Unyango Olulolunye—Isizathu Sokuba Abaninzi Balusebenzise
UNYANGO olulolunye lugubungela iindlela ezahlukeneyo zonyango. Ezinye ziwela ngaphantsi kwenaturopathy, eyindlela yonyango ebethelela ukusetyenziswa kwezinto zemvelo okanye iindlela ezibonakalayo ukulungelelanisa umzimba ukuze uzinyange. Uninzi lwezi ndlela zonyango, ebezisetyenziswa ngokuqhelekileyo kangangeenkulungwane, ziye zabekelwa bucala okanye zagatywa ngabezamayeza bakutshanje.
Ngokomzekelo ngoAgasti 27, 1960, iJournal of the American Medical Association yathi ukusetyenziswa komkhenkce xa utshile “kwakusaziwa ngabantu bakudala kodwa kubonakala ngathi kubekelwe bucala ngoogqirha nangabantu abaqhelekileyo. Nangona iimbekiselo ezahlukeneyo ezikuncwadi ziluncoma ngendlela efanayo olu ncwadi, ngokuqhelekileyo alusasetyenziswa namhlanje. Enyanisweni oogqirha abaninzi bathi ‘alusasetyenziswa,’ nangona kungekho mntu waziyo ukuba kutheni kunjalo nje.”
Noko ke, kumashumi eminyaka akutshanje ukusetyenziswa kwamanzi abandayo okanye umkhenkce xa umntu etshile kuye kwaphinda kwasetyenziswa njengonyango oluqhelekileyo. IThe Journal of Trauma, kaSeptemba 1963, yanikela ingxelo yokuba: “Ukuthanda ukusebenzisa amanzi kumanqanaba okuqala okunyangwa komntu otshileyo kwaye kwanda ukususela oko uOfeigsson noSchulman benza ingxelo ngowe-1959 nowe-1960. Kwisithuba sonyaka odluleyo besinyanga abaguli ngale ndlela; imiphumo ibincumisa.”
Ukunyanga ngamanzi abandayo kukhuselekile, yaye ngokuqinisekileyo kwenza isiqabu. Ihydrotherapy, esebenzisa amanzi ekunyangeni izigulo ezahlukeneyo, isetyenziswa njengonyango olulolunye, yaye ngoku iindlela ezahlukeneyo zolu nyango ziyasetyenziswa nangabezamayeza bakutshanje.a
Ngokufanayo, oogqirha abasebenzisa unyango olulolunye badla ngokusebenzisa izityalo ukuze banyange izifo. Oku bekusenziwa kangangamakhulu—kwanamawaka—eminyaka kwezinye iindawo emhlabeni. Ngokomzekelo, eIndiya ukusetyenziswa kweengcambu kudala kulolona nyango luphambili. Namhlanje, kumhlaba wonke amandla okunyanga ezityalo ezithile ayaqondwa ziingcali zezamayeza.
Amava Aphawulekayo
Malunga neminyaka elikhulu eyadlulayo, uRichard Willstätter, owathi kamva waba ngumfundi wenzululwazi ngemichiza yezityalo, waphenjelelwa koko kwenzeka kumhlobo wakhe osenyongweni, uSepp Schwab oneminyaka elishumi ubudala. USepp wayenomlenze owawonakele kangangokuba ugqirha wathi kufuneka unqunyulwe ukuze aqhubeke ephila, kodwa abazali bakaSepp bathi utyando malwenziwe kwintsasa elandelayo. Okwethutyana, bakhangela umalusi owayesaziwa ngokusebenzisa amayeza esintu. Lo malusi waqokelela izityalo, wazinqunqa zancinane de zaba ngathi sisipinatshi esivuthiweyo, waza wazifaka enxebeni.
Ngentsasa elandelayo inxeba lalibhetele, yaye utyando lwaphinda lwabekelwa elinye ixesha. Kwaqhutyekwa nolu nyango yaye ekuhambeni kwexesha eli nxeba laphila ngokupheleleyo. UWillstätter waya kufundela imichiza eMunich University eJamani yaye kamva wafumana ibhaso likaNobel ngenxa yezinto awazifumanisayo mayela nezifundo zakhe ngezidali-bala zezityalo, ingakumbi ichlorophyll. Kuyabonakala ukuba, nama-25 ekhulwini amayeza anemichiza asetyenziswayo ngoku enziwa ngokuyinxenye okanye ngokupheleleyo ngokusuka kwimichiza ngokwemvelo esuka kwizityalo.
Imfuneko Yokulungelelana
Kodwa kufanele kuqondwe ukuba xa kufikelelwa kunyango lwezamayeza, into emncedayo omnye umntu isenokungamncedi omnye. Ukusebenza kwalo naluphi na unyango kuxhomekeka kwiinkalo eziliqela, kuquka uhlobo lwesifo nokuba qatha nemeko yempilo yomguli. Enye inkalo isenokuba lixesha.
Iindlela ezizezinye ziyacotha kuneendlela eziqhelekileyo, ngoko isifo ebesinokuthiwa qhwii emva kokufunyaniswa size sinyangwe sinokufikelela kumkhamo apho kufuneka amayeza anamandla—mhlawumbi de kufuneke notyando—ukuze kusindiswe ubomi. Ngoko kusenokungabi bubulumko ukubambelela kulo naluphi na uhlobo lonyango ngokungathi lulo kuphela olunokukwazi ukucombulula ingxaki yempilo.
Unyango olulolunye lwahlukile kunyango oluqhelekileyo kwindlela olusebenza ngayo empilweni. Indlela olunyanga ngayo iyakhusela yaye lusa ingqalelo kwindlela umntu lowo aphila ngayo nemeko-bume nendlela ezi zinto ezinegalelo ngayo kwimpilo yakhe. Ngamanye amazwi, oogqirha abasebenzisa unyango olulolunye bajonga umntu lowo xa ewonke kunokuba bajonge ilungu elinengxaki okanye isifo sakhe.
Alithandabuzeki elokuba, eyona nto ibangela ukuba abantu batsaleleke kunyango olulolunye kukuba lusebenzisa izinto zemvelo nendlela olusetyenziswa ngayo noko ithambile yaye ayinabungozi kunaleyo isetyenziswa kunyango oluqhelekileyo. Ngoko ke, ngenxa yomdla ongakumbi ekufuneni unyango lwezamayeza olukhuselekileyo nolusebenzayo, kuya kuchazwa imizekelo embalwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona uVukani! (wesiNgesi) kaJune 22, 1988, iphepha 25-6.