Ukuphuncula Kulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo—“NdandikwiYakuza”
“TATA, xa ubuyile, ndicela siye kunye kwiintlanganiso. Ucinga ukuba uya kukwazi?” Le leta ndayifumana kwintwazana yam yesibini xa ndandisentolongweni okwesihlandlo sesithathu. Yayisiya rhoqo kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova kunye nomfazi wam. Ekubeni iileta ezisuka kwintsapho yam zazikuphela komthombo wentuthuzelo kum, ndathembisa ukuba ndiya kwenza ngokwesicelo sayo.
‘Kutheni ndiphilela ukwenza ulwaphulo-mthetho, olundigcina ndikude kwintsapho yam?’ Ndazibuza oko. Ndakhumbula iintsuku zaxa ndandiselula kakhulu. UTata wafa xa ndandineenyanga ezili-18 kuphela ubudala, ngoko andimazi nokuba wayenjani ebusweni. UMama waphinda watshata kabini emva koko. Iimeko ezinjalo zentsapho zabuphazamisa kanobom ubomi bam, yaye xa ndandikwisikolo samabanga aphakamileyo ndaqalisa ukunxulumana neqela lezikrelemnqa. Ndaba ndlongondlongo ibe ngokufuthi ndabandakanyeka kwimilo yangaphandle esikolweni. Xa ndandikunyaka wesibini kwisikolo samabanga aphakamileyo, ndalungelelanisa iqela labafundi ukuba lilwe nelinye. Umphumo waba kukubanjwa ndize ndithunyelwe kwiziko lokulungisa izimilo okwethuba elithile.
Kwakuyinto elula kum ukuphila ngokwenza ugonyamelo. Kungabanga thuba lide ndaseka iqela leenjubaqa ibe sasidla ngokubutha ngakwiiofisi zeqela leyakuza. Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, ndaba lilungu elipheleleyo lelo qela. Xa ndandineminyaka engama-20 ubudala, ndabanjelwa izenzo ezahlukahlukeneyo zogonyamelo ibe ndagwetywa iminyaka emithathu entolongweni. Okokuqala, ndachitha ixesha kwiNtolongo Yolutsha eNara, kodwa isimilo sam asizange sitshintshe. Ngoko ndasiwa kwenye intolongo, yabantu abakhulileyo. Kodwa imeko yam yaba mbi ngakumbi ibe ekugqibeleni ndaphelela eKyoto kwintolongo yezaphuli-mthetho ezingooncanyelweni.
‘Kutheni ndiqhubeka ndisenza ulwaphulo-mthetho olunje?’ Ndazibuza oko. Njengoko ndandikhangele emva, ndaqonda ukuba oko kwakubangelwa bubudenge bendlela endandiqiqa ngayo. Ngelo xesha, ndandicinga ukuba isimilo esinjalo sasibonisa ukuba ndilikhalipha, sasingqina ukuba ndiyindoda. Xa ndakhululwayo entolongweni sele ndineminyaka engama-25 ubudala, abo babekwiqela lam bandihlonela njengomntu obalulekileyo. Ngoku indlela yayimhlophe ukuba ndihambele phambili njengesaphuli-mthetho.
Indlela Eyasabela Ngayo Intsapho Yam
Malunga nelo xesha ndatshata, ibe kungekudala mna nomfazi wam saba neentwazana ezimbini. Noko ke, ubomi bam abuzange butshintshe. Ndandinyuka ndisihla, ndithi ndisekhaya ndibe ndisemapoliseni—ndandibetha abantu yaye ndiphanga. Siganeko ngasinye sasindenza ndihlonelwe ngamalungu eqela lam ndize ndithenjwe ngumphathi. Ekugqibeleni, “umntakwethu” owayengaphezulu kum kwiyakuza waya kufikelela emanqwanqweni kweli qela waza waba yinkokeli. Kwandichwayitisa ukuba kwindawo yesibini.
‘Uvakalelwa njani umfazi wam neentwazana zam ngendlela endiphila ngayo?’ Ndazibuza oko. Kusenokuba kwakubenza iintloni ukuba nomyeni nobawo osisaphuli-mthetho. Ndavalelwa entolongweni kwakhona xa ndandineminyaka engama-30 ubudala ibe ndaphinda kwakhona xa ndandineminyaka engama-32 ubudala. Ngesi sihlandlo, isigwebo seminyaka emithathu entolongweni sasihlel’ entanyeni kum ngokwenene. Iintwazana zam zazingavunyelwa ukuba zize kundityelela. Ndandikhumbula ukuncokola nazo ndize ndiziwole.
Malunga nexesha endaqalisa ngalo ukuthothoza esi sigwebo sokugqibela entolongweni, umfazi wam waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Suku ngalunye wayendibhalela malunga nenyaniso awayefunda ngayo. ‘Yintoni le nyaniso wayethetha ngayo umfazi wam?’ Ndazibuza. Ndayifunda yonke iBhayibhile ngoxa ndandisentolongweni. Ndacinga ngoko umfazi wam wayethetha ngako kwiileta awayezibhala malunga nethemba lekamva nenjongo kaThixo.
Ithemba labantu lokuphila ngonaphakade eParadesi emhlabeni lalinomtsalane kuba ndandikoyika ngokwenene ukufa. Ndandisoloko ndicinga ukuba, ‘Ukuba uyafa, ulityutyusi.’ Njengoko ndikhangela emva, ndiyaqonda ukuba yayikukoyika ukufa okwandibangela ukuba ndenzakalise abanye ngaphambi kokuba bandenzakalise. Kwakhona iileta zomfazi wam zandenza ndabona ubudenge bosukelo lwam lokuhambela phambili njengesaphuli-mthetho.
Sekunjalo, andizange ndishukunyiselwe ukuba ndifunde inyaniso. Umfazi wam wazahlulela kuYehova waza waba ngomnye wamaNgqina abhaptiziweyo. Nangona kwileta yam ndavumayo ukuya kwiintlanganiso zawo, ndandingacingi ngokuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ndavakalelwa kukuba, umfazi neentwazana zam sele behambele phambili gqitha, bendishiya ngasemva.
Ukuphuma Entolongweni
Ekugqibeleni lwada lwafika usuku lokuba ndikhululwe. Kwisango leNtolongo yaseNagoya, abaninzi ababekwiqumrhu lezaphuli-mthetho babekrozile beze kundikhawulela. Noko ke, kweso sihlwele sikhulu sabantu, kuphela ndandikhangela umfazi wam neentwazana zam. Xa ndabona iintwazana zam, ezazikhule ngokuphawulekayo kwiminyaka emithathu enesiqingatha, ndachukumiseka ndaza ndalila.
Kwiintsuku ezimbini ndifikile ekhaya, ndasigcina isithembiso sam endasenza kwintwazana yam yesibini ndaza ndaya kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova. Ndamangaliswa kukubona isimo sengqondo sokonwaba kubo bonke ababezile. AmaNgqina andamkela ngokufudumeleyo, kodwa ndandingathi ndilahlekile. Xa kamva ndafumanisa ukuba abo babendibulisa babesazi ngemvelaphi yam yokuba sisaphuli-mthetho, ndadideka ngakumbi. Noko ke, ndafumana ububele kubo, ibe intetho esekelwe eBhayibhileni eyanikelwayo yandibangela umdla. Yayixubusha ngokuphila kwabantu ngonaphakade eParadesi emhlabeni.
Kwandikhathaza gqitha ukucinga ukuba umfazi neentwazana zam baza kusindela eParadesi ndize mna nditshatyalaliswe. Ndacingisisa nzulu ngento ekwakuza kufuneka ndiyenze ukuze ndiphile ngonaphakade nentsapho yam. Ndaqalisa ukucinga ngokuphuncula kubomi endandibuphila njengomnye wequmrhu lezaphuli-mthetho, ibe ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile.
Ukuphuncula Kubomi Bokuba Sisaphuli-mthetho
Ndayeka ukuya kwiintlanganiso zequmrhu leendlobongela ndaza ndayeka ukunxulumana neyakuza. Kwakungelula ukutshintsha indlela yam yokucinga. Ndandiqhuba umnyobo wenqwelo-mafutha ephuma kwelinye ilizwe ndinandipha nje ukuyikhwela—ndandisenzela nje ukucel’ injezu. Kwathabatha iminyaka emithathu ngaphambi kokuba ndithengise le nqwelo-mafutha yam ndize ndibe nenye nje efanelekileyo. Kwakhona ndandinomkhwa wokufuna iindlela ezilula zokuphumelela. Noko ke, njengoko ndandifunda inyaniso, ndabona ukuba ndandimele ndenze utshintsho. Kodwa njengoko uYeremiya 17:9 esitsho, “intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi.” Ndandiyazi into endifanele ndiyenze kodwa kwakunzima ukwenza oko ndandikufunda. Iingxaki endajamelana nazo zabonakala zifana nentaba enkulu. Ndadideka, ibe amaxesha amaninzi ndandicinga ngokusiphelisa isifundo ndize ndiyeke imbono endandinayo yokuba ngomnye wamaNgqina kaYehova.
Umqhubi wesifundo sam seBhayibhile wamema umveleli ohambahambayo owayenemvelaphi efanayo neyam ukuba anikele intetho yesidlangalala ebandleni lethu. Esuka eAkita, ekumgama oziikhilomitha ezingama-650, wahamba wonke loo mgama ukuya eSuzuka ukuze andikhuthaze. Emva koko, nanini ndiziva ndityhafile yaye ndicinga ngokuyeka, ndandidla ngokufumana ileta evela kuye, endibuza enoba ndandisahamba ngokuqinileyo na kwindlela yeNkosi.
Ndathi gqolo ndithandaza kuYehova ukuze andincede ndiqhawule onke amaqhina endandinawo neyakuza. Ndandinentembelo yokuba uYehova uya kuwuphendula umthandazo wam. Ekugqibeleni, ngoAprili 1987, ndakwazi ukurhoxa kumbutho weyakuza. Njengoko ishishini lam lalidla ngokundisa phesheya kweelwandle nyanga nganye, kude nentsapho yam, ndawutshintsha umsebenzi wam ndaza ndenza umsebenzi wokucoca. Oku kwashiya iimvakwemini zivulelekele imisebenzi yokomoya. Okwesihlandlo sokuqala, ndafumana imvulophu yomvuzo. Yayikhaphukhaphu, kodwa yandonwabisa.
Xa ndandikwindawo yesibini kumbutho weyakuza, ndandisisinhanha ngokwezinto eziphathekayo, kodwa ngoku ndinobutyebi bokomoya obungaphelelwayo. Ndiyamazi uYehova. Ndiyazazi iinjongo zakhe. Ndinemilinganiselo endiphila ngayo. Ndinabahlobo bokwenene abanenkathalo. Amalungu eqela leyakuza ayenenkathalo nje yenkwalambisa, kodwa alikho ilungu leyakuza endilaziyo, akukho nokuba libe linye, elalinokuzincama ngenxa yabanye.
NgoAgasti 1988, ndabonakalisa ukuzahlulela kwam kuYehova ngokubhaptizwa emanzini, ibe kwinyanga elandelayo, ndaqalisa ukuchitha ubuncinane iiyure ezingama-60 ngenyanga ndixelela abanye ngeendaba ezilungileyo ezaziguqule ubomi bam. Bendikhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo ukususela ngoMatshi 1989 ibe ngoku ndiye ndafumana ilungelo lokukhonza njengesicaka solungiselelo ebandleni.
Ndakwazi ukwahlukana nemikhwa emininzi endandinayo ngoxa ndandikwiyakuza. Noko ke, kusekho omnye osaseleyo. Umvambo osemzimbeni wam, kwakunye nentsapho yam nabanye abandikhumbuza ixesha laxa ndandikwiyakuza. Ngenye imini, umafungwashe wam wafika elila xa wayevela esikolweni, esithi akasayi kuze aphinde aye esikolweni ngenxa yokuba abahlobo bakhe bamxelela ukuba ndandikwiyakuza yaye ndinemivambo. Ndawuxubusha kakuhle lo mbandela neentwazana zam yaye zayiqonda le meko. Ndikhangele phambili kwimini yaxa umhlaba uya kuba yiparadesi yaye inyama yam iya kuba ‘nentlahla.’ Emva koko imivambo yam neenkumbulo zeminyaka engama-20 zokuba kwiyakuza ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo. (Yobhi 33:25; ISityhilelo 21:4)—Ngokubaliswa nguYasuo Kataoka.
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ndilangazelela imini yaxa imivambo yam iya kucinywa
[Umfanekiso okwiphepha 13]
NdikwiHolo yoBukumkani kunye nentsapho yam