IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 3/8 iphe. 6-8
  • Kutheni Ulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo Luphumelela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo Luphumelela?
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkqubo Yoosinga-ntsapho
  • Ingelosi Yokukhanya
  • Ihlabathi Elingenalo Ulwaphulo-mthetho—Linokubakho Njani?
    Vukani!—1997
  • Ukuphuncula Kulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo—“NdandikwiYakuza”
    Vukani!—1997
  • Indlela Olukuchaphazela Ngayo Ulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo
    Vukani!—1997
  • Kutheni Kukho Ulwaphulo-mthetho Oluninzi Kangaka Nje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 3/8 iphe. 6-8

Kutheni Ulwaphulo-mthetho Olulungelelanisiweyo Luphumelela?

UAL CAPONE, omnye weqela lezaphuli-mthetho odume kakubi owayekho nge-U.S. Prohibition Era (Ixesha Lemiqathango eUnited States) (1920-33), wazithethelela ngelithi wayengusomashishini nje owayethobela umthetho—umthetho wonaniselwano. Igqwetha lelona qumrhu likhulu leyakuza eJapan lathi: “Alithandabuzeki elokuba [isini, iziyobisi nokungcakaza] zifunwa ngamehlw’ abomvu.” Oku kuba ngunozala wolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo. Nangona kungekho mntu ufunayo ukuba lixhoba lolwaphulo-mthetho, bambi basenokubhenela kwimibutho yezaphuli-mthetho ukuze bafumane uncedo kuyo.

Ngokomzekelo, khawucinge ngamaqumrhu awenza ingeniso ngokuhlawulisa abantu ukuze abakhusele kumazwe amaninzi. Nangona maxa wambi, exhaphaza oonovenkile abamsulwa, ngokuqhelekileyo baye baxhaphaze nabo banamashishini obuqhetseba. Umnini wendawo yokungcakaza eShinjuku, eTokyo, osithela ngelokuba ishishini lakhe liyindawo nje yokudlala, wathi: “Umabhalana wahlatywa ngemela, waza wakhuthuzwa izigidi ezi-2 [zee-yen (ii-R93 500)]. Kodwa sasingenakuwabiza amapolisa.” Kutheni? “Ekubeni sisaphula umthetho (ngokungcakaza), asifuni ukuba nento yokwenza namapolisa. Xa umthengi eqalisa ukungalawuleki kule venkile yethu, sibiza i-yakuza.” Lo mnini wendawo yokungcakaza uhlawula ii-R19 000 ngenyanga kwiyakuza, eyimalana nje xa ithelekiswa nengeniso ezii-R1401 000 ayiqokelela nyanga nganye kweli shishini lingekho mthethweni. Ivela phi imali enjalo? Iphuma kwabo banandipha ukungcakaza ngokungekho mthethweni.

Namashishini ahloniphekileyo enza ngokufanayo xa efuna ukuphepha iingxaki. Omnye umthombo waseNew York wenza uqikelelo lokuba enye ikontraka yokupeyinta eyenza ingeniso ezii-R70 ezigidi ngonyaka yonga ii-R17,7 lezigidi ngokunyoba iqela lezaphuli-mthetho. Oku kwabangela le kontraka isebenzise abasebenzi ebahlawula imali encinane ize iphephe ukungquzulana nombutho olawulwa leli qumrhu. EJapan, ebudeni bexesha lempumelelo kwezoqoqosho, oonondyebo basebenzisa imali yabo ekuthengeni imihlaba baza bazichitha izindlu neevenkile ezindala ukuze bakhe izakhiwo ezibiza imali eninzi. Xa abemi bengafuni ukufuduka baze bathengise imihlaba yabo, abo batyali-mali baye babize ijiageya, ingakumbi iinkampani ezinxulumene neyakuza, ukuba zibakhuphe.

Xa iyakuza yabona indlela ekulula ngayo ukuboleka nokufumana imali ebudeni beminyaka yee-1980, yaseka iinkampani yaza yathenga imihlaba ineqikili lokufumana ingeniso ngokuthenga izahlulo zamashishini. Iibhanki namaziko emali zafaka imali yazo kwezi nkampani, ngokucacileyo nazo zijonge ukufumana ingeniso. Kodwa xa ekugqibeleni imeko yezoqoqosho yarhuqa ngencum phantsi, iibhanki zakufumanisa kunzima gqitha ukuba zifumane imali yazo kwakhona. Ethetha ngokudodobala okuqhubekayo kwezoqoqosho eJapan, owayesakuba ligosa lamapolisa wathi kwiNewsweek: “Esona sizathu sibangela ukuba iingxaki zokungabuyiswa kwemali ebolekiweyo zingaconjululwa ngokukhawuleza kukuba inxalenye enkulu yazo inxulumene nolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo.”

Eneneni, ulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo luntshula luze lumil’ iingcambu apho abantu bethe phithi thwanga kukwanelisa iinkanuko zabo, nokuba sekumnyam’ entla. Ukubawela uyolo, isini nemali kusisizekabani sokuthengiswa kweziyobisi ngokungekho mthethweni, ubunongogo, ukungcakaza nokubolekisa ngemali enenzala egqith’ emgceni. Ukubandakanyeka kwizinto ezilolo hlobo ngokuqhelekileyo kuthetha ukondla uze utyebise eli qela lezaphuli-mthetho. Hayi indlela eliyinyaniso ngayo elokuba ulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo lwanelisa iimfuno zabo banosukelo lokwanelisa oko kunqwenelwa yimizimba yabo!

Inkqubo Yoosinga-ntsapho

Ukongezelela kulangazelelo lokwenziwa kwezenzo ezingekho mthethweni, kukho enye into oluxhathise ngayo ulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo namhlanje. Enye inkokeli esandul’ ukufa yelinye lawona maqumrhu makhulu eyakuza eJapan yema ngelithi yayithabatha iindlobongela ize izinyamekele ibe ngaloo ndlela yayizithintela ekukhohlakaleni. Yathi yayinguyise wamalungu eli qumrhu. Inkoliso yamaqumrhu ezaphuli-mthetho, kungakhathaliseki ukuba ngawaluphi na uhlanga, imibutho yawo iba ngoosinga-ntsapho abalolo hlobo.

Ngokomzekelo, khawucinge ngoChi Sun,a owayephuma kwintsapho ehlwempuzekileyo eHong Kong. Uyise wayesoloko embetha ngenkohlakalo ngezizathu ezingenamsebenzi. UChi Sun oselula waba nemvukelo waza waphela esiba ngomnye weeTriads ezidume kakubi eneminyaka eli-12 ubudala. Kulo mbutho wezaphuli-mthetho, wafumana indawo apho wayenokuziva “esekhaya.” Ngenxa yokukhalipha kwakhe ekulweni ngezixhobo, kungekudala wanyuselwa wasiwa kwisigxina apho wayephethe iqela lamadoda. Ekugqibeleni, xa wayeneminyaka eli-17 kuphela ubudala, wabanjwa.

Abaninzi njengoChi Sun baye babhenela kwimibutho yezaphuli-mthetho ukuze bafumane iqhina lentsapho elalingekho ekhaya. La malungu athi anenkathalo, kodwa abaselula ngokufuthi bayadimazeka xa befumanisa ukuba lungu ngalinye linomdla kuphela kwisiqu salo.

Ingelosi Yokukhanya

Xa elona qumrhu likhulu lezaphuli-mthetho eJapan laziwa ngokuba liqela elinogonyamelo ngokomthetho omtsha onxamnye namaqela ezaphuli-mthetho ngowe-1992, enye yeenkokeli zalo yema ngelithi eli qela lalizigqala “njengelihloniphekileyo,” lisilwa nxamnye nobubi. Xa inyikima eyoyikekayo yathwaxa elaseKobe ngowe-1995, eli qumrhu linye lazisa ukutya, amanzi nezinye izinto eziyimfuneko ngexesha longxamiseko kubamelwane balo. IAsahi Evening News yanikela le ngxelo: “Isisa esilolo hlobo sesokomeleza indlela ehleli ijongwa ngayo i-yakuza eJapan njengeendlobongela ezifanelwe yimbeko.”

Iinkokeli zamaqumrhu ezaphuli-mthetho ngokufuthi ziye zazama ukuhlala zisaziwa njengabantu abafuna ukunceda. UPablo Escobar, inkokeli edumileyo yequmrhu elithengisa iziyobisi laseColombia eMedellín kubahlali basematyotyombeni besixeko awayehlala kuso “wayengumntu wasentsomini—wayenguMesiya, enguRobin Hood, enguMmeli ukusa kwinqanaba lokuba abe yipatrón, inkokeli,” ubhala atsho uAna Carrigan kwiNewsweek. Wayesenzela abantwana iindawo zokutyibilika emkhenkceni esakhela namahlwempu izindlu ezisemgangathweni aze anike abantwana abahlala ezitratweni imisebenzi. Wayeliqhawe kwabo wayebenzela izinwe.

Noko ke, izaphuli-mthetho ezibonakala zithe zava kumaqumrhu azo zizixhobo nje ezisetyenziswa sesona saphuli-mthetho sikhulu emhlabeni. IBhayibhile iyasichazela igama laso. “USathana ngokwakhe uhlala eziguqulela ekubeni yingelosi yokukhanya. Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bahlale beziguqulela ekubeni ngabalungiseleli bobulungisa. Kodwa isiphelo sabo siza kuba ngokwemisebenzi yabo.” (2 Korinte 11:14, 15) Namhlanje, abantu abaninzi abakholelwa kwelokuba uSathana ngumntu wokwenene. Imbongi yomFrentshi yenkulungwane ye-19 yathi: “Elona qhinga linobuqili uMtyholi alisebenzisayo kukukwenza ucinge ukuba akakho.” Uyazifihla aze alawule okuqhubekayo, kungekuphela nje kumaqumrhu ezaphuli-mthetho kodwa ehlabathini lonke. IBhayibhile ithi: “Ihlabathi liphela lilele emandleni alowo ungendawo.” UYesu wamchaza uSathana ‘njengowayesisibulala-mntu xa waqalisayo, . . . ixoki noyise wabo ubuxoki.’—1 Yohane 5:19; Yohane 8:44.

Iziprofeto zeBhayibhile zityhila ukuba uSathana uMtyholi ebesebenza ngamandla ukususela ngowe-1914. Ukususela ngaloo nyaka ukusa phambili, ebesoloko egayela ingxokolo yakhe kwimfazwe enkulu nxamnye nabantu bakaThixo. Ufaka uluntu kwingxubakaxaka olungenakuzikhupha kuyo. Ungunobangela oyintloko wobukho bolwaphulo-mthetho nemibutho yezaphuli-mthetho namhlanje.—ISityhilelo 12:9-12.

Ngaba umbangeli oyintloko wemibutho yezaphuli-mthetho emhlabeni uya kuze asuswe? Ngaba uluntu luya kuze lulunandiphe uxolo nolungelelwano? Ngaba unokuze ukhululeke kubukhosi obungendawo uSathana aye wabakha emhlabeni namhlanje?

[Umbhalo osemazantsi]

a Wambi amagama aguquliwe ngenxa yokhuseleko lwabo babandakanyekileyo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]

Indlela Yokukhusela Intsapho Yakho

UKUNGABIKHO kokufudumala nomanyano entsatsheni kunokwenza ulutsha lube ngamaxhoba alula amaqumrhu ezaphuli-mthetho. Kuthiwa, eUnited States, inkoliso yolutsha olubandakanyeka kumaqela agwintayo isuka kwiintsapho ezihlwempuzekileyo okanye eziqhekekileyo. Elinye igosa lentolongo yaseMntla Carolina lithi: “Ekubeni luhlwempuzekile, luchukunyiswa ngokulula liqhina elomeleleyo phakathi kwenkokeli nabo isebenza nabo nomanyano olufikela kulo njengelungu lombutho, nto leyo oluqalayo ukuyifumana ebomini balo.”

Ngokufanayo, kumazwe aseMpuma omnye oselula okwiyakuza ozimisele ukukhusela inkokeli yakhe uthi: “Ekhaya ndandisoloko ndindedwa ngalo lonke ixesha. Nangona sasiyintsapho, andizange ndiyicinge into yokuba sinokuncokola siphalazelane imbilini. . . . Kodwa ngoku siyakwazi ukuphalazelana imbilini noogxa bam.” Ulutsha olungamalolo luwaxabisa gqitha amalungu ombutho wezaphuli-mthetho alwenza luzive lusentsatsheni.

Inkokeli yeqela elilungelelanisiweyo lamantombazana aziindlobongela nakhwela izithuthuthu eOkinawa yathi: “Amalungu eyakuza anenkathalo gqitha. Kusenokwenzeka bubuqhetseba abusebenzisayo; kodwa ke, ekubeni singazange sifumane mpatho-ntle, oku kuyasichukumisa.” Intsumpa yeziko lamantombazana aziindlobongela iqinisekisa ukuba amaqumrhu ezaphuli-mthetho “anobuchule ekuthimbeni iintliziyo zamantombazana.” Xa amantombazana angamalolo ezibiza ezinzulwini zobusuku, ezi zaphuli-mthetho ziyakhawuleza ukuya kuwo zize ziphulaphule oko akuthethayo, ngaphandle kokuba zibe neentlobano zesini nawo.

Loo nkathalo ziba nayo de zibe ziluthimbe ngokupheleleyo olo lutsha lungamaxhoba azo. Xa olo lutsha lubanjisiwe, zenza unothanda ngalo—amantombazana ziwenza oonongogo zize amakhwenkwe ziwafake kwimibutho elungelelanisiweyo yolwaphulo-mthetho.

Unokubakhusela Njani Abathandekayo Bakho?

IBhayibhile iluleka ngelithi: “Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, khon’ ukuze bangafi intliziyo.” (Kolose 3:21) Oku akukhuthazi abazali ukuba babe ngoothoba sikutyele. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umntwana oyekelelweyo udanisa unina.” (IMizekeliso 29:15) Kunoko, iBhayibhile ikhuthaza oobawo—kwakunye noomama—ukuba babe nolwazelelelo xa beqhubana nabantwana babo, babaphulaphule, baze banxibelelane nabo ngokukhululekileyo. Ngoko, oko kuya kubakhuthaza abantwana ukuba bazityand’ igila kubazali babo xa bexinezelekile.

Ukongezelela kunxibelelwano olukhululekileyo, abazali kufuneka banike abantwana babo imilinganiselo yobomi. Ubawo unokulufumana phi ukhokelo olunjalo? IBhayibhile ithi: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Zinike ixesha lokuqwalasela iBhayibhile nabantwana bakho ngesifundo seBhayibhile sentsapho. Yaye milisela uloyiko olufanelekileyo ngoYehova ezintliziyweni zabo ukuze basoloko belandela ulwalathiso lukaYehova ukuze bangenelwe.—Isaya 48:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share