Ukuqweqwedisa—Oonobangela Bako
UKUQWEQWEDISA kuye kwangubhubhane kutshanje. Ngokunjalo ke nokubulala, ukudlwengula, ubusela, ukuxhatshazwa kwabantwana nokubulawa kweentlanga. Kutheni ubomi buyingozi kangangokuba abantu basoloko besoyika ukuphuma emakhayeni abo ebusuku?
Oonobangela balo bhubhani wolwaphulo-mthetho, kuquka ukuqweqwedisa, banento yokwenza nemikhwa eyendeleyo kwibutho labantu. Ngaba uyaqonda ukuba malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, iBhayibhile yathetha kusengaphambili ngala maxesha ayingozi? Nceda uhlolisise oko kwaxelwa kusengaphambili kweyesi-2 kuTimoti 3:2-5.
“Abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangabathobeliyo abazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, bengenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abajindi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangenakuthanda kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele yinkqayiso, abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo, benohlobo lozinikelo lobuthixo kodwa bewakhanyela amandla alo.”
Mhlawumbi uyavumelana nelokuba la mazwi abhalwa kude kudala angena gingci kwimeko yanamhlanje. Kwixesha esiphila kulo imikhwa eyonakalisayo ithande ukutsiba ilitye likaPhungela. Ngokucacileyo, le nkcazelo ingasentla ingokuziphatha kwabantu ngendlela egqwethekileyo iqalwa eBhayibhileni ngala mazwi: “Ngemihla yokugqibela kuya kubakho amaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo.” (2 Timoti 3:1) Makhe sihlolisise nje iziphako ezithathu eziphambili zebutho labantu eziye zanegalelo kulo bhubhane wokuqweqwedisa.
Iingxaki Mayela Nokuyekelelwa Komthetho
“Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.”—INtshumayeli 8:11.
Imikhosi emininzi yamapolisa ayinazixhobo zaneleyo zokuhlangabezana nalo bhubhane wolwaphulo-mthetho. Ngoko kumazwe amaninzi, ukuqweqwedisa kuluhlobo lolwaphulo-mthetho oluhlawulayo. Ngowe-1996, basisi-2 ekhulwini kuphela kubo bonke abaqweqwedisi baseColombia abaye batshutshiswa. EMexico, kuye kwahlawulelwa abaqweqwedisi ubuncinane i-R1,2 yamawaka ezigidi ngowe-1997. Abanye kwiiPhilippines baye bamkela iitsheke zentlawulelo.
Ukongezelela, ubuqhophololo phakathi kwamagosa ajongene nokugcinwa komthetho maxa wambi buxaba endleleni yokuliwa kolwaphulo-mthetho ngokuphumelelayo. Amagosa aphambili okhuseleko alwa nokuqweqwedisa eMexico, eColombia nakwiiriphabliki ezazifudula izezeSoviet kwawona atyholwa ngokuqweqwedisa. Kwiphephancwadi iAsiaweek, umongameli kwiNdlu yeeNgwevu yakwiiPhilippines, uBlas Ople, uthi amanani aseburhulumenteni abonisa ukuba ama-52 ekhulwini okuqweqwedisa kwiiPhilippines abandakanya amapolisa asasebenzayo okanye adla umhlala-phantsi okanye amajoni. Omnye umqweqwedisi waseMexico odume kakubi kwakusithiwa “uqunywa ngamagosa athile ize yonke loo nto idityaniswe kukunyotywa kwamapolisa kamasipala nawaseburhulumenteni kwakunye nabatshutshisi.”
Ubuhlwempu Nokungabikho Kokusesikweni Phakathi Kwabantu
“Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu.”—INtshumayeli 4:1.
Abantu abaninzi namhlanje bakwimeko emandundu yezoqoqosho yaye intlalo yabo ayintle kwaphela, yaye isoloko ingabo abaqweqwedisayo. Ngoko kwihlabathi eliqhubeka livula umsantsa phakathi kwezityebi namahlwempu nalapho kusoloko kunzima ukufumana imali ngokunyaniseka, ukuqweqwedisa kuya kusoloko kusisilingo. Logama kusekho ingcinezelo, kuya kusoloko kuphindiswa ngokuqweqwedisa kuze kutsalelwe ingqalelo kwimeko egqalwa njengengenakunyamezeleka.
Ukubawa Nokungabikho Kothando
“Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zezinto ezimbi.” (1 Timoti 6:10) “Ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho uthando lwenani elikhulu ngakumbi luya kuphola.”—Mateyu 24:12.
Ukutyhubela imbali ukuthanda imali kuye kwabangela abantu ukuba benze izinto ezingamasikizi. Yaye mhlawumbi alukho olunye uhlobo lolwaphulo-mthetho olubangela ukubandezeleka, intlungu nokuphelelwa lithemba koluntu kufane noshishino njengokuqweqwedisa. Kwabaninzi kukubawa—ukuthanda imali—okuye kwababangela ukuba baphathe ngenkohlakalo baze bangcungcuthekise umntu abangamaziyo ukuze intsapho yakhe ibe sentlungwini kangangeeveki, iinyanga yaye maxa wambi kangangeminyaka.
Licacile elokuba, kukho le nto ingahambi kakuhle ngebutho labantu elicinga ngemali lize linyathele imilinganiselo yabantu ngeenyawo. Ngokungathandabuzekiyo, le meko iye yangunozala wazo zonke iintlobo zolwaphulo-mthetho, kuquka ukuqweqwedisa.
Ngaba ezi zinto zithetha ukuba siphila koko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela’? Ukuba kunjalo, kuya kuthetha ntoni oku ngomhlaba nangathi? Ngaba sikho isicombululo kwiingxaki ezinzima olujamelene nazo uluntu, kuquka ukuqweqwedisa?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 24]
Asinto Intsha
UMthetho kaMoses wamisela isigwebo sokufa kubaqweqwedisi emva phayaa kwinkulungwane ye-15 ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. (Duteronomi 24:7) UJulius Caesar waqweqwediswa kwaza kwafunwa imali yokumkhulula kwinkulungwane yokuqala ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, kanye njengoRichard I, ukumkani oneNtliziyo yeNgonyama waseNgilani, ngenkulungwane ye-12 yeXesha Eliqhelekileyo. Eyona ntlawulo iphakamileyo yakha yahlawulwa yayiziitoni ezingama-24 zegolide nesilivere eyayisuka kwii-Incas isiya kumqweqwedisi waseSpeyin uFrancisco Pizarro ukuze akhulule inkosi yalapho eyayithinjiwe uAtahuallpa ngowe-1533. Sekunjalo aba boyisi bamkrwitsha wada wafa.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Phezu kwako nje ukubakho kwezixhobo zamapolisa, ukuqweqwedisa kwandile