IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 12/8 iphe. 5
  • Ngaba Ixesha Liselihle Okanye Lixhatshwe Yinja?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ixesha Liselihle Okanye Lixhatshwe Yinja?
  • Vukani!—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Liqalisa Nini Iwaka Leminyaka Lesithathu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?
    Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?
  • Iwaka Leminyaka Lesithathu—Ngaba Liya Kuwazalisekisa Amathemba Akho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ubaluleke Kangakanani Unyaka Wama-2000?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 12/8 iphe. 5

Ngaba Ixesha Liselihle Okanye Lixhatshwe Yinja?

ININZI into ethethwayo kutshanje ngokuqalisa kwenkulungwane yama-21 newaka lesithathu leminyaka emva kokuzalwa kukaYesu Kristu. Iphephancwadi iNewsweek lathi “inkulungwane yama-20, eyaqalisa njengeNkulungwane yeeMfazwe nje Kuphela yaza yaba liXesha leAthom, ibonakala ngathi iza kuphela njengeXesha Lokuzonwabisa.” Kwinkupho yayo kaJanuwari 22, 1997, yanikela le ngxelo: “Iihotele ezisemhlabeni wonke sele zicelwe zonke” kulungiselelwa imibhiyozo” Yobusuku Obungaphambi koNyaka Omtsha, kaDisemba 31, 1999.

Noko ke, abanye abantu bathi le mibhiyozo ifane nje yangxanyelwa. Kuba bathi ngokungafaniyo noko kucingwa ngabaninzi, inkulungwane yama-21 newaka leminyaka elitsha aliqali ngoJanuwari 1, 2000, kodwa liqala ngoJanuwari 1, 2001. Ekubeni kwakungekho nyaka ungu-0, inkulungwane yokuqala yaqala ngonyaka woku-1 yaya kutsho kunyaka we-100, inkulungwane yesibini yaqala kowe-101 yaya kutsho kowama-200, njalo njalo. Ngenxa yoko kuthiwa inkulungwane yama-20 eyaqala ngoJanuwari 1, 1901 newaka lesibini leminyaka elaqala ngoJanuwari 1, 1001, liya kuphela ngoDisemba 31, 2000.

Kukho enye ingongoma eyongezelelekileyo esifanele siyihlolisise. Ikhalenda yethu yahlula ixesha ngokuba lingaphambi okanye lisemva kokuzalwa kukaKristu. Ngoku abaphengululi bayaqonda ukuba uYesu wazalwa ngaphambilana kunokuba babecinga, nto leyo eyenza ukuba ikhalenda ingachani. Izimvo ziyahluka ngokuphathelele ixesha lokuzalwa kukaYesu, kodwa ubalo-maxesha lweBhayibhile lwalatha kunyaka we-2 B.C.E. Xa siqiqa ngolo hlobo, iwaka lesithathu leminyaka emva kokuzalwa kukaKristu laqalisa ekuqaleni kwaloo nyaka! Inkcazelo engakumbi inokufunyanwa kwinkupho kaVukani! (wesiNgesi) kaMeyi 22, 1997, kwiphepha 28, nekaDisemba 8, 1976 kwiphepha 21.a

Nanini na, kububulumko ukuphepha ukubetha ngenqindi phantsi sisithi inkulungwane yama-21 newaka leminyaka elitsha liya kuqalisa kwisithuba seeveki nje ezimbalwa. Noko ke, ngenxa yeembono ezithandwayo, uVukani! ukubona kufanelekile xa kungoku ukuxubusha umbandela onomxholo othi “Inkulungwane Yama-20—Iminyaka Ebalulekileyo Yotshintsho.”

[Umbhalo osemazantsi]

a Kwakhona bona inkupho yeMboniselo kaNovemba 1, 1999.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share