IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g00 8/8 iphe. 14-15
  • Ngaba Intlungu Ifanele Ibonakaliswe?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Intlungu Ifanele Ibonakaliswe?
  • Vukani!—2000
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Amava Omalathisi Kumzi Wabangcwabi
  • Iindlela Zokuphila Ezahlukileyo, Iindlela Zokusabela Ezahlukileyo
  • Kulo Vukani: Ukuthuthuzela Abantu Abaswelekelweyo
    Vukani!—2018
  • Ukuhlangabezana Nentlungu Yokufelwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nentlungu Endikuyo?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
  • Ngaba Kuyinto Yokwemvelo Ukuvakalelwa Ngale Ndlela?
    Xa Umntu Omthandayo Esifa
Khangela Okunye
Vukani!—2000
g00 8/8 iphe. 14-15

Ngaba Intlungu Ifanele Ibonakaliswe?

KWINCWADI yakhe ethi On Children and Death, uGqr. Elisabeth Kübler-Ross uthi: “Abantu abadala abaninzi kakhulu bayabandezeleka ngenxa yokuba abazange bazicombulule izinto ezazibakhathaza ebuntwaneni. Ngoko ke abantwana bafanele bavunyelwe ukuba babonakalise iintlungu ngaphandle kokubizwa ngokuba bayafeketha okanye bangamatyutyusi, okanye bave kusithiwa ‘Indoda ayikhali.’”

Le ngcamango yahlukile kwintanda-bulumko yamazwe athile yokungazivumeli ubonakalise naziphi iimvakalelo.

Amava Omalathisi Kumzi Wabangcwabi

Lo mahluko uboniswa ngamagqabaza kaRobert Gallagher, umalathisi kumzi wabangcwabi waseNew York oye waba nodliwano-ndlebe noVukani! Wabuzwa enoba wayebona umahluko kwindlela abantu abazalelwa eMerika nabemi abasuka kumazwe akuMbindi noMzantsi abayibonakalisa ngayo intlungu yabo.

“Ngokuqinisekileyo ndiyawubona. Xa ndaqalisa lo msebenzi emva phayaa kwiminyaka yee-1950, sasineentsapho ezininzi zesizukulwana sokuqala samaTaliyane kummandla wethu. Babechukumiseka lula gqitha. Ngoku sisebenzisana nabantwana nabazukulwana babo kwimingcwabo, yaye abasachukumiseki lula kangako. Abazibonakalisi kakhulu iimvakalelo zabo.”

AmaHebhere kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ayeyibonakalisa intlungu neemvakalelo zawo. Phawula indlela iBhayibhile ekuchaza ngayo oko uYakobi wakwenzayo xa waxelelwa ukuba unyana wakhe uYosefu uye wahlaselwa lirhamncwa lasendle: “UYakobi, ekrazula iimpahla zakhe waza wabhinqa isishuba serhonya, wazilela unyana wakhe kangangexesha elide. Bonke oonyana neentombi zakhe beza kumthuthuzela, kodwa wakwala ukuthuthuzelwa. Wathi: ‘Hayi,’ ndakude ndihle ndiye eSheol, ecaleni konyana wam.’ Waqhubeka ke uyise emlilela.” (Genesis 37:34, 35, The Jerusalem Bible; akekeliswe sithi.) Ewe, uYakobi wayengenazintloni zokulilela unyana wakhe olahlekileyo.

Iindlela Zokuphila Ezahlukileyo, Iindlela Zokusabela Ezahlukileyo

Kakade ke, iindlela zokuphila ziyahluka. Ngokomzekelo, kwiinxalenye ezininzi zaseNigeria, nangona iintsapho zityekele ekubeni nabantwana abaninzi yaye ukufa kuyinto nje eqhelekileyo ngenxa yezifo ezahlukahlukeneyo, “kuba buhlungu kakhulu xa kufa umntwana, ingakumbi ukuba ngumntwana olizibulo yaye nangakumbi ukuba yinkwenkwe,” watsho umbhali onamava eminyaka angama-20 eAfrika. “Umahluko kukuba eNigeria intlungu ibonakaliswa ixesha elifutshane yaye kakhulu gqitha. Ayibonakaliswa iinyanga neminyaka.”

Kumazwe aseMeditera okanye akuMbindi noMzantsi Merika, abantu baye bakhuliswa kwimeko-bume apho iindlela zokusabela ezizenzekelayo zigqalwa njengeziqhelekileyo. Apho, uvuyo nokudana kuboniswa esidlangalaleni. Xa kubuliswana akuxhawulwana nje ngezandla; kuqukwa nokwangana ngokufudumeleyo. Ngokukwanjalo, ngokuqhelekileyo intlungu ibonakaliswa ngeenyembezi nangokugixa.

Umbhali uKatherine Fair Donnelly uthi ubawo ofelweyo “unyamezela kungekuphela nje ukwenzakala okungokwasengqondweni ngokufelwa ngumntwana wakhe kodwa noloyiko lokulahlekelwa bubudoda ngokuyibonakalisa phandle intlungu yakhe.” Noko ke, uthi, “ukulahlekelwa kukabani ngumntwana kudlulela ngaphaya kwemithetho yokuziphatha ngokweemvakalelo. Imvakalelo enyanisekileyo yangaphakathi yokucoca umphefumlo kwintlungu ngeenyembezi injengokucudisa isilonda ukuze kuphume ububovu.”

Ngoko ke xa kufikelelwa kwintlungu, ukuyibonakalisa kuqheleke kakhulu kwamanye amazwe kunakwamanye. Kodwa akumele kugqalwe njengophawu lobuthathaka ukubonakalisa intlungu ngokulila. NakuYesu Kristu “zasuka zathi waxa iinyembezi” xa kwafa umhlobo wakhe uLazaro, nangona uYesu wayesazi ukuba kungekudala uza kumvusa.—Yohane 11:35.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

UYakobi wayengenazintloni zokulilela unyana wakhe olahlekileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share