Ukuzilimela Ukutya Kwesakho Isitiya
NGUMBHALI KAVUKAN! ECENTRAL AFRICAN REPUBLIC
KUMAZWE amaninzi, eyona nto ixhalabisa abantu kukondla iintsapho zabo. Amaxabiso axhomileyo emifuno enza kube nzima ukondla intsapho. Noko ke, abanye abantu baye bayicombulula le ngxaki—ngokuzilimela okwabo ukutya!
Usenokufuna ukuqalisa ukuzilimela esakho isitiya. Yinyaniso ukuba, usenokungabi nomhlaba owaneleyo kwikhaya lakho, kodwa kusenokubakho umhlaba okufutshane onokwenza amalungiselelo okuwulima. Cinga ngemali onokuzongela yona xa uzilimela ukutya okumnandi nokusempilweni! Ukusebenza esitiyeni kusenokuba luncedo ekulolongeni uzimba wakho. Ukusebenza esitiyeni kusenokuba ngumsebenzi owenziwa yintsapho yonke. Kakade ke, ukulima imifuno esitiyeni kusifundisa izinto ezithile. Kusifundisa ukuhlakulela iimpawu ezinjengomonde. (Yakobi 5:7) Ukongezelela, ukubukela izityalo zikhula kunokukusondeza kuMdali wazo zonke izinto ezilungileyo.—INdumiso 104:14.
Ungacingi ukuba ukuzilimela kuya kuba yinto elula okanye uya kufumana isivuno esihle kwasekuqaleni. Noko ke, xa uzimisele yaye unofifi ngento ofuna ukuyenza, unokuphumelela!
Intsapho Ijamelana Nocelomngeni Ngempumelelo
Ngokomzekelo khawucinge ngoTimothée noLucie—isibini esingamaKristu esinabantwana ababini esihlala eBangui, ikomkhulu laseCentral African Republic. Bafumanisa ukuba ukuzilimela kwakuluncedo kunandipheka yaye iyindlela yokwandisa ingeniso yabo.
Xa uLucie wayeneminyaka eli-13 ubudala, wayelima isitiya esincinane kufuphi nekhaya lakhe, esilima xa ebuya esikolweni nangeempela-veki. Kwakumvuyisa ukubukela izityalo zikhula. Noko ke, kwaba semva kweminyaka ethile apho kwathi qatha into yokulimela intsapho yakhe. Wenza amalungiselelo okulima umhlaba owawukufuphi ekwakulahlwa kuwo inkunkuma. ULucie wabona ukuba wawunokusetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Kunokuba ibe ngumhlaba nje ongumqwebedu, ukulahlwa kwenkunkuma kangangeminyaka kwawenza waba ngumhlaba ochumayo. ULucie noTimothée bagqiba ekubeni bawenze isitiya loo mhlaba.
Indlela Yokuqalisa
Noko ke, kwakufuneka, baqale ngokuphanda. Bathetha nabanye ababekwazi ukulima imifuno yaye baphulaphula ngenyameko. Ekubeni eso siqwengana somhlaba kwakufuneka sinkcenkceshelwe, bafunda nendlela yokuzembela iqula. Ukufunda iincwadi ezithetha ngezitiya nako kwabanceda.
Bafunda ngendlela ezinegalelo ngayo ezinye izityalo kwezinye nokuba zimbi izityalo zixhomekeke kwezinye ukuze zikhule. Noko ke, ezinye izityalo ziyakhabana. Bambi bathi iminqathe neetumato ziyachuma xa zityalwe ndawonye esitiyeni. Ngokufanayo, icelery nekholiflawa ziyachuma xa zityalwe ndawonye. Idile ikhula “kakuhle” xa ityalwe nee-erertyisi, ikomkomere, ilettuce netswele. Noko ke, ilettuce neparsley azilungi xa zityalwe ndawonye. Itswele liyakhabana neembotyi nee-ertyisi. Xa izityalo zikhabana, zibabuthathaka zize zibe zizisulu zezifo nezinambuzane eziyingozi.
Kwakhona uTimothée noLucie bafumanisa ukuba kwakungebobulumko ukutyala uhlobo olunye lwesityalo. Ukuba eso sityalo sihlaselwa zizinambuzane okanye zizifo akukho nto banokuyivuna. Ukutyala iintlobo ezahlukahlukeneyo zezityalo ezikhethwe kakuhle kwabanceda bahlangabezana naloo ngxaki. Imifuno neentyatyambo zisenza sibe nomtsalane isitiya kwizinambuzane nakwiinyosi nto leyo esenza sibe sempilweni.
Esi sibini safumanisa neendlela zokuphepha ukusebenzisa amayeza ayityhefu kwizityalo zaso. Safumanisa ukuba ikonofile iyazibulala izinambuzane ezithile xa ityaliwe esitiyeni.a
Kwafuneka bazibhokoxe yaye babe nomonde, kodwa sithethanje uTimothée noLucie banesitiya esichumayo. Sivelisa ikhapetshu, iparsley, iitumato, iminqathe, iikomkomere nee-eggplant—maxa wambi imveliso engaphezu kwaleyo inokutyiwa yintsapho!
Zilimele Esakho Isitiya!
Akukho eAfrika kuphela, apho abantu baye bakufumanisa kuluncedo ukuzilimela. Ngokomzekelo, eJamani, kukho izitiya ezingaphezu kwisigidi ezilinywa ngabantu abahlala ezixekweni. Maxa wambi kuthiwa ziSchrebergaerten, (zithiywe ngogqirha oliJamani uDaniel Schreber), ezi zitiya ziziqwengana ezincinane zomhlaba ezisondeleleneyo (eziqala kwizikwemitha ezingama-200 ukusa kwezingama-400) ekuqeshiswa ngazo kubahlali basezixekweni. Ngokutsho komnye umphengululi, ezi zitiyana “ziluncedo ekuveliseni iziqhamo nemifuno emitsha.” Ezi zitiya ziba ngathi “yiparadesi” kwabo bazilimayo—indawo yokusebenza nokuzihlaziya.
IBhayibhile ithembisa ukuba akusentsuku zatywala wonke umhlaba ube sisitiya esingumyezo—iparadesi yokwenene. (Luka 23:43) Kodwa okwangoku usenokufumana isiqwengana somhlaba uze uyoliswe kukuzilimela ukutya kwesakho isitiya.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane amacebiso angakumbi okubulala izinambuzane esitiyeni ngaphandle kokusetyenziswa kwezibulala zinambuzane bona inqaku elithi “Gardening the Organic Way,” kuVukani! wesiNgesi kaMatshi 22, 2002.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UTimothée noLucie besikha amanzi kwisitiya sentsapho yabo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Isiqwengana sesitiya eMunich, eJamani