Unokuyiphucula Inkumbulo Yakho
“Ndilibala gqitha.” Ngaba ukhe wakutsho oko? Ukuba kunjalo, ungalahli ithemba. Amacebiso ambalwa nalula kunye nomgudu omncinane anokukunceda uphucule ngendlela emangalisayo. Ungaze ubujongele phantsi ubuchopho bakho. Izinto obunokuzenza ziyamangalisa.
UBUCHOPHO buyenza njani le mimangaliso yabo? Kwiminyaka yakutshanje ubuchopho buye baphononongwa ngendlela ekungazange kwenziwe ngayo ngaphambili. Kodwa nangona ulwazi lusanda, sinolwazi oluncinane gqitha ngendlela kanye ubuchopho obuzifeza ngayo izinto obuzenzayo.
Indlela esiyifunda size siyigcine ngayo inkcazelo ayikacaci, kodwa abaphengululi basazama ukulicombulula eli qhina. Kuqikelelwa ukuba zili-10 lamawaka ezigidi ukusa kwi-100 lamawaka ezigidi iiseli zemithambo-luvo neeneuron ezisebuchotsheni nezibandakanyeke ekufundeni nasekukhumbuleni. Kodwa kukho ubuncinane imixokomezelo ephindwe kangangeshumi lezigidi phakathi kweeneurons. Enye ingcamango yeyokuba njengokuba le mixokomezelo, okanye iisynapse, isomelezwa kukusebenza, ubani uqalisa ukufunda.
Njengoko sikhula, amandla obuchopho asenokudodobala; sisenokungasabeli msinya ngendlela ebesisenza ngayo ngaphambili. Iiseli zobuchopho azizihlaziyi, yaye abantu abakhulileyo baphulukana nezithile zazo ngokuqhubekayo. Kodwa kuxhomekeka kwindlela esibusebenzisa ngayo ubuchopho bethu, sinokuwalondoloza amandla ethu engqondo kangangethuba elide.
Isimo sethu sengqondo siyabuphembelela ubuchopho. Ukuba nesimo sengqondo esikhuthazayo nokuchwayita kuyakuphucula ukusebenza kobuchopho enokuba sibadala kangakanani na. Ngokomlinganiselo othile uxinezeleko lunokuba yingenelo, kodwa uxinezeleko olugqithiseleyo luyakuphazamisa ukusebenza kobuchopho. Ukwenza umthambo kunokunceda ekunikeni isiqabu kuxinezeleko lwengqondo.
Nangona oku kusenokusikhuthaza, sisenokuyilibala imicimbi ebalulekileyo, kungakhathaliseki ukuba sibadala kangakanani na. Ngaba sinokuphucula? Omnye umbandela esiba nobunzima kakhulu kuwo kukukhumbula amagama abantu esidibana nabo.
Ukukhumbula Amagama Abantu
Amacebiso ambalwa nalula anokukunceda kakhulu ekukhumbuleni amagama abantu. Ukubonakalisa umdla emntwini kuyanceda. Igama lomntu libalulekile kuye. Ngokufuthi sisenokungalikhumbuli igama ngenxa yokuba singaliqondanga kakuhle kwasekuqaleni. Ngoko xa umntu ezazisa kuwe, liqonde kakuhle igama lakhe. Mcele ukuba aliphinde ukuba kuyimfuneko okanye alipele. Lisebenzise izihlandlo eziliqela njengoko nincokola. Xa usithi ndlela-ntle, mbize umntu ngegama lakhe. Uya kumangaliswa yindlela ezi ngongoma zimbalwa eziya kukunceda ngayo.
Elinye icebiso elinokuthi ngokubhekele phaya likuncede ukhumbule amagama kukunxulumanisa igama lomntu nento ethile onokuba nomfanekiso-ngqondweni wayo. Ukuba unokufaka intshukumo kulo mfanekiso, oko kuya kuba luncedo ngakumbi.
Amagama amaninzi asenokungabi nantsingiselo kuwe, ngoko kuya kufuneka ufune igama elifana nalo. Akunamsebenzi ukuba usebenzisa igama elingafani ngokuthe ngqo nendlela elibizwa ngayo igama laloo mntu. Inkumbulo yakho iya kulikhumbula bhetele igama ngokusuka kwindlela olinxulumanise ngayo. Xa uzenzela amagama nemifanekiso-ngqondweni, oko ukugcina ngakumbi.
Kufuneka ukuqhelisele oku ngenkuthalo kangangexesha elithile, kodwa kunceda ngokwenene. UHarry Lorayne uchaza le ndlela yokuzikhumbuza kwincwadi yakhe ethi How to Develop a Super-Power Memory, yaye uye wayisebenzisa izihlandlo eziliqela esidlangalaleni. Uthi: “Ngokufuthi ndiye ndaziswa kubantu abalikhulu ukuya kwabangamakhulu amabini kwimizuzu nje elishumi elinesihlanu nangaphantsi, andikhange ndilibale nokuba libe linye igama!”
Indlela Yokukhumbula Uludwe Lwezinto
Unokubuphucula njani ubuchule bakho bokukhumbula uludwe lwezinto ezingafaniyo? Indlela elula ibizwa ngokuba yinkqubo yokunxulumanisa. Nantsi indlela esebenza ngayo: Uzenzela umfanekiso wento nganye ekuludwe uze unxulumanise umfanekiso wento yokuqala nomfanekiso wento yesibini, uze wenze okufanayo ngomfanekiso wento yesibini nento yesithathu, njalo njalo.
Ngokomzekelo, kufuneka uye kuthenga izinto ezintlanu evenkileni: ubisi, isonka, iglobhu yokukhanyisa, amatswele neice cream. Qala ngokunxulumanisa ubisi nesonka. Yiba nomfanekiso-ngqondweni ugalela ubisi lusuka kwilofu yesonka. Nangona lo mfanekiso unokubonakala ububudenge ngokwenene, uya kukunceda ubethelele ezi zinto enkumbulweni yakho. Kwakhona, zama ukufaka isenzo kulo mbono usengqondweni esibandakanya wena ekugaleleni ubisi.
Emva kokunxulumanisa ubisi nesonka, dlulela kwinto elandelayo, iglobhu yokukhanyisa. Unokunxulumanisa ilofu yesonka neglobhu ngokuba nomfanekiso-ngqondweni wakho uzama ukunyhala ilofu yesonka kwindawo yokufaka iglobhu yokukhanyisa. Emva koko nxulumanisa iglobhu yokukhanyisa netswele ngokuba nombono wakho uchuba iglobhu enkulu yokukhanyisa yaye amehlo akho elila njengokuba uyichuba. Kakade ke, kubhetele xa uzinxulumanisa ngokwakho ezi zinto. Ngaba unako ukwenza unxulumano phakathi kwezinto zokugqibela, amatswele neice cream? Mhlawumbi unokuba nomfanekiso-ngqondweni wakho usitya i-ice cream yetswele!
Bona ukuba unako na ukulukhumbula olu ludwe. Wandule ke uvavanye inkumbulo yakho ngoludwe lwakho. Lwenze uludwe lube lude kangangoko ufuna. Khumbula, ukuba ukuze wenze ulwalamano lube lolungalibalekiyo, unokulwenza lube yinto ehlekisayo okanye ulwenze lube yingxube-vange. Zama ukufaka isenzo kulo mfanekiso yaye thabathel’ indawo into ngenye.
Bambi basenokuyikhaba ngaw’ omane le ndlela besithi ithabatha ithuba elide kunokusuka nje ugcine olu ludwe. Noko ke, kuthabatha ithuba elide ukuyicacisa kunokuyisebenzisa. Ukuba ukhe wayiqhelisela, uya kwakha unxulumano ngokukhawuleza yaye inkumbulo yakho kwakunye nesantya sokufunda, ziya kuba bhetele kunokuba ubuya kuzama ukufunda ngaphandle kwale nkqubo. Xa abantu abali-15 bacelwa ukuba bakhumbule uludwe lwezinto ezili-15 ngaphandle kokusebenzisa inkqubo ethile, umlinganiselo wabo wamanqaku waba sisi-8,5. Lisebenzisa inkqubo yokunxulumanisa imifanekiso-ngqondweni kolunye uludwe, eli qela linye lafumana umlinganiselo wamanqaku ali-14,3. Kambe ke, ukuba uyakhumbula ukuthabatha uludwe lwezi zinto xa usiya kuthenga, oko kuya kukunika amanqaku ali-15—i-100 ekhulwini!
Ukukhumbula Oko Ukufundileyo
Kweli xesha lenkcazelo eninzi, omnye ummandla inkoliso yethu efuna ukuncedwa kuwo kukufundisisa ngokuphumelelayo. Ukufunda kubalulekile esikolweni, kwezoshishino, ekuphuculeni imeko yakho nasekukulungiseleleni ukuba ube sisithethi sasesidlangalaleni. Ukongezelela umKristu umele abekele bucala ixesha lofundisiso lobuqu lweBhayibhile.—Yohane 17:3.
Usenokuthi: ‘Kodwa kunzima ukukhumbula into endiye ndayifunda.’ Yintoni onokuyenza? Ukufunda ukwenza ixesha lakho lokufundisisa libe yingenelo kunokukunceda ukukhumbule oko ukufundileyo. Nanga amanye amacebiso.
Xa ufundisisa, kubalulekile ukuba ngumntu ozicwangcisayo izinto. Yiba neencwadi, izinto zokubhala namaphepha akufuphi. Zama ukufundela kwindawo efanelekileyo engenaziphazamiso zininzi nekhanyiswe kakuhle. Cima unomathotholo nomabonwakude.
Yiba nexesha elisisigxina lokufundisisa. Kwabanye, ukufundisisa imihla ngemihla kangangethutyana kunokuba nengenelo ngakumbi kunokufundisisa ixesha elininzi ngesihlandlo esinye. Kulungile ukulahlula ngokwamacandelo ixesha lakho. Kunokufundisisa kangangeeyure ezimbini ngesihlandlo esinye, kunokuba bhetele ukulahlula ixesha libe zizihlandlo ezisusela kwimizuzu engama-25 ukusa kwengama-40 sisinye, ube nonqumamo olufutshane lwemizuzu embalwa phakathi kwamaxesha okufundisisa. Uhlolisiso luye lwabonisa ukuba oku kufak’ isandla kumlinganiselo ophakamileyo wenkumbulo.
Fumana ubungakanani bombandela ofuna ukuwugubungela ngexesha lakho lokufundisisa. Oku kukunceda ukuba unikele ingqalelo. Ngaphambi kokuba uqalise ukufunda incwadi, sebenzisa imizuzu embalwa ekuyihloleni kuqala. Khangela umxholo. Hlolisisa imixholo ekwiziqulatho, eshwankathela incwadi. Emva koko funda ingabula-zigcawu, okanye intshayelelo. Kulapho iinjongo neembono zombhali zichazwa khona.
Ngaphambi kokuba uqale ukufunda isahluko, sihlole kuqala. Khangela imixholwana, imifanekiso, izicangca, ushwankathelo nesiqendu sokuqala nesokugqibela. Funda nje ngokufutshane isivakalisi sokuqala kwisiqendu ngasinye. Ezi zivakalisi zidla ngokuqulatha iingongoma eziziintloko. Fumana imbono ephangaleleyo. Zibuze le mibuzo: ‘Yintoni umbhali ebefuna ukuyivelisa? Yintoni endinokuyizuza kulo mbandela? Ziziphi iingxubusho eziziintloko?’
Ukunikel’ ingqalelo kubalulekile. Umele uzibandakanye ngokupheleleyo. Imfihlelo kukwenza ixesha lakho lokufundisisa libe lelibangel’ umdla kangangoko kunokwenzeka. Khulisa ihlombe ngokuqwalasela iinkalo ezisebenzisekayo zenkcazelo leyo. Zakhele imifanekiso-ngqondweni yoko ukufundayo. Sebenzisa izivamvo ngokuba nombono usezela, ungcamla yaye ubamba ukuba oko kuyayifanela inkcazelo ofunda ngayo.
Emva kokuba uyifumene intsingiselo yombandela, sele ukulungele ukubhala amanqaku. Ukubhala amanqaku kunokukwenza uwuqonde uze uwukhumbule ngokukhawuleza umbandela. Akuyomfuneko ukuba amanqaku abe zizivakalisi ezipheleleyo kodwa amele abe ngamagama aziintloko okanye amabinzana akunceda ukuba ukhumbule iingcamango eziziintloko.
Ukuyiqonda inkcazelo ethile akuthethi ukuba uya kukwazi ukuyikhumbula yonke kwixesha elizayo. Inyaniso kukuba kwisithuba seeyure ezingama-24 zokufunda, kangangama-80 ekhulwini enkcazelo anokulityalwa, ubuncinane okwethutyana. Oku kuvakala kutyhafisa, kodwa wambi okanye inxalenye enkulu yaloo ma-80 ekhulwini anokuphinda azuzwe ngokwenza impinda yombandela. Emva kwesihlandlo ngasinye sokufundisisa, yenza impinda kangangemizuzu embalwa. Ukuba kunokwenzeka, yenza impinda kwakhona kusuku kamva, emva koko iveki kamva uze wandule ke uyenze kwinyanga kamva. Ukuzisebenzisa kwakho ezi ngongoma kuya kukunceda ungenelwe gqitha kwixesha lakho elixabisekileyo lokufunda uze ukhumbule oko uye wakufunda.
Ngoko ungaze ubujongele phantsi ubuchopho bakho. Amandla akho okukhumbula izinto anokuphuculwa. Esinye isazinzulu sabhekisela ebuchotsheni “njengeyona nto intsonkothileyo eye yafunyaniswa kwindalo yonke ukuza kuthi ga ngoku.” Buzisa uzuko kubulumko namandla amakhulu oMdali wayo, uYehova.—INdumiso 139:14.
[Umzobo okwiphepha 15]
Ukuze ukhumbule uludwe lwezinto, sebenzisa inkqubo yokunxulumanisa: Zenzele umfanekiso-ngqondweni wento nganye. Emva koko nxulumanisa umfanekiso wento yokuqala nowento yesibini njalo njalo
Uludwe lwezinto oza kuzithenga:
1. Ubisi Eyoku-1 inxulunyaniswa neyesi-2
2. Isonka Eyesi-2 inxulunyaniswa neyesi-3
3. Iglobhu yokukhanyisa Eyesi-3 inxulunyaniswa neyesi-4
4. Amatswele Eyesi-4 inxulunyaniswa neyesi-5
5. I-“ice cream”