Ummandla Owakhelwe Phezu Kwezibonda
Ngumbhaleli kaVukani! eBenin
UTHI umkhenkethisi waseNtshona Afrika: “IGanvié yenye yeendawo eziphambili ezinomtsalane kubakhenkethisi eBenin.” Esongezelela omnye uthi: “Abantu baseAfrika bathabathekile yiGanvié; uya kubabona bebaninzi abakhenkethi baseAfrika njengabasentshona.”
IGanvié ngokwenene yahlukile. Iyidolophana enabemi abali-15 000 neyakhelwe phezu kwezibonda kumanzi eChibi iNokoué, kumntla weCotonou, eBenin. EGanvié, akukho zibhayisekile, zinqwelo-mafutha, iindledlana, kwaneendlela. Ukuba abahlali bafuna ukuya esikolweni, evenkileni, ekliniki, kwammelwane okanye naphi na, bakhwela iphenyane elibhexwayo elenziwe ngomthi i-iroko.
Inkoliso yeentsapho zinamaphenyane aliqela—elinye lelikaTata, elinye lelikaMama, yaye maxa wambi elinye lelabantwana. Abantwana bafunda besebancinane ukubhexa. Eneminyaka emihlanu ubudala, umntwana unako ukuziqhubela iphenyane. Kungekudala uba selezithembile ukuba eme kwiphenyane aze aphose umnatha omncinane wokuloba. Olunye ulutsha luyakuthanda ukucel’ injezu ngokuthi lume ngeentloko kumaphenyane lubonisa abakhenkethi.
Kwiivenkile zaseGanvié eziphezu kwamanzi, abarhwebi, inkoliso abangabafazi bahlala kumaphenyane abo nezinto zabo ziyimfumba phambi kwabo—izinongo, iziqhamo, iintlanzi, amayeza, iinkuni, ibhiya, kwanoonomathotholo. Bekhuselwe kwelo langa elikwiinjiko yiminqwazi yelanga enemiphetho emikhulu, bathengisa kwabanye ababhexa awabo amaphenyane ukuya kuthenga apho. Maxa wambi abathengisi iba ngamantombazana amancinane. Ungakhohliswa bubudala babo! Amaqhinga ezorhwebo bawafunda besebancinane.
Ngoxa abafazi bethenga bethengisa ezivenkileni, amadoda azixakekisa ngokuloba, okanye ukufuya iintlanzi ngokuthe ngqo. Indlela yabo yokuloba iquka ukufaka amakhulu amahlahla ezantsi kwelo chibi linodaka, athi enze ihlathi elishinyeneyo lezinti. Iintlanzi zinyakazela apha ukuze zitye la mahlahla abolileyo. Emva kweentsuku ezithile amadoda abuya neminatha yawo ukuza kuloba ezi ntlanzi.
Ukusuka Kwindawo Yokuzimela Ukusa Kwiindawo Zomdla Kubakhenkethi
AmaToffinu aseGanvié ayengasoloko “engaBantu baseManzini” njengokuba esaziwa njalo namhlanje. Ekuqaleni kwenkulungwane ye-18 abalekela emachibini nasemigxobhozweni ephepha intshutshiso eyayivela elumelwaneni kubukumkani baseAfrika. Abafundi bathi igama elithi Ganvié libonakalisa le mbali, ekubeni kulwimi lwesiToffin igama elithi gan linokuguqulelwa ngokuthi “sisindisiwe” yaye igama elithi vie lithetha “ibutho.” Ngaloo ndlela, igama lale dolophu elikomkhulu leelokishi ezisechibini linokuguqulelwa ngokulula ngokuthi “ibutho labantu abafumene uxolo ekugqibeleni.”
Ukubalekela kummandla onomgxobhozo ojikeleze iChibi iNokoué kwakulicebo eliphumelelayo, ekubeni iinkolelo zonqulo zobukumkani obabusilwa nabo zazingavumeli naliphi na ijoni lizibeke esichengeni ngokungena emanzini ekusenokubakho kuwo izikhukula. Ngoko ichibi lanikela indlela yokuphila kwakunye nendlela yokubaleka utshaba. Okuyimpoxo kukuba ngoku lo mmandla udumileyo, inkitha yabakhenkethi ewutyelela ngamaphenyane ahamba ngenjini, wakhe waba yindawo yokuzimela.