IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 2/8 iphe. 28-30
  • Ngaba Ndifanele Ndisivume Isono Sam?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndifanele Ndisivume Isono Sam?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Akukho Nto Ifihlakeleyo”
  • Ukuthetha Kuyanceda
  • Ukuxelela Abazali Bakho
  • Ukufuna Uncedo Kubadala
  • ‘Ndiyoyika Ukususwa Kubudlelane’
  • Hlala Ulwamkela Uqeqesho LukaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ngaba UThixo Ufuna Sizixele Izono Zethu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Uza Kuthini Xa Wenze Isono Esinzulu?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ndinokwahlukana Njani Nobomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 2/8 iphe. 28-30

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndisivume Isono Sam?

“Ndineentloni andazi ukuba mandenze ntoni na. Ndifuna ukuya kubazali bam, kodwa ndineentloni gqitha.”—Lisa.a

LABHALA latsho elinye ibhinqa eliselula elalikhathazekile. Lalithandana nomntu ongakholwayo ithuba elingangeminyaka eliqela xa ngenye imini, liphantsi kweempembelelo zotywala, laba neentlobano zesini naye.

Okubuhlungu kukuba, izinto ezinjalo ziyenzeka ngamaxesha athile, nakumaKristu aselula. Ngenxa yokuba siselula yaye singenamava, zininzi iimpazamo esizenzayo. Kodwa ngoxa kuyinto engenamsebenzi ukwenza impazamo engephi, kubi kakhulu ukubandakanyeka kwisenzo esinzulu, esinjengokuziphatha okubi ngokwesini. (1 Korinte 6:9, 10) Xa oko kusenzeka, umntu oselula kufuneka afumane uncedo. Ingxaki kukuba akusoloko kulula ukuzixela iziphoso zakho.

Enye intombazana engumKristu yaba neentlobano zesini ngaphambi komtshato. Yagqiba kwelokuba isivume esi sono kubadala bebandla, yada yamisela nosuku eyayiza kuya ngalo kubadala. Kodwa olo suku yaluhlehlisa. Kamva, yaphinda yalimisela elinye ixesha olo suku. Kungekudala, kwakusekudlule unyaka!

“Akukho Nto Ifihlakeleyo”

Ukuba uye wawela kwisono esinzulu, umele uqonde ukuba ukuthula asibobulumko. Kaloku, inyaniso iye izivelele enoba kunjani na. Njengomntwana omncinane, uMark waphula umhombiso wodonga owenziwe ngodongwe. Ukhumbula oku, “Ndazama ukuwuncamathelisa kakuhle, kodwa akuzange kube kudala abazali bam bazibona ezo ntanda.” Enyanisweni, akusengomntwana. Kodwa abazali abaninzi ngokuqhelekileyo badla ngokubona xa kukho into engalunganga ebantwaneni babo.

UAnn oneminyaka eli-15 ubudala uyavuma esithi: “Ndazama ukuzifihla iingxaki zam ngokuxoka, kodwa ndaphela ndisenza izinto nzima ngakumbi.” Kumaxesha amaninzi, ubuxoki buye bubhencwe. Yaye xa abazali bakho befumanisa ukuba uye waxoka, bayakhathazeka—bakhathazeke ngakumbi kunendlela ebebeza kukhathazeka ngayo ukuba ububaxelele inyaniso zisuka nje.

Okona kubaluleke ngakumbi, iBhayibhile ithi: “Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa, kungekho nantoni na efihlwe ngenyameko ingasayi kuze yaziwe nengasayi kuze ize ekuhleni.” (Luka 8:17) UYehova uyakwazi oko sikwenzileyo noko sikwenzayo. Akunako ukuzifihla kuye kanye njengokuba uAdam engazange akwazi ukuzifihla. (Genesis 3:8-11) Ekuhambeni kwexesha, izono zakho zisenokubonwa nangabanye abantu.—1 Timoti 5:24.

Ukuthula kunokukwenzakalisa nangezinye iindlela. Umdumisi uDavide wabhala wathi: “Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am ngokubhonga kwam imihla yonke. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho.” (INdumiso 32:3, 4) Ewe, intlungu yokufihla into ethile ingakwenzakalisa ngokweemvakalelo. Ixhala nokuziva unetyala, kwanokoyika ukubhencwa, zingakubangela ube nomvandedwa ngokwenene. Usenokuzahlula kubahlobo nakwintsapho yakho. Usenokuvakalelwa kukuba ulahliwe nanguThixo! Oselula ogama linguAndrew wabhala wathi: “Bendinesazela ngenxa yokumenza buhlungu uYehova. Loo nto ibiqhubeka indikhathaza.”

Ukuthetha Kuyanceda

Ngaba ikho indlela yokufumana uncedo kwiimvakalelo ezibuhlungu kangaka? Ewe, ikho! Umdumisi wathi: “Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; . . . wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam.” (INdumiso 32:5; thelekisa eyoku-1 kaYohane 1:9.) Ngokufanayo uAndrew wafumana uncedo ngokusivuma isono sakhe. Ukhumbula oku: “Ndathandaza kuYehova ngokuzingisileyo ndimcela ukuba andixolele.”

Nawe unokwenza okufanayo. Thandaza kuYehova. Uyakwazi okwenzileyo, kodwa ngokuzithoba kuvume oko kuye ngomthandazo. Mcele ukuba akuxolele, ungayekeleli kuba ucinga ukuba ungendawo gqitha kangangokuba akunakuncedwa. UYesu wafa ukuze sinandiphe ukuma okuhle noThixo phezu kwako nje ukungafezeki kwethu. (1 Yohane 2:1, 2) Kwakhona unokucela amandla ukuze ukwazi ukwenza iinguqulelo eziyimfuneko. Ukufunda INdumiso 51 kusenokukunceda kakhulu xa uthandaza kuThixo.

Ukuxelela Abazali Bakho

Noko ke, kuninzi okufunekayo, kunokuvuma isono kuThixo. Kwakhona unembopheleleko yokuxelela abazali bakho. Bayalelwe nguThixo ukuba bakukhulisele “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Oku banokukwenza kuphela xa bezazi iingxaki zakho. Kwakhona, ukuxelela abazali bakho kusenokungabi lula okanye kube mnandi. Kodwa emva kwendlela abasabele ngayo, baya kukwazi ukulawula iimvakalelo zabo. Banokuvuyiswa kukuba ubathembile kangangokuba ukwazi ukuyityhila yonke ingxaki yakho kubo. Umzekeliso kaYesu ongonyana wolahleko usixelela ngendoda eselula eyawela ekuziphatheni okubi ngokwesini. Kodwa xa ekugqibeleni yakuxelayo oko, uyise wayamkela ngezandla ezishushu! (Luka 15:11-24) Akuthandabuzeki ukuba ngokufanayo abazali bakho baya kukunceda nawe. Ngapha koko, basakuthanda.

Liyinyaniso elokuba, usenokoyika ukuba baya kuba buhlungu abazali bakho. Kodwa asikokuvuma isono okubangela ukuba abazali bakho babe buhlungu; kukwenza isono okubangela intlungu! Ukuvuma linyathelo lokuqala ekuthomalaliseni loo ntlungu. UAnn, okhankanywe ekuqaleni, wabaxelela abazali bakhe yaye emva koko waziva ekhululekile.b

Sekunjalo omnye umqobo obangela kube nzima ukuvuma isono kukuba neentloni nokoyika ukuhlazeka. Umbhali othembekileyo uEzra akazange enze zono, kodwa xa wazivumayo izono zamanye amaYuda wathi: “Ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam.” (Ezra 9:6) Ngokwenene, yinto eqhelekileyo ukuziva uneentloni xa wenze okubi. Oko kubonisa ukuba isazela sakho sisasebenza. Yaye ekuhambeni kwexesha ezo mvakalelo zokuba neentloni ziya kuphela. UAndrew ukubeka ngale ndlela oku: “Ukuvuma isono esithile kunzima kakhulu yaye uye uzive uhlazekile. Kodwa ukwazi ukuba uYehova uya kukuxolela ngokukhulu kubangela isiqabu.”

Ukufuna Uncedo Kubadala

Ukuba ungumKristu, akuxeleli abazali bakho nje kuphela. UAndrew uthi: “Ndandisazi ukuba ndandimele ndise ingxaki yam kubadala bebandla. Esinjani isiqabu ukwazi ukuba babekulungele ukundinceda!” Ewe, ulutsha olungamaNgqina kaYehova lunokuya yaye lumele luye kubadala bebandla ukuze lufumane uncedo nokhuthazo. Kodwa kutheni ungathandazi nje kuYehova kuphela? Kungenxa yokuba abadala bebandla bathwaliswe imbopheleleko nguYehova “yokuhlala beyilindile imiphefumlo yenu.” (Hebhere 13:17) Banokukunceda ukuba uphephe ukuwela esonweni kwakhona.—Thelekisa uYakobi 5:14-16.

Ungazikhohlisi ngokuqiqa ngelithi unako ukuzinceda. Ukuba ubuwomelele ngokwenene, ngaba kwasekuqaleni ngewawuwele esonweni? Kuyacaca ukuba, kufuneka ufumane uncedo kwabanye abantu. Ngenkalipho uAndrew wakwenza oko. Lithini icebiso lakhe? “Ndikhuthaza nabani na obandakanyeke esonweni esinzulu, okanye okhe wabandakanyeka esonweni, ukuba azityand’ igila kuYehova nakomnye wabalusi bakhe.”

Kodwa unokuthetha njani nomdala? Khetha lowo uziva ukhululekile xa uthetha naye. Unokuqala ngokuthi: “Kukho okuthile endifuna ukukuthetha” okanye “ndinengxaki” okanye usenokuthi “ndinengxaki yaye ndifuna uncedo lwakho.” Ukunyaniseka nokukhululeka kwakho zizinto eziya kubonisa inguquko nomnqweno wokufuna ukutshintsha.

‘Ndiyoyika Ukususwa Kubudlelane’

Kuthekani ukuba kungenzeka oko? Liyinyaniso elokuba ukubandakanyeka esonweni esinzulu kungabangela ubani asuswe kubudlelane, kodwa kungekhona kuzo zonke iimeko. Abo basuswa kubudlelane ngabo bangavumiyo ukuguquka—abo baneenkani bangafuniyo ukutshintsha. IMizekeliso 28:13 ithi: “Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.” Isibakala sokuba uye wafuna uncedo kubadala bubungqina bokuba ufuna ukuguquka. Abadala bakho ukuze bakuncede, ingekuko ukukohlwaya. Banembopheleleko yokuphatha abantu bakaThixo ngobubele nangesidima. Bafuna ukukunceda ukuze uzenzele “umendo othe tye iinyawo zakho.”—Hebhere 12:13.

Kuyavunywa ukuba, apho kukho inkohliso okanye uqheliselo lwesono oluthabathe ithuba elide, kusenokwenzeka ukuba bekungekho “misebenzi efanele inguquko.” (IZenzo 26:20) Maxa wambi umphumo uba kukususwa kubudlelane. Ibe nalapho umenzi wobubi eye waguquka, abadala banembopheleleko yokudlulisela isohlwayo esithile. Ngaba ufanele ube nomsindo okanye ube nengqumbo ngenxa yesigqibo abasithabathileyo? KumaHebhere 12:5, 6, uPawulos uyabongoza: “Nyana wam, musa ukuyicukuceza ingqeqesho kaYehova, yaye ungatyhafi xa ulungiswa nguye; kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.” Naluphi na uqeqesho olufumanayo, lujonge njengobungqina bokuba uThixo uyakuthanda. Khumbula, inguquko yokwenene iya kukubuyisela kulwalamano oluhle noBawo wethu onenceba, uYehova uThixo.

Kufuna inkalipho ukuze uzivume iimpazamo zakho. Kodwa ngokwenza njalo, unokuyilungisa imicimbi kungekhona nabazali bakho kuphela kodwa noYehova uThixo ngokwakhe. Musa ukuvumela uloyiko, ikratshi, okanye ukoyika ukuhlazeka zikuthintele ekufumaneni uncedo. Khumbula: uYehova “woxolela ngokukhulu.”—Isaya 55:7.

[Imibhalo esemazantsi]

a Wambi amagama aguquliwe.

b Ukuze ufumane inkcazelo ngendlela onokubaxelela ngayo abazali bakho, bona isahluko 2 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]

‘Ndikhuthaza bonke abo bonileyo ukuba bazityand’ igila kuYehova.’—Andrew

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Ukuvuma izono kubazali bakho kunokukukhokelela kwimpilontle ngokomoya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share