IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 9/8 iphe. 31
  • Kutheni Ufanele Ube Nyulu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ufanele Ube Nyulu?
  • Vukani!—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuthekani Ngezifungo Zokungabelani Ngesondo?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Kuyinto Eqhelekileyo Ukuba Nyulu?
    Vukani!—1992
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Kutheni Ufanele Uhlale Unyulu?
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 9/8 iphe. 31

Kutheni Ufanele Ube Nyulu?

“ISITHETHE sokuba nyulu”—leyo yindlela uRandall Balmer unjingalwazi wezonqulo osisinxulumani eBarnard College/Columbia University, alubiza ngayo utyekelo olubonakala lukhula phakathi kwabeshumi elivisayo lokulinda bangabi nazo iintlobano zesini de babe badala.

Akumangalisi ukuba ukhuthazo oluninzi lokungabi neentlobano zesini luvela kwimibutho yezonqulo. UGqr. Balmer walikhupha latsola elokuba: “Kodwa intshukumisa ephembelela isithethe sokuba nyulu yeyehlabathi, asiyiyo eyonqulo. Intshukumisa yokwenene yokuhlala unyulu luloyiko—kungekhona ukoyika ukohlwaywa nguThixo, kodwa ukoyika izifo ezibulalayo.” Ngaloo ndlela, wathelekisa “isithethe sikaMariya Onyulu,” esibonisa ukungabi neentlobano zesini njengengcamango yonqulo, nesale mihla “isithethe sokuba nyulu,” esibonisa ukungabi neentlobano ngenxa yezizathu zempilo.

UGqr. Balmer uhlabela mgama: “Into yokuba abantu baziphathe kakuhle kuba besoyika izifo iyaluhlazisa unqulo lweminyaka yee-1990. Iinkokeli zonqulo, kuba zisoyika ukukhubekisa abanye, ziye zawawanisa xa zithetha ngokuziphatha, okanye azathetha kwaukuthetha ngako. Yaye ngoko ziwushiyela ezandleni zezazinzulu nakumagosa ezempilo umbandela wokucebisa abantu abafikisayo ngendlela amabaziphathe ngayo ngokwesini.”

Noko ke, oku akunjalo ngamaKristu okwenyaniso. Khawucinge ngoChad, okwishumi elivisayo owakhuliswa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Intombazana ethile yaqalisa incoko noChad. Kodwa kungekudala kwabonakala ukuba yayingazimiselanga ukuncokola naye nje kuphela. UChad uthi: “Kwathi qatha nto ithile. Andinakumphoxa uYehova. Ndicinga ngokuqhubeka ndikholisa uYehova engqondweni yam, ndayixelela ukuba ndiyayishiya.”

NjengoChad, ulutsha oluninzi phakathi kwamaNgqina kaYehova lulondoloza ukuziphatha okuhle kungekuphela nje ngesizathu sempilo entle kodwa ngokuyintloko ukuze lukholise uMdali walo, uYehova uThixo. Asikokoyika izifo okulawula ukuziphatha kwalo okuhle. Kunoko, ulutsha olunjalo lulandela isiluleko esikwiNtshumayeli 12:1: “Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share