IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g98 7/8 iphe. 9
  • Ngaba Impilo Efezekileyo Iliphupha Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Impilo Efezekileyo Iliphupha Nje?
  • Vukani!—1998
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuhlangulwa Ekuguleni
  • Impilo Efezekileyo Kubo Bonke
    Vukani!—1995
  • Xa Ukugula Kungasekho!
    Vukani!—2007
  • Impilo Esemgangathweni Kubantu Bonke—Iza Kubakho Kungekudala!
    Vukani!—2001
  • Oko Kuthenjiswa ‘Ngokuphela KoThixo Oyinyaniso’
    Vukani!—2005
Khangela Okunye
Vukani!—1998
g98 7/8 iphe. 9

Ngaba Impilo Efezekileyo Iliphupha Nje?

NGABA wakha wagula kakhulu okanye wenza utyando olukhulu? Ukuba kunjalo, kusenokuba ngoku uyabuxabisa ngakumbi ubomi. Kodwa enoba injani impilo yakho, ngaba uyakholelwa kwelokuba kunokwenzeka ukuba unandiphe impilo efezekileyo? Oku kusenokubonakala kuliphupha nje xa kukhangelwa izifo ezigqugqisayo ezinjengomhlaza okanye isifo sentliziyo. Eneneni, inkoliso yethu iyagula amaxesha ngamaxesha. Sekunjalo, ukuphila qethe akulophupha nje.

Umntu wayedalelwe ukunandipha impilo entle, kungekhona ukubandezeleka kukugula nokufa. Ngenxa yoko, ukuphelisa ukugula nokufa, uYehova ulungiselela isiseko sempilo efezekileyo kwanobomi obungunaphakade ngedini lentlawulelo likaKristu Yesu. “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Abo baphila kwihlabathi elitsha ledinga likaThixo abasokuze babandazeleke ngenxa yempilo enkenenkene okanye ukwaluphala. Ukuba kunjalo, kuyakwenzeka ntoni ngabagulayo?

Ukuhlangulwa Ekuguleni

Indlela uYesu Kristu awayephilisa ngayo abagulayo isibonisa into eya kwenzeka. Ngokuphathelele ukuphiliswa okunjalo kwathiwa: “Iimfama ziyabona kwakhona, neziqhwala ziyahamba-hamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa nezithulu ziyeva, nabafileyo bayavuswa, nabangamahlwempu kuvakaliswa iindaba ezilungileyo kubo.” (Mateyu 11:3-5) Ewe, bonke abo bayimilwelwe abaya kuYesu “baphiliswa ngokupheleleyo.” (Mateyu 14:36) Ngenxa yoko, “isihlwele sathi manga njengoko sasibona izimumu zithetha neziqhwala zihamba neemfama zibona, saza samzukisa uThixo kaSirayeli.”—Mateyu 15:31.

Eneneni, nangona kungekho namnye namhlanje onokuphilisa ngolo hlobo, sisenokuqiniseka ukuba phantsi kolawulo lukaThixo uluntu luya kufezeka, lunyangiwe kuzo zonke izigulo zengqondo nezomzimba. Isithembiso sikaThixo sibhalwe kwiSityhilelo 21:3, 4: “Khangela! Intente kaThixo iseluntwini, yaye uya kuhlala nalo, ibe lona luya kuba ngamaqela abantu bakhe. NoThixo ngokwakhe uya kuba nalo. Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”

Khawuthelekelele ihlabathi apho kungekho mfuneko yamizi-mveliso amayeza okanye izibhedlele, utyando okanye unyango! Ngokubhekele phaya, kwiParadesi ebuyiselweyo, udandatheko nezigulo zengqondo ziya kuba zizinto zezolo. Ubomi buya kuba bobonwabisayo; yaye ulonwabo, luya kuba sisimakade. Eneneni, amandla kaThixo angenasiphelo aya kuyibangela isebenze inkqubo yomzimba yokuzihlaziya, yaye iingenelo zentlawulelo ziya kuphelisa imiphumo yesono esingumqobo. “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.”—Isaya 33:24.

Elinjani lona ithemba—ukunandipha impilo yasemzimbeni neyokwenyama efezekileyo phantsi koBukumkani bukaThixo! Njengokuba uphila ubomi obulungeleleneyo nobusempilweni ngoku, khangela phambili kwiintsikelelo kwihlabathi elitsha likaThixo. Kwanga uYehova ‘angabuzalisa ubomi bakho ngento elungileyo, buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi’!—INdumiso 103:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share