IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 8/1 iphe. 3
  • Ukulawulwa Ziinkolelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukulawulwa Ziinkolelo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Iinkolelo—Kutheni Zingapheli?
    Vukani!—1999
  • Ngaba Iinkolelo Ziyavumelana Nemfundiso YeBhayibhile?
    Vukani!—2008
  • Ngaba Ulawulwa Ziinkolelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Iinkolelo—Zisasazeke Kangakanani Namhlanje?
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 8/1 iphe. 3

Ukulawulwa Ziinkolelo

UDIBANA nomntu othile ngoxa uphuma ekhaya. Ukhubeka elityeni. Kukhala intaka ethile ebusuku. Usoloko uphupha into enye. Kwabanye abantu, ezi zizinto nje ezingathethi nto. Kodwa kubantu abathile eNtshona Afrika, ezi zinto zisenokugqalwa njengemiqondiso, ishwangusha, okanye kuthiwe ookhokho bathetha nawe. Kusenokuthiwa uza kuwelwa ngumqa esandleni okanye wehlelwe lilishwa, kuxhomekeke kuloo nto uyibonileyo okanye indlela etolikwa ngayo.

Phofu ke, iinkolelo azikho eAfrika nje kuphela. Phezu kwako nje ukungakholelwa kuThixo kangangeminyaka emininzi, abantu abaninzi eTshayina nakwiiriphabliki ezaziyiSoviet Union ngaphambili baseneenkolelo. Kumazwe aseNtshona, abaninzi bakholelwa kwiinkwenkwezi, bayamoyika uLwesihlanu womhla we-13, yaye bayaziphepha iikati ezimnyama. Abanye abantu eFar North bakugqala ukukhanya kwasemntla (northern lights) njengeshwangusha elithetha imfazwe nendyikitya yokufa. EIndiya, uGawulayo usasazwa ngabantu abaqhuba iilori abakholelwa ukuba bafanele babe neentlobano zesini ukuze bahlale bepholile ngeemini ezishushu. EJapan, abantu abasebenza etoneleni bakholelwa ukuba kulilishwa ukungena kwebhinqa ingekagqitywa. Nabantu bemidlalo baneenkolelo zabo ezininzi. Omnye umdlali wevolleyball wada wathi uye wagqwesa ngenxa yokuba enxiba iikawusi ezimnyama endaweni yezimhlophe. Kungatshon’ ilanga sizibala.

Kuthekani ngawe? Ngaba mhlawumbi unento ethile oyoyikayo, ongakwaziyo ukuyichaza? Ngaba ukhathazwa “ziinkolelo, okanye sisithethe esithile ongasaziyo ukuba sisekelwe entwenini”? Indlela ophendula ngayo isenokubonisa enoba ulawulwa ziinkolelo kusini na, kuba incwadi ethile ilichaza ngaloo ndlela igama elithi “iinkolelo.”

Umntu ovumela iinkolelo zilawule izigqibo azenzayo nendlela aphila ngayo imihla ngemihla uzenza ikhoboka lento angayiqondi nakakuhle. Ngaba oku kububulumko? Ngaba sifanele silawulwe yinto engacacanga nesenokuba ayilunganga? Ngaba ukuba neenkolelo kuthetha ubuthathaka obuthile obungenamsebenzi okanye kuyingozi?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share