Indlela Esiwuthanda Ngayo Umyezo
NGABA akuyixabisi inzolo yomyezo omhle eyahluke mpela kwingxolo nesiphithiphithi samihla le? Ngaba akuthandi ukujikelezwa ziipaki ezizolileyo ezinengca, iintyatyambo, imithi enomthunzi namachibi ukuze ube nepikiniki nentsapho yakho okanye ubethwe ngumoya nomhlobo wakho? Ewe, hayi indlela umyezo oyolisa, ohlaziya, oseluxolweni nophilisa ngayo!
Nangona abanye besenokungafuni ukunyamekela umyezo mhlawumbi ngenxa yokungabi naxesha, sonke siyayithanda imibala, ivumba elimnandi, izandi neziqhamo ezisemyezweni. UThomas Jefferson— umzobi weeplani zezakhiwo, isazinzulu, igqwetha, umyili nomongameli waseUnited States—wayewuthanda umyezo. Wabhala wathi: “Akukho msebenzi ndiwuthanda njengokulungisa umhlaba. . . . Nangoku ndisazimisele ekulungiseni umyezo. Kodwa nangona ndiyingwevu, ndingumlimi oselula.”
Baninzi abanembono efana neyakhe. Nyaka ngamnye izigidi zabatyeleli ziyathontelana ukuya kweyona miyezo ibalaseleyo ehlabathini—iKew Gardens (iRoyal Botanic Gardens), eNgilani; imiyezo yaseKyoto, eJapan; imiyezo ekwiBhotwe laseVersailles, eFransi; iLongwood Gardens, ePennsylvania, eUnited States, ukukhankanya nje embalwa. Kwakhona amazwe amaninzi anemimandla yesixeko enezindlu ezimi ngakwizitrato ezingqongwe yimithi, zingqongwe ngamatyholo, imithi, nobukhazikhazi bemibala ebhanyabhanya—njengeparadesi encinane.
Imiyezo Inokuba Luncedo Empilweni
Kuye kwafunyaniswa ukuba xa abantu benxibelelana nendalo, impilo yabo inokuba bhetele, nangona olo nxibelelwano luphelela nje ekuboneni iintyatyambo, imithi, amatyholo neentaka ngokuzijonga ngefestile. Oku kwabangela ukuba kwisibhedlele esikwisiXeko saseNew York kutyalwe umyezo eluphahleni. Igosa lasesibhedlele lathi: “Wathandwa gqitha. Ubulukhuthazo kubaguli nakubasebenzi. . . . Kubonakala ngathi sinokuba luncedo gqitha empilweni.” Eneneni, uhlolisiso lubonisa ukuba abantu banokuncedakala emzimbeni, engqondweni nangokweemvakalelo ngokondela indalo.
Ngaphezu koko, umntu othanda izinto zokomoya unokuziva esondele kuThixo xa ebona imisebenzi Yakhe. Xa kuthethwa ngomyezo sitsho sikhumbule umyezo wokuqala, uMyezo wase-Eden, apho uThixo waqala ukunxibelelana nomntu.—Genesis 2:15-17; 3:8.
Umyezo uthandwa ehlabathini lonke. Yaye njengoko siza kubona, oku kubalulekile. Noko ke, ngaphambi kokuba sixubushe ngalo mbandela, siyakumema ukuba “uhambe” kwembalwa imiyezo ekwimbali ukuze ubone indlela olunzulu ngayo ezintliziyweni zabo bonke abantu ulangazelelo lweParadesi.