Umyezo Oqhelekileyo Omhle Ngokungaqhelekanga
NGUMBHALI KAVUKANI! EGUADELOUPE
BABEHLALA kwindawo entle kodwa bengakwazi ukubuka ubuhle bayo. Leyo yindlela ababephila ngayo abemi abaninzi baseAfrika abafuduswa ngenkani kwilizwe labo baza baziswa eGuadeloupe naseMartinique ukususela ngenkulungwane ye-17. Aba bantu babengamakhoboka ubomi babo bonke kumasimi eswekile kwezi ziqithi zeCaribbean.
Abalimi abaninzi kwezi ziqithi bawanyanzela amakhoboka ukuba azilimele ukutya ukuze akwazi ukuzondla, ngoko la makhoboka ayenezitiya zawo. Lo yayingumsebenzi onzima, kodwa noko, la makhoboka ayekwazi ukulima ukutya akuthandayo. Ayelima iimanioc, iiyam, nezinye izinto ezimnandi nezinesondlo kunayo nantoni na ayenokuyifumana kwiinkosi zawo. Kwakhona ayelima namayeza kuquka nezinongo zokutya.
Ngowe-1848 urhulumente waseFransi wabuphelisa ubukhoboka kwezi ziqithi, kodwa abemi balapha nababesandul’ ukukhululeka baqhubeka belima izitiya zabo. Namhlanje abemi baseGuadeloupe nabaseMartinique, uninzi lwabo oluyinzala yabemi baseAfrika ababesebenza nzima, basaqhubeka belima kwizitiya ekuthiwa ziiCreole.
Amahlathi Ashinyeneyo Amancinane
Iintsapho zamakhoboka zazidla ngokuba nezitiya ezibini. Isitiya semifuno sasidla ngokuthi qelele endlwini. “Isitiya sasekhaya,” (okanye ijardin de case njengokuba sasibizwa njalo ekuhlaleni) sasiba kufuphi nendlu, yaye kusenjalo nanamhlanje ngesitiya ekuthiwa yiCreole. Esi sitiya siba neendidi ezininzi zeentyatyambo, iindidi zengca, imithi namatyholo asenokukhula de abe ngathi ngamahlathi ashinyeneyo. Ekubeni utyani lukhula kuyo yonk’ indawo, xa uqala ukusibona, sisenokubonakala ngathi yingxubevange. Kodwa esi sitiya senziwe kakuhle yaye sahlulahlulwe ngamacandelo. Iindledlana ezenziweyo zenza kube lula ngomlimi ukusondela kuzo zonke izityalo zakhe.
Esi sitiya sirhangqa indlu yonke, yaye siba yindawo entle gqitha yokwamkel’ iindwendwe. Xa kufika iindwendwe, intsapho izamkela phakathi kweentyatyambo ezintle nezingathi ngumhlontlo, iigolden trumpet, kunye namagqabi amibalabala ebougainvillea neixora.
Wona amayeza alinywa odwa kwisitiya seCreole, ngokuqhelekileyo indawo enomthunzi ekufuphi endlwini. Amayeza aqhelekileyo kwezi ziqithi yinxina, isinamoni, iindlebe zebhokhwe, ibay leaf nejack in the bush. Kwezi zitiya kukwalinywa nomqungu, yaye amagqabi awo omileyo ayatshiswa ukuze kugxothwe iingcongconi.
Abantu abaninzi kwezi ziqithi baluxabise gqitha ulwazi lwabo lwamayeza. Ngaphambili xa umntu egula okanye enzakele, ugqirha wayedla ngokuba kude. Ngoko ke abantu babekwazi ukuzinyanga ngamayeza abawafumana kwizitiya zalapha. Ezi zizityalo zisasetyenziswa nanamhlanje njengamayeza, kodwa kusenokuba yingozi ukuzinyanga. Kunokumnyanga loo mntu ugulayo, xa iyeza lingasetyenziswanga kakuhle lisenokumgulisa ngakumbi. Ngoko ke, abantu bezi mini abahlala kwezi ziqithi baqhele ukuya kugqirha xa begula.
Ubukhulu becala, kwisitiya esisemva kwendlu kudla ngokulinywa ukutya. Apho uya kufika kukho ooziyam, iieggplant, umbona, utyuthu, iletisi neminye imifuno, yaye kwalapha kulinywa neziqholo ezigalelwa koku kutya. Kwalapha kusenokukhula nemithi yeebhanana, yaye usenokubona nohlobo oluthile lwemalbheri, iavokado, igwava okanye imango.
Khawuzibone Ulapha
Xa uhamba-hamba kwisitiya iCreole, usenokufun’ ukusondela ukuze ubuke ubuhle baso. Xa uphakathi kuso, usenokubuthanda ubuhle beentyatyambo namagqabi azo njengokuba zivelisa loo mibala yazo mihle xa zibethwa lilanga. Kanti yona impepho iza nevumba elimnandi ongenakulifumana nakwiziqholo zezi mini zamanenekazi. Kaloku, kumnandi gqitha ukuba kwesi sitiya, phofu ke, ulundwendwe nje. Khawucinge ngovuyo lomninimzi otyale esi sitiya aze achithe ixesha kuso imihla ngemihla!
Ngaba isitiya ekuthiwa yiCreole siya kusoloko sikho? Bambi abemi bezi ziqithi bayakhathazeka xa bephawula ukuba ulutsha alunamdla kwesi sithethe sinomtsalane nesiyinzuzo. Sekunjalo, abantu abaninzi abaselula nasebekhulile, bayabuxabisa ubuhle besi sitiya noko sikuthethayo kubantu balapha. Sitiya ngasinye seCreole sisikhumbuza indlela amakhoboka aseAfrika ayiguqula ngayo imeko eyayimbi aza ayenza yantle.
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
LITHETHA NTONI IGAMA ELITHI “CREOLE”?
Igama elithi “Creole” ntlandlolo lalibhekisela kubantu baseYurophu abazalelwa kumazwe aseMerika kodwa ngoku libhekisela kwizinto ezininzi. Abemi abathile baseHaiti basebenzisa eli gama xa bechaza into entle gqitha okanye ekumgangatho ophakamileyo. Ezinye iilwimi eJamaica, eHaiti, nakwezinye iindawo zibizwa ngokuba sisiCreole. Enyanisweni, isi-“creole” lulwimi olusuka kwisipidgin noluye lwalulwimi lwasekuhlaleni kwiqela elithile labantu.
Kwakhona igama elithi creole lithetha indlela ethile yokuphila, abaphila ngayo abami beziqithi ezininzi zeCaribbean. Le yintsingiselo yegama elinxulumene neleSpanish elithi criollo ePuerto Rico nakwiDominican Republic. Kwiziqithi zeCaribbean inzala yabantu bomthonyama, abemi baseAfrika, nabemi baseYurophu baye baxubana baza batshata kwiinkulungwane ezininzi ezidlulileyo, bezala abantwana abahle nabanamasiko abangel’ umdla. Izitiya zaseGuadeloupe nezaseMartinique zithiywe ngokuthi ziiCreole kucingwa ngala masiko.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Imifanekiso ephakathi kweminye (ukususela ngasentla): IAlpinia, ipepile, ipayina, icacao nekofu