Iinkolelo—Zisasazeke Kangakanani Namhlanje?
UBA ngajikela ngapha, ziinkolelo—emisebenzini, ezikolweni, kwizithuthi zikawonke wonke nasezitratweni. Uthi usakuthimla, uve nabantu abangakwaziyo, odibana nabo nje esithubeni, besithi: “UThixo abe nawe” okanye uve nje besithi “Makabe nawe.” Nakwezinye iilwimi akho amabinzana ayelele apho. NgesiJamani kuthiwa “Gesundheit.” Ama-Arabhu athi “Yarhamak Allah,” baze ke abantu basePolynesia abakuMzantsi Pasifiki bathi “Tihei mauri ora.”
Ukholelwa ukuba oko yinto nje eqhelekileyo esuka kwindlela abantu abaphila ngayo, usenokuba ukhe wacingisisa ngesizathu sokuba abantu bathethe ngolo hlobo. Kodwa ikho le nkolelo lisekelwe kuyo eli binzana. UMoira Smith, ojongene nethala leencwadi kwiFolklore Institute kwiYunivesithi yaseIndiana eBloomington, eIndiana, eUnited States, uthi xa ethetha ngeli binzana: “Lisusela kwingcamango yokuba xa uthimla ukhuphela ngaphandle umphefumlo wakho.” Xa kusithiwa “uThixo abe nawe,” kucelwa uThixo ukuba awulondoloze.
Kambe ke, abantu abaninzi baya kuvuma ukuba ukukholelwa ukuba umphefumlo uyaphuma emzimbeni wakho xa uthimla akukho ngqiqweni. Noko ke, akumangalisi ukuba iWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary ichaza inkolelo “njengokukholelwa okanye uqheliselo olubangelwa kukungazi, ukoyika into ongayaziyo, ukuthembela kubugqi okanye kumabona-ndenzile, okanye kwingcamango yobuxoki engokwenzeka kwezinto.”
Akumangalisi ukuba ugqirha owayephila kwinkulungwane ye-17 wathi iinkolelo zexesha awayephila ngalo “bubuvuvu nje” babantu abangafundanga. Ngenxa yoko, njengoko abantu babefikelela inkulungwane yama-20, ekuthe kuyo inzululwazi yaphumeza izinto ezininzi, iThe Encyclopædia Britannica yowe-1910 ngelikhulu ithemba yathetha kusengaphambili ngexesha apho “ibutho labantu liya kukhululeka kuzo zonke nje iinkolelo.”
Sele Zithe Tshitshilili Okweenkowane
Kwathi kanti laa nto yayithenjiwe kumashumi asibhozo eminyaka eyadlulayo ayikho, kuba kubonakala ngathi zendele okwelitye lenyengane. Ngokunjalo nangeenkolelo akungoku zabakho. Igama elithi “inkolelo” lisuka kwelesiLatini elithi super, elithetha “ngaphezulu,” nelithi stare, elithetha “ukuma.” Ngenxa yoko, amajoni asinde edabini ayebizwa ngokuba ziisuperstites, ngenxa yokuba aye aphila ithuba elide kunoogxa bawo awayephume nabo ukuya edabini, ngelicacileyo “esima” ngaphezu kwabo. Ibhekisela kweli gama zisekelwe kulo, incwadi ethi Superstitions ithi: “Iinkolelo ezikhoyo ngoku ziqhubekile zikho ukutyhubela iminyaka nangona bekuye kukhangeleke ngathi ziza kuphela.” Khawucinge nje ngemizekelo embalwa yeenkolelo ezikhoyo.
◻ Emva kokufa ngesiquphe kwerhuluneli yesinye isixeko esikhulu saseAsia, abo babesebenza kwisakhiwo saseburhulumenteni eyayihlala kuso nababexhelekile bacebisa irhuluneli elandelayo ukuba idibane nesanuse esithile, sona sacebisa ukuba kwenziwe utshintsho phaya naphaya ngaphakathi nangaphandle kwesakhiwo eso. Aba basebenzi babecinga ukuba olo tshintsho lwaluza kutsho lithi de noko ishwangusha.
◻ Umongameli wenkampani ethile yaseUnited States engenisa izigidi ngezigidi zeedola, unelitye asoloko eligxulushile nanini na. Emva komboniso wakhe wokuqala wezoshishino, akaphumi endlwini ngaphandle kwalo.
◻ Ngaphambi kokugqibezela uthethathethwano lwezoshishino, oosomashishini abaphambili baseAsia badla ngokufuna amacebiso esanuse.
◻ Nangona iziqeqesha ngokuzimisela, enye imbaleki ithi iphumelela ngenxa yempahla eyinxibileyo. Ngoko ayiyeki kuyinxiba—ingahlanjwanga—kukhuphiswano olulandelayo.
◻ Mfundi uthile usebenzisa usiba oluthile xa ebhala iimviwo aze afumane amanqaku aphezulu. Emva koko, ucinga ukuba olu siba “lunamathamsanqa.”
◻ Ngosuku lwakhe lomtshato, umtshakazi udibanisa isinxibo sakhe ngobunono ukuze sibe “necala elimbatshileyo, elitsha, neminye ke imixokomezelo, neendawo eziluhlaza okwesibhakabhaka.”
◻ Mntu uthile uvula nje iBhayibhile aze afunde isibhalo asibone kuqala, ekholelwa ukuba loo mazwi aya kumnika ukhokelo oluthile alufunayo ngokwelo xesha.
◻ Njengoko ubhazabhaza wenqwelo-moya ucanda ibala ulungiselela ukuncothuka, abakhweli abaninzi benza uphawu lomnqamlezo. Omnye uphulula imbasa “yeNgcwele” uChristopher njengoko inqwelo-moya ihamba.
Licacile elokuba, nanamhlanje iinkolelo zithe tshitshilili ehlabathini lonke. Enyanisweni, uStuart A. Vyse, unjingalwazi osaqeqeshwayo wezengqondo eConnecticut College uthi kwincwadi yakhe iBelieving in Magic—The Psychology of Superstition: “Nangona siphila phakathi kwebutho labantu elihambele phambili kwezobugcisa, iinkolelo zithe tshitshilili okweenkowane kunanini na ngaphambili.”
Iinkolelo zendele namhlanje kangangokuba imigudu yokuzicima iye yawa phantsi. Kutheni kunjalo nje?