Unokuyiphucula Inkumbulo Yakho!
“Inkumbulo iluncedo ebomini. Ngaphandle kwayo, bekuya kufuneka siqale ubomi obutsha suku ngalunye, besingayi kuzazi ukuba singoobani. Besingayi kuyazi imvelaphi yethu, singakwazi nokucebela ikamva.”—“MYSTERIES OF THE MIND.”
KUTHENI lento iintaka zikhumbula kwiinyanga kamva ukuba zikugcine phi ukutya kwasebusika, noonomatse bekhumbula indawo abafihle kuzo amandongomane, kodwa thina silibala apho sibeka khona izitshixo kwiyure edluleyo? Kungenxa yokuba uninzi lwethu luyalibala. Sekunjalo, ubuchopho bomntu, nangona bungafezekanga, buyakwazi ukufunda nokukhumbula. Eyona nto ibalulekileyo kukubusebenzisa kakuhle ubuchopho bethu.
Bunamandla Amangalisayo
Ubuchopho bomntu bunobunzima obuyikhilogram e-1,4 yaye buphantse bulingane nembambusi (grapefruit), kodwa buneeseli zemithambo-luvo ezili-100 lamawaka ezigidi, nto leyo obenza buntsonkothe ngeyona ndlela. Eneneni, iseli yomthambo-luvo enye inokudibana nezinye ezili-100 000. Oku kwenza ubuchopho bukwazi ukufaka nokugcina inkcazelo eninzi. Kakade ke, eyona nto inzima kukuba umntu akwazi ukuyikhumbula le nkcazelo xa eyifuna. Kulula ngabanye abantu ukwenza oku, kuquka nabantu abangafundanga kuyaphi.
Ngokomzekelo, eNtshona Afrika, abantu besinye isizwe ababalisa amabali bayakwazi ukukhumbula amagama ezizukulwana kwiidolophana zabo. Aba bantu bakwazi ukunceda umbhali waseMerika uAlex Haley, owafumana imbasa kaPulitzer yencwadi ethi Roots, ukuze akwazi ukufumana amagama ezalamane zakhe eGambia kwizizukulwana ezintandathu ezadlulayo. UHaley uthi: “Ndiyababulela aba bantu baseAfrika—yaye namhlanje kuthiwa xa omnye waba bantu enokufa, kungafana nokungathi kutshiswe ithala leencwadi.”
Kwakhona khawucinge ngombhexeshi ongumTaliyane uArturo Toscanini, ekwabonwa ukuba unetalente xa wayeneminyaka eli-19 ubudala waza wacelwa ukuba athabath’ indawo yomnye umbhexeshi. Nangona wayengaboni kakuhle, wakwazi ukwalathisa iopera ekuthiwa yiAida, ngentloko!
Izinto ezinjalo ziyasimangalisa. Kodwa, abantu abaninzi bangakwazi ukukhumbula izinto ezininzi kunoko bona becinga. Ngaba ungathanda ukuphucula inkumbulo yakho?
Ukuphucula Inkumbulo Yakho
Ukuze umntu akwazi ukukhumbula kufuneka izinto ezintathu: ukufaka inkcazelo ngendlela ethile engqondweni, ukuyigcina, nokuyikhumbula. Xa ufumana inkcazelo ethile, ubuchopho bakho buyifaka ngendlela ethile. Loo nkcazelo inokugcinwa ize ikhunjulwe kwixesha elizayo. Xa umntu engayikhumbuli into ethile, kuxa engakwazanga ukwenza enye phakathi kwezi zinto zintathu zibalwe ngasentla.
Inkumbulo inokwahlulahlulwa kaliqela, kuquka inkumbulo ebangelwa zizivamvo, inkumbulo yokwexeshana nenkumbulo yexesha elide. Inkumbulo ebangelwa zizivamvo ifumana inkcazelo ngezivamvo, njengokujoja, ukubona nokubamba. Inkumbulo yokwexeshana, ikwabizwa ngokuba yinkumbulo esebenzayo, yaye igcina inkcazelo encinane okwexeshana. Ngoko ke, sinokudibanisa amanani ngentloko, sikhumbule iinombolo zefowuni ngaphambi kokuba zisicofe kwifowuni, size sikhumbule inxalenye yokuqala yesivakalisi ngoxa sifunda okanye siphulaphule inxalenye yesibini. Kodwa, njengoko sonke sazi, inkumbulo yokwexeshana isikelwe umda.
Ukuba ufuna ukugcina inkcazelo ixesha elide, ufanele uyifake kwinkumbulo yexesha elide. Unokukwenza njani oko? Nazi izinto ezinokukunceda.
◼ Yiba nomdla Yiba nomdla kuloo nto ufuna ukuyikhumbula, uze uzikhumbuze ngesizathu sokuba ufuna ukuyifunda. Xa into ethile ibandakanya iimvakalelo zakho, kulula ukuyikhumbula. Oku kunokubanceda kakhulu abafundi beBhayibhile. Xa befunda iBhayibhile beneenjongo ezimbini, zokufuna ukusondela kuThixo nokufundisa abanye ngaye, kulula ukuba bakukhumbule oko bakufundayo.—IMizekeliso 7:3; 2 Timoti 3:16.
◼ Ukunikela ingqalelo Incwadi ethi Mysteries of the Mind ithi: “Abantu abaninzi balibala kuba bengakhange banikele ingqalelo.” Yintoni enokukunceda ukuze unikele ingqalelo? Yiba nomdla, yaye ukuba kunokwenzeka, bhala phantsi. Xa ubhala phantsi, oko akukwenzi unikele ingqalelo nje kuphela, kodwa kunokukunceda ukwazi ukufunda into oyibhalileyo kwakhona.
◼ Ukuqonda IMizekeliso 4:7 ithi: “Kunye nako konke oko ukuzuzayo, zuza ukuqonda.” Xa ungayiqondi into oyifundiswayo okanye into ethile, kunokwenzeka ukuba ungayikhumbuli lula, mhlawumbi ude uyilibale. Xa uyiqonda into ethile kuyanceda ukwazi ukudibanisa izinto kunye. Ngokomzekelo, xa umfundi woomatshini eqonda indlela injini esebenza ngayo, uza kuzikhumbula bhetele iinkcukacha ngaloo njini.
◼ Ukuba nocwangco Zama ukugcina izinto ngokoluhlu lwazo. Ngokomzekelo, kulula ukukhumbula izinto oza kuzithenga xa zidweliswe ngokoluhlu lwazo—inyama, imifino, iziqhamo, njalo njalo. Kwakhona, yahlulahlule inkcazelo yakho ibe ziinxalenye ezincinane zingabi ngaphezulu kwesihlanu ukusa kwisixhenxe. Iinombolo zefowuni zidla ngokwahlulwa zibe ziinxalenye ezimbini, ukuze ukwazi ukuzikhumbula lula. Okokugqibela, kunokunceda ukudwelisa uludwe lwakho ngendlela ethile, mhlawumbi ngoonobumba.
◼ Ukucengceleza Ukuphindaphinda ngokuvakalayo oko ufuna ukukukhumbula (ngokomzekelo igama okanye ibinzana lolunye ulwimi) kunokukunceda. Njani? Okokuqala, ukulibiza elo gama kukunceda unikele ingqalelo. Okwesibini, umntu okufundisayo unokukunceda ngoko nangoko. Okwesithathu, ukuphulaphula—nokuziphulaphula—kunokukunceda ukhumbule.
◼ Zakhele umfanekiso-ngqondweni Zakhele umfanekiso-ngqondweni wento ofuna ukuyikhumbula. Mhlawumbi unokude uyizobe. Njengokuphindaphinda izinto ngokuvakalayo, ukuzakhela umfanekiso-ngqondweni kuya kukunceda ukuba ukhumbule. Okukhona usebenzisa izivamvo ezingakumbi kokukhona uza kukwazi ukugcina loo nkcazelo.
◼ Zinxulumanise izinto Xa ufunda into entsha, yinxulumanise nento osele uyazi. Ukudibanisa izinto ezithile nezinto sele zisengqondweni kwenza kube lula ukufaka inkcazelo ngendlela ethile engqondweni kuze kube lula ukuyikhumbula. Ngokomzekelo, ukuze ukwazi ukukhumbula igama lomntu, lidibanise nento engaqhelekanga ngenkangeleko yakhe okanye nento eza kwenza kube lula ukukhumbula igama lakhe. Okukhona loo mfanekiso uzakhela wona uhlekisa kokukhona kuya kuba lula ngakumbi ukuwukhumbula. Ngamafuphi, kufuneka sicinge ngabantu nezinto esifuna ukuzikhumbula.
Incwadi ethi Searching for Memory ithi: “Ukuba asinikeli ngqalelo kwizinto ezisingqongileyo nakwizinto ezenzekayo ebomini bethu, asinakuzikhumbula izinto ezibalulekileyo nezinto esiye sazenza ebomini bethu.”
◼ Yibethelele loo nto engqondweni Ziphe ithuba lokwetyisa le nkcazelo. Enye indlela ephumelelayo yokwenza oku kukwenza impinda yoko ukufundileyo, mhlawumbi ngokuyiphinda komnye umntu. Ukuba uye waba namava abangela umdla okanye wafunda into eyakhayo eBhayibhileni okanye kwincwadi yokufundisisa iBhayibhile, yibalisele omnye umntu. Ngaloo ndlela nobabini niza kuzuza—kuza kuba lula ngawe ukukhumbula loo nto yaye umhlobo wakho uza kukhuthazeka. Ngoko ke, kulula ukukhumbula into xa uyiphindaphinda.
Iimnemonic—Ziluncedo
KwiGrisi nakwiRoma yamandulo, abantu abanikela iintetho esidlangalaleni babekwazi ukwenjenjalo ngaphandle kolwandlalo. Babekwenza njani oku? Babesebenzisa indlela ethile yokugcina inkcazelo engqondweni kangangexesha elide ekuthiwa yimnemonic, baze bakwazi ukuyikhumbula xa befuna.
Olunye uhlobo lwemnemonic olwalusetyenziswa ngamaGrike amandulo kwakuthiwa yiloci, eyachazwa yimbongi engumGrike uSimonides waseCeos ngowe-477 B.C.E. Le ndlela iquka imigaqo yokulungelelanisa izinto, ukuba nemifanekiso-ngqondweni, nokunxulumanisa izinto ezifanayo, njengomqondiso osendleleni okanye into ethile kwigumbi okanye kwindlu kabani. Abantu abasebenzisa le ndlela ekuthiwa yiloci bazenzela imifanekiso-ngqondweni, banxulumanise inkcazelo abayifumanayo abafuna ukuyikhumbula nezinto ezithile. Xa befuna ukuyikhumbula le nkcazelo, bacinga ngaloo mifanekiso-ngqondweni bazenzele yona.—Funda ibhokisi ethi “Zenzele Umfanekiso-ngqondweni.”
Xa kwakusenziwa uhlolisiso kubantu abaphuma emagqabini kwiWorld Memory Championships, ebakho minyaka le, kwafunyaniswa ukuba inkumbulo ababenayo yayingabangelwa kukuba krelekrele. Ngaphezu koko, abantu abaninzi kubo babephakathi kweminyaka engama-40 nama-50 ubudala. Yayiyintoni imfihlelo yabo? Abaninzi kubo babesebenzisa iimnemonic.
Ngaba ufuna ukukhumbula uluhlu lwamagama athile? Enye indlela esebenzayo yemnemonic kuthiwa yiacronym—ukudibanisa amagama okuqala yoluhlu lwamagama ukuze wakhe igama elitsha. Abantu abaninzi eMntla Merika bayawakhumbula amagama amaChibi Amakhulu—iHuron, iOntario, iMichigan, iErie, neSuperior—kuba besebenzisa iacronym ethi “HOMES.” Enye into efanayo neacronym, nenceda abantu bakhumbule, yiacrostic, eyayisetyenziswa kakhulu ngamaHebhere amandulo. Ngokomzekelo, kwiindumiso ezininzi, igama lokuqala lendinyana nganye okanye iindinyana ezithile liqala ngoonobumba abalandelelanayo koonobumba bamaHebhere. (Funda iNdumiso 25, 34, 37, 111, 112, neye-119.) Le ndlela yayinceda iimvumi zikhumbule zonke iindinyana ezili-176 zeNdumiso 119!
Unako ukuyiqeqesha ingqondo yakho uze uphucule inkumbulo yakho. Njengokuba uhlolisiso luye lwabonisa, inkumbulo yethu ifana nesihlunu. Okukhona uyisebenzisa, kokukhona iba namandla, naxa sele umdala.
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
AMACEBISO ANGAKUMBI
◼ Phucula inkumbulo yakho ngokufunda ubugcisa, olunye ulwimi nesixhobo somculo.
◼ Nikela ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo.
◼ Funda imnemonic.
◼ Sela amanzi aneleyo. Ukunxanwa kunokubangela ungakhumbuli lula.
◼ Lala ngokwaneleyo. Xa ulele ubuchopho bugcina izinto ofanele uzikhumbule.
◼ Akufanele ufunde xa uxinezelekile. Ukuxinezeleka kuvelisa idlala icortisol, yaye oko kuphazamisa imithambo-luvo.
◼ Kuphephe ukubusebenzisa kakubi utywala nokutshaya. Utywala bunokuphazamisa inkumbulo yokwexeshana, yaye ubunxila bunokubangela uphelelwe yithiamine, enguvithamin B nebalulekileyo ukuze ukwazi ukukhumbula kakuhle. Ukutshaya kunciphisa ioksijini ebuchotsheni.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Le nkcazelo ithatyathwe kwiphephancwadi le-elektroniki iBrain & Mind.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
ZENZELE UMFANEKISO-NGQONDWENI
Ubunokuzikhumbula njani izinto ofanele uzithenge, njengesonka, amaqanda, ubisi nebhotolo. Xa usebenzisa indlela ekuthiwa yiloci, ungakwazi ukuzikhumbula ukuba uzenzela umfanekiso-ngqondweni kwigumbi okulo.
Yiba nomfanekiso-ngqondweni womqamelo osisonka phezu kwesitulo
amaqanda afukanywa phantsi kwesibane
intlanzi yakho idada kwitanki yobisi
ibhotolo iqatywe kumabonwakude
Okukhona uhlekisa umfanekiso ozakhela wona, kokukhona uza kuwukhumbula! Xa ufika evenkileni, zama ukukhumbula loo mfanekiso.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
VUYA KUBA UKWAZI UKULIBALA!
Bebunokuba njani ubomi bakho xa ubunokukhumbula yonke into, enoba ibalulekile okanye ayinamsebenzi? Ingqondo yakho ibiza kuzala zizinto ezingenamsebenzi, akunjalo? Iphephancwadi iNew Scientist lithi, elinye ibhinqa elalikwazi ukukhumbula yonke into eyenzekayo ebomini balo, “lathi le ngxaki elinayo yokukhumbula yonke into ‘ayipheli, ayilawuleki yaye iyindinisa’ kwaye ‘ingumthwalo.’” Okuvuyisayo kukuba, inkoliso yethu ayinayo ingxaki enjalo kuba abaphengululi bathi, iingqondo zethu ziyakwazi ukulahla inkcazelo engeyomfuneko. INew Scientist ithi: “Kubalulekile ukuba umntu alibale izinto ezithile xa ingqondo isebenza kakuhle. Xa silibala into ebalulekileyo, . . . oku kubonisa ukuba inkqubo yethu yokushenxisa izinto engqondweni isebenza kakuhle gqitha.”