IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g00 1/8 iphe. 19
  • Ukuqweqwedisa—Ishishini Elisehlabathini Lonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqweqwedisa—Ishishini Elisehlabathini Lonke
  • Vukani!—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqweqwedisa—Ushishino Olunenkohlakalo
    Vukani!—2000
  • Ukuqweqwedisa—Ngaba Sikho Isicombululo?
    Vukani!—2000
  • Ukuqweqwedisa—Oonobangela Bako
    Vukani!—2000
  • Xa Abazali Beqweqwedisa
    Vukani!—1995
Khangela Okunye
Vukani!—2000
g00 1/8 iphe. 19

Ukuqweqwedisa—Ishishini Elisehlabathini Lonke

EBUDENI beshumi leminyaka elidluleyo, ukuqweqwedisa kuye kwanda ngendlela exhomis’ amehlo ehlabathini lonke. Enye ingxelo ithi phakathi kowe-1968 nowe-1982, bamalunga newaka abantu abathinjwayo kumazwe angama-73. Kodwa ngasekupheleni kweminyaka yee-1990, kuqikelelwa ukuba bangama-20 000 ukuya kutsho kuma-30 000 abantu abaye baqweqwediswa nyaka ngamnye.

Ukuqweqwedisa luhlobo lolwaphulo-mthetho olubonakala luthandwa zizo zonke izaphuli-mthetho ukususela eRashiya ukuya kutsho kwiiPhilippines, yaye abaqweqwedisi behleli nje balungele ukuxwila nantoni na ephilayo. Kwakha kwemkiwa nosana olunonyaka nje ubudala. EGuatemala ibhinqa elineminyaka engama-84 elikwisitulo esinamavili lathinjwa laza lagcinwa apho kangangeenyanga ezimbini. ERio de Janeiro, imigewu yasesitratweni ithabatha abantu ezitratweni, maxa wambi ifuna bakhululwe ngemali engangee-R600.

Kwanezilwanyana azikhuselekanga. Kwiminyaka eyadlulayo izaphuli-mthetho ezingoyikiyo eThailand zathimba indlovu esetyenziswayo enobunzima obuziitoni ezintandathu zaza zafuna ukuba ikhululwe ngee-R9 000. Amaqela ezaphuli-mthetho eMexico kuthiwa akhuthaza amalungu awo aselula ukuba aziqhelanise nalo mkhwa ngokuthatha izilwanyana ngaphambi kokuba adlulele ebantwini.

Ngaphambili, abaqweqwedisi ngokuyintloko babekhathaza izinhanha, kodwa amaxesha ngamanye. Ingxelo evela kwiReuters ithi: “Ukuqweqwedisa kuye kwayinto yemihla ngemihla eGuatemala, apho abantu bakhumbula iimini ezimyoli zaxa abavukeli beqela labanxaxhi babeqweqwedisa igcudwana loosomashishini abazizityebi. Ngoku izityebi namahlwempu, abaselula nabasele bekhulile, bahlaselwa ngendlela efanayo ngamaqela abaqweqwedisi.”

Amatyala awaziwayo kuthethwa ngawo kakhulu kumaziko eendaba, kodwa okwangoku uninzi lwamatyala okuqweqwedisa alungiswa engakhange aziwe nguwonke-wonke. Eneneni, ngenxa yezizathu ezininzi, amazwe “akathandi ukusasaza ingxaki yokuqweqwedisa.” Inqaku elilandelayo liza kukhe liqwalasele eziliqela kwezo zizathu.

[Imaphu ekwiphepha 19]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

EMEXICO

Ngenxa yokuqweqwediswa kwabantu abamalunga nama-2 000 ngonyaka, kuye kwathiwa ukuqweqwedisa “kungumzi-mveliso omncinane.”

EGREAT BRITAIN

I-inshorensi exhasa abantu abaqweqwediswayo yakwaLloyd’s of London iye yenyuka ngama-50 ekhulwini nyaka ngamnye ukususela ngowe-1990.

ERASHIYA

Kummandla waseCaucasus osemazantsi eRashiya kuphela, inani labantu abaqweqwediswayo lenyuka lisuka kuma-272 ngowe-1996 ukuya kutsho kwi-1 500 ngowe-1998.

KWIIPHILIPPINES

Ngokutsho “kweAsiaweek,” “mhlawumbi iiPhilippines ziliziko lokuqweqwedisa eAsia.” Kukho amaqela abaqweqwedisi alungelelanisiweyo angama-40 apho.

EBRAZIL

Kuye kwanikelwa ingxelo yokuba ngonyaka omnye abaqweqwedisi balapho baye babutha ii-R7,3 zamawaka ezigidi eziyimali yokukhulula abathinjwa.

ECOLOMBIA

Kwiminyaka yakutshanje bangamawakawaka abantu abaye baqweqwediswa nyaka ngamnye. NgoMeyi 1999 abavukeli baye baqweqwedisa amarhamente alikhulu ebudeni boMthendeleko.

[Inkcazelo]

Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share