Ukukhobokisa Ihlabathi Ngeziyobisi
NGUMBHALELI KAVUKANI! ESPEYIN
USANA olubomvu luyahlahlamba ukukhala oku kwisibhedlele saseMadrid, eSpeyin. Ngokukhawuleza umongikazi uzama ukuluthuthuzela kodwa onke amalinge akhe awa phantsi. Olu sana lubhuqwa sisiyobisi iheroin. Eyona nto ide yambi ngakumbi kukuba, lunentsholongwane iHIV. Unina wayelikhoboka leheroin.
Umama waseLos Angeles engaqondanga ungena ngenqwelo-mafutha yakhe kwisitrato esilawulwa liqela elithengisa iziyobisi. Wamkelwa yimvula yeembumbulu, ezibulala usana lwakhe oluyintombazana.
Kumgama wamawakawaka eekhilomitha, eAfghanistan, umlimi uhlakula intsimi yeepoppy. Ibingunyaka onemveliso; imveliso yande ngama-25 ekhulwini. Iipoppy zesiyobisi ekuthiwa yiopium zingenisa intywenka yemali, yaye intsapho yalo mlimi itsala nzima. Kodwa ezi poppy zintle kangaka ziza kuguqulwa zibe yiheroin, yaye iheroin iyababulala abantu.
Intombazana engumnyewu yaseSydney, eOstreliya, ihamba idisco rhoqo ngokuhlwa ngeMigqibelo. Kwakudla ngokuba nzima kuyo ukunxulumana nezihlwele, kodwa kutshanje ipilisi ekuthiwa yiecstasy iyenze yaphinda yazithemba. Ezi pilisi izisebenzisayo zathunyelwa ngokungekho mthethweni eOstreliya zisuka eNetherlands, nangona neelebhu zalapho zisandul’ ukuba nazo. Iecstasy le yenza umculo uvakale kamnandi, yaye yenza le ntombazana iphelelwe ziintloni. Ide izive inomtsalane ngakumbi.
KuManuel, umlimi owomeleleyo, othi ukuze aphile azixhase ngokusebenza kwifama yakhe encinane kwiiAndes, izinto zaba bhetele noko xa waqalisa ukulima icoca. UManuel ebengathanda ukuyeka ukulima esi sityalo, kodwa woyikela ukuba loo nto ingawacaphukisa amadoda angenalusini alawula imveliso yecoca kummandla ahlala kuwo.
Le yimbinana nje yabantu abathwaxwa sisibetho seziyobisi esidlakazelisa isijikelezi-langa sethu.a Enoba aba bantu ngabathengi, abavelisi, okanye ngabantu nje abaziphilelayo, iziyobisi zithe gqolo nokulawula ubomi babo.
Ihambele Phambili Kangakanani Ingxaki Yeziyobisi?
USosiba-Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uKofi Annan uthi: “Iziyobisi ziyaludlakazelisa uluntu, zikhuthaza ulwaphulo-mthetho, zandisa izifo ezinjengoGawulayo yaye zibulala ulutsha lwethu nekamva lethu.” Wongezelela ngelithi: “Namhlanje kuqikelelwa ukuba bazizigidi ezili-190 abantu abasebenzisa iziyobisi ehlabathini lonke. Akukho lizwe lingenayo le ngxaki. Yaye akukho lizwe linokuthemba ukuba lingaphelisa urhwebo lweziyobisi kwimida yalo lilodwa. Ukudibaniselana kwehlabathi kurhwebo ngeziyobisi kufuneka kuliwe lihlabathi lilonke.”
Eyona izenze mbi izinto kwiminyaka yakutshanje, kukungenelela kweziyobisi zabayili.b Le michiza ingoozenzele yenzelwe ukuba lowo uyithengayo achwayite okanye azive engumntu. Ekubeni iziyobisi zabayili zinokwenziwa ngexabiso eliphantsi phantse kuyo yonke indawo, amapolisa akakwazi kuzilawula. Ngowe-1997 iUnited Nations Commission on Narcotic Drugs yalumkisa ngelokuba kumazwe amaninzi ezi ziyobisi zingoozenzele ziyinxalenye “yezinto ezithengwa ngabantu” yaye zifanele zijongwe “njengengozi enkulu kubantu abasehlabathini lonke kwinkulungwane elandelayo.”
Iziyobisi ezitsha azogqithwa ngokuba yingozi zezingaphambi kwazo. Icrack cocaine ikhobokisa nangakumbi kunecocaine. Uhlobo olutsha lwecannabisc luyobisa ngakumbi, ibe isiyobisi esitsha sabayili ekuthiwa yi-ice sisenokuba siphakathi kweziyobisi eziyingozi.
Imali Yeziyobisi Namandla Eziyobisi
Nangona besenokuba mbalwa abantu abasebenzisa iziyobisi, kodwa inani labo lanele ukunika abo barhweba ngazo amandla angummangaliso, amadoda alungelelanisa najongene nokuveliswa nokuthengiswa kweziyobisi. Aba banganyanisekanga baye baqhuba urhwebo olungekho mthethweni olulolona lunemali eninzi—yaye olulolona lukhulu—emhlabeni wonke. Ngoku urhwebo lweziyobisi lumalunga nesi-8 ekhulwini lwalo lonke urhwebo lwehlabathi, okanye lumalunga nee-R2 400 000 000 000 nyaka ngamnye. Njengoko imali yeziyobisi ijikeleza ehlabathini lonke, ityebisa amaqela emigulukudu, iqaqadekisa amapolisa, inyoba abezobupolitika ize ixhase ubugrogrisi.
Ngaba ikho into enokwenziwa ukuphelisa le ngxaki yeziyobisi? Urhwebo lweziyobisi luyichaphazela ukusa kuwuphi umkhamo imeko yakho yezimali, ukhuseleko lwakho, nobomi babantwana bakho?
[Imibhalo esemazantsi]
a Kula manqaku, sibhekisela kwiziyobisi ezisetyenziselwa injongo engeyiyo eyezonyango nezithengiswa ngokungekho mthethweni.
b Isiyobisi esitshintshwe kancinane, esidla ngokwenzelwa ukudlulela ngaphaya kwezithintelo zokuthengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni.
c Amagqabi adubulayo awomisiweyo esityalo ekuthiwa yicannabis avelisa intsangu. Intlaka yesi sityalo sinye yenza umya. Zombini ezi zinto ziyatshaywa ngabo basebenzisa iziyobisi.
[Imaphu ekwiphepha 4, 5]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ukuveliswa Nokuthengiswa Kweziyobisi Ehlabathini Lonke
EZONA NDAWO ZIPHAMBILI EZIVELISWA KUZO:
Icannabis—amagqabi (entsangu) nentlaka (yomya)
Iheroin
Icocaine
Le miqondiso ibonisa ezona ndawo zithengiswa kuzo
[Inkcazelo]
Umthombo: IWorld Drug Report yeZizwe Ezimanyeneyo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
U.S. Navy photo