifumanayo nobomi obutofotofo ababuphilayo. Akumangalisi ukuba ulutsha oluninzi, ngokukodwa olo luhlala embindini wesixeko, lunokuyibona imidlalo yasesikolweni ingumchankcatho osa kwimpumelelo—indlela yokuphuma kubuhlwempu!

Ngelishwa, inyaniso ikukuba oko lukulindeleyo akwenzeki. Inqaku elikwiphephancwadi iCurrent Health elalinomxholo othi “Bangaphi Abadlali Abaphumelelayo Ukuba Ngabadlali Abahlawulwayo?” lanikela iinkcukacha ezibangel’ umdla. Lanikela le ngxelo: “Ngaphezu kwesigidi samakhwenkwe [eUnited States] adlala ibhola ekhatywayo kwizikolo zamabanga aphakamileyo; amalunga nama-500 000 adlala ibhola yomnyazi; yaye malunga nangama-400 000 anenxaxheba kumdlalo we-baseball. Xa ephuma kwisikolo samabanga aphakamileyo esiya ekholejini, aba mbalwa gqitha aba nenxaxheba. Kuphela bamalunga nama-11 000 bebonke ababa nenxaxheba ekholejini kwibhola ekhatywayo, kwibhola yomnyazi nakumdlalo we-baseball.” Xa bephuma apho amanani abo ehla ngakumbi. “Kuphela bamalunga nesi-8 ekhulwini [abadlali basekholejini] abafakwayo kumaqela abadlali abahlawulwayo, yaye kuphela bamalunga nesi-2 ekhulwini abatyikitya isivumelwano sokuba ngabadlali abahlawulwayo.” Landule ke eli nqaku lisikhumbuze oku: “Kwanokutyikitya isivumelwano akuthethi ukuba umdlali uya kuyifumana indawo kwelo qela.”

Ngoko, lilonke, “mnye kuphela umdlali kubo nabaphi na abangama-12 000 abakwisikolo samabanga aphakamileyo oya kuba ngumdlali ohlawulwayo.” Oku kufana nqwa namathuba okufumana ibhaso lokuqala kwilottery! Kodwa ubuncinane, usenokubuza, ngaba umdlali ebengenakufumana imfundo yasekholejini felefele ngenxa yomgudu wakhe? Kwakhona, amathuba akhe akamahle kangako. Ngokwencwadi ethi On the Mark, ebhalwe nguRichard E. Lapchick noRobert Malekoff, “kwizigidi zabadlali bezikolo zamabanga aphakamileyo . . . , mnye kuphela kwabangama-50 oya kuwelwa ngumqa esandleni aze afumane imfundo yasekholejini felefele.” Amanye amanani atyhafisayo ngala: “Kubadlali abaphambili abafumana imfundo felefele kwimidlalo ekudlalelwa izityhwentywe zemali kuyo njengebhola ekhatywayo nebhola yomnyazi, bangaphantsi kwama-30 ekhulwini abaya kuphumelela ekholejini emva kweminyaka emine.”

Kwinkoliso yabadlali, iphupha lokuba ngumdlali osisinhanha nodumileyo yinto engenakwenzeka—kukwakha nje iinqaba namabhotwe esibhakabhakeni.

Abashiya Amaqela Emidlalo

Xa ucinga ngamathemba empilo elunge ngakumbi, ukuphuculwa kobuntu nokuthandwa ngakumbi, ukuba ngomnye weqela elilungelelanisiweyo lemidlalo kusenokubonakala kusisenzo sobulumko. Kodwa ngaphambi kokuba ungxamele ukuya kulinga ubuchule bakho, cinga ngoko kwatshiwo kwiLadies’ Home Journal: “Abantwana abangakumbi babhalisa kwimidlalo yamaqela kutshanje kunokuba kwakunjalo kwisizukulwana sangaphambili. Iindaba ezimbi zezokuba: Baninzi ngendlela exhomis’ amehlo abazishiyayo ezi zifundo zemidlalo.” UGqr. Vern Seefeldt, ingcali kulo mbandela, kucatshulwa amazwi akhe athi: “Ngethuba beneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala, amashumi asixhenxe anesihlanu ekhulwini abantwana abaye badlala umdlalo othile bawushiyile.”

Khawucinge ngelaseKhanada, apho umdlalo wehockey yasemkhenkceni uthandwa gqitha. Komnye umbutho wehockey wabangahlawulwayo, ama-53 ekhulwini abadlali bawo abangaphezu kwama-600 000 babengaphantsi kweminyaka eli-12 ubudala. Noko ke, abali-11 ekhulwini babengaphezu kweminyaka eli-15 ubudala. Sasiyintoni isizathu? Inkoliso yabaselula yayisele iyekile xa yayikobo budala. Kutheni abaninzi kangako beyeka nje?

Abaphengululi bathi abo bashiya la maqela basoloko bebeka isizathu esingavakaliyo sokuyeka kwabo: Imidlalo ayisonwabisi. Eneneni, ukudlalela iqela kunokuba ngumsebenzi odinayo nodla ixesha. Iphephancwadi iSeventeen laxelela abafundi balo ukuba ukulinga nje ukudlalela iqela kunokuquka ukusebenza “iiyure ezintathu ngosuku, iintsuku ezintlanu ngeveki . . . kangangeveki ukuya kwezimbini.” Ukuba ude waphumelela kweso sisu segazi waza wavunyelwa ukuba ube ngomnye welo qela, uza kuthwala uxanduva lokwenza imithambo iiyure ezongezelelekileyo. Umzekelo woku lilungu leqela lebhola yomnyazi yamantombazana elichitha ngaphezu kweeyure ezintathu ngosuku liziqeqeshela umdlalo walo. Elo xesha belinokusetyenziselwa ekwenzeni okuthile okubaluleke ngakumbi.

Kambe ke, ulutsha oluninzi alubonakali lukhathazeka kangako lolu cwangciso ludinayo. Lunandipha uyolo nocelomngeni lokuphucula ubuchule balo bokudlala. Kodwa kukho ezinye izizathu ezibangela inani elikhulu lolutsha luyishiye imidlalo yamaqela. Kufuneka uzazi kuqala ukuze ugqibe enoba uza kuba ngomnye weqela okanye akunjalo. Njengoko IMizekeliso 13:16 isithi, “bonke abanobuqili benza ngokwazi.” Ngoko ke inqaku elilandelayo liza kuqhubeka nale ngxubusho.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

‘Inkoliso yabadlali abaphambili baseyunivesithi abafumana imali yemidlalo yokufunda felefele abaphumeleli kwizifundo zabo’

[Umfanekiso okwiphepha 13]

Ukuduma kwabadlali kutsalela ulutsha oluninzi kwimidlalo elungelelanisiweyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share