Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Yintoni Embi Ngokuzimela Ngobusuku?
“Sasizimela ezinzulwini zobusuku siye kwivenkilana ethengisa ukutya ukuze sibe kunye nabahlobo. Emva koko sasibutha kwithambeka elithile. Bonke abo bahlobo bam babetshaya, ngaphandle kwam. Sasihlala size sincokole ngezinto ezininzi, siphulaphula nomculo onesingqi esinamandla. Emva koko sasigoduka ngeyesi-5:00 ekuseni ngaphambi kokuba abazali bavuke.”—UTara.a
“Ndandizimela ngobusuku ngomnyango wangaphambili, xa utata ephangele nomama elele. Ndandiwushiya uvulekile umnyango ukuze angandiva ukuba ndiphumile—kuba yayingumnyango owenziwe ngesinyithi. Ndandibutha nabahlobo bam ubusuku bonke. Kwakusithi ke lakuthi thu ilanga, ndigoduke. Maxa wambi wayedla ngokufumanisa ukuba ndizimele aze anditshixele ngaphandle.”—UJoseph.
UKUZIMELA NGOBUSUKU—kukhangeleka kumnandi kwaye kuyolisa. Lithuba lokuzinandiphela ubomi wedwa kangangeeyure ezimbalwa, ithuba lokwenza unothanda ube kunye nabantu othanda ukuba nabo kungekho mntu uza kukubuza. Ngaphandle koko, mhlawumbi uye weva oontanga bakho beqhayisa ngezinto abazenzayo nendlela abonwaba ngayo xa bezimela ngobusuku. Ngoko usenokuhendelwa ekuzameni ukuba kunye nabo.
Kolunye uhlolisiso olwenziwa kubafundi abali-110 abafunda kwisikolo samabanga aphantsi nakumabanga aphezulu kuMntla Merika, abangama-55 bavuma ukuba baye bazimela ngobusuku ubuncinane kanye. Abaninzi kubo baye baqalisa ukwenza oko beseneminyaka eli-14 ubudala. Le ngxaki imbi kakhulu kangangokuba iingcali ezithile ziye zancomela ukuba abazali bafake iialamu emakhayeni abo ukuthintela ukuzimela kwabantwana bengabonwa. Kutheni luluninzi kangaka ulutsha oluxolele ukucaphukisa abazali balo ngokuzimela ngobusuku?
Isizathu Sokuba Abanye Bazimele Ngobusuku
Maxa wambi ulutsha luzimela ngobusuku ngenxa yokudikwa yaye lufuna ukuzonwabisa nabahlobo balo. Incwadi ethi Adolescents and Youth ithi ulutsha lusenokuzimela ngobusuku “ngenxa yokubekelwa imiqathango, ngokomzekelo, ukuyalelwa ukuba lubuye kwangethuba kakhulu okanye lufumane isohlwayo sokuba lungayi kwezinye iimbutho. Olu lutsha luyahamba luze maxa wambi lukwazi ukubuya lungakhange lubonwe ukuba belungekho.” Omnye oneminyaka eli-16 ubudala wachaza isizathu sokuba azimele ngobusuku. Wathi: “Bandenz’ usana, ngoko andikwazi ukunandipha ubomi. Kuye kuthiwe mandibuye ngaphambi kwexesha kunaye nabani na. Yaye abazali bam abandivumeli ndiye kwiindawo abaya kuzo abahlobo bam. . . Kodwa ke ndiye ndihambe ndixoke ndisakugqiba.” UJoseph, okhankanywe ekuqaleni, waqalisa ukuzimela ngobusuku eseneminyaka eli-14 ubudala xa waya kwikonsathi yomculo werap ababethe abazali bakhe makangayi kuyo.
Liyinyaniso elokuba, ulutsha oluninzi alunazinjongo zimbi ngokuzimela ngobusuku. UTara, ongomnye wolutsha olukhankanywe ekuqaleni wathi: “Yayingathi qatha nokuthi qatha kuthi into yokuba ‘Masihambe siye kona.’ Ndandifuna nje ukuba kunye nodadewethu, waza yena wafuna ukuba siye konwaba nabahlobo bakhe.” UJoseph wathi: “Sasibutha nje. Ndandifuna nje ukuthetha ndize ndibe kunye nabahlobo bam.” Kodwa nangona kusenokungafane kwenzeke ukuba xa ubutha nabahlobo bakho ubandakanyeke kulwaphulo-mthetho, ulutsha oluninzi luyangena ezinkathazweni ezinkulu.
Iingozi Zako
Ingcali yempilo yengqondo uGqr. Lynn E. Ponton uthi: “Kuyinto eqhelekileyo ngabakwishumi elivisayo ukuzibeka esichengeni.” UGqr. Ponton uqhubeka athi kuqhelekile yaye mhlawumbi kusempilweni ukuba ulutsha lufune ukuziphatha, lufunde izinto ezintsha, lube kwiindawo ezintsha nezibangela umdla. Yinxalenye yokukhula leyo. Kodwa ulutsha oluninzi luzibeka esichengeni ngendlela engaphaya kwengqondo—ingakumbi xa lukude nabazali balo. Iphephancwadi iTeen lithi: “Ingcinezelo yoontanga, ukuba nesithukuthezi, amandla obutsha nezinye izinto ezenza umntu abe ndlongondlongo njengotywala. . . zinokubangela ulutsha luzifake kwembi ingozi—luze lubeke ubomi balo esichengeni.” Olunye uhlolisiso lwadwelisa ezinye izinto eziyingozi ezenziwa ngabakwishumi elivisayo, eziquka ukubalekisa inqwelo-mafutha, ukonakalisa izinto zabantu, ukuqhuba lunxilile nobusela.
Uthi wakungena nje kancinane ekungathobelini, kube lula ukwenza izono ezingakumbi. Kufana nqwa noko kwathethwa nguYesu kuLuka 16:10: “[Umntu] ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” Ngoko ke, akumangalisi ukuba ukuzimela ngobusuku kunye nabahlobo kunokukhokelela kwizono ezinzulu. UTara wahenyuza. UJoseph yena waqalisa ukuthengisa iziyobisi, wabanjwa, waza wavalelwa. Omnye umKristu oselula ogama linguJohn waqalisa ukusebenzisa kakubi iziyobisi nokuba iinqwelo-mafutha. Okulusizi kukuba, ulutsha oluninzi lufumana neziqhamo ezibonakalayo zale hambo—ukumitha okungafunekiyo, izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, okanye ukukhotyokiswa butywala okanye iziyobisi.—Galati 6:7, 8.
Umonakalo Obangelwa Kuko
Eyona nto ithe chatha kumonakalo owenzeka kumzimba wakho inokuba ngumonakalo owenzeka kwiimvakalelo zakho. Ukutyiwa sisazela kunokuba buhlungu gqitha. (INdumiso 38:3, 4) UJoseph uthi: “Kukho intetho ethi ixabiso lento soze ulazi de ulahlekelwe yiyo. Maxa wambi ndikhe ndibuye umva ndingabukholelwa ubutyhakala endibenzileyo.”
Kwakhona enye into esingenakuyityeshela kukonakala kodumo lwakho. INtshumayeli 10:1 ithi: “Iimpukane ezifileyo ziyibangela inuke kakubi ioli yomenzi wezithambiso, yaye ibile. Benza ngokukwanjalo ubudenge obuncinane koxabisekileyo ngobulumko nozuko.” Ngamaxesha amandulo isithambiso esixabisekileyo okanye isiqholo sasinokonakaliswa liqhaphusana nje lento elifana nempukane efileyo. Ngokufanayo ke, udumo olufumene nzima lunokonakaliswa ‘bubudenge nje obuncinane.’ Yaye ukuba ungumKristu, ngaphandle kwamathandabuzo, ukuziphatha vakalala ngolo hlobo kuya kukwenza uphulukane namalungelo ebandleni. Ngapha koko, unokubakhuthaza njani abanye ukuba balandele imigaqo yeBhayibhile ekubeni besazi ukuba nawe ubetha ecaleni kwayo?—Roma 2:1-3.
Okokugqibela, cinga ngendlela abanokuba buhlungu ngayo abazali bakho bakufumanisa ukuba akukho. Omnye umzali uchaza intlungu yokufumanisa ukungabikho endlwini kwentombi yabo eneminyaka eli-15 ubudala. Uthi yena nomyeni wakhe ‘babexhalabe gqitha’ ngenxa yokungazi apho iye khona intombi yabo. Ngaba nawe ufuna ukubangela intlungu enjalo kubazali bakho?—IMizekeliso 10:1.
Ukufumana Inkululeko Engakumbi
Kuyaqondakala ukuba, yenza buhlungu into yokuba abazali bakho babonakale bengqongqo ngendlela engaphaya kwengqondo. Kodwa ngaba ukuzimela ngobusuku kusisicombululo ngokwenene? Ngokuqinisekileyo ungena engozini ekugqibeleni. Kwanokuba unamaqhinga angakanani okuqhatha abazali bakho, uYehova uThixo uyazibona izenzo zakho, kwanokuba zenziwa ngobusuku. (Yobhi 34:21) Ngoko enoba kunini na uya kubhencwa, usonakalisa nayiphi na indlela ababekuthemba ngayo abazali bakho ngaphambi koko. Oku kunokuphumela entwenini? Uya kuphulukana noko ubukufuna—inkululeko!
Khumbula: Ukuze ufumane inkululeko kufuneka uthenjwe ngabazali bakho. Yaye eyona ndlela iyiyo yokwenza loo nto kukubathobela. (Efese 6:1-3) Ukuba uvakalelwa kukuba abazali bakho bakudlel’ indlala ngandlel’ ithile, thetha phandle—nangembeko—kunye nabo. Basenokucingisisa ngoko ukuthethayo. Kwelinye icala, usenokufumanisa ukuba banezizathu ezihle zokukubekela imiqathango. Enoba awuvumelani noko, ungaze ulibale ukuba bayakuthanda yaye baneenjongo ezintle ngawe. Qhubeka ubenza ukuba bakuthembe, yaye ngexesha elifanelekileyo uya kuyifumana inkululeko oyifunayo.b
“Musa Ukuhamba Nabo”
Emva phayaa kumaxesha amandulo, ulutsha oloyika uThixo lwaludla ngokulukuhlelwa ekutheleleni ihambo evakalala yoontanga balo. Ngenxa yoko uSolomon walubongoza ulutsha esithi: “Nyana wam, ukuba aboni bazama ukukulukuhla, ungavumi. . . . Musa ukuhamba nabo endleleni.” (IMizekeliso 1:10, 15) Thobela esi silumkiso xa abo bazenza abahlobo bakho bekukhuthaza ukuba uzimele ngobusuku. USolomon uhlabela mgama nesilumkiso: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”—IMizekeliso 22:3.
Ukuba sele uqalisile ukuzimela ngobusuku, yeka! Uza kuzonakalisa nje qha ekugqibeleni. Yazisa abazali bakho ngento obuyenza, uze wamkele nasiphi isohlwayo okanye imiqathango abaya kukunika yona. Ukuba kuyimfuneko, khetha abahlobo abatsha—abahlobo abaya kuba nempembelelo eyiyo kuwe. (IMizekeliso 13:20) Funa iindlela ezifanelekileyo nezingeyongozi kangako zokuzonwabisa.
Eyona nto ibalulekileyo, phucula imeko yakho yokomoya ngokufunda iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Umdumisi wabuza wathi: “Umfana uya kuwuhlambulula njani na umendo wakhe.” Aphendule athi: “Ngokuzilinda ngokwelizwi [likaThixo].” (INdumiso 119:9) Njengoko uzama ukwenza oko kulungileyo, uya kuvuma ukuba ngoxa ukuzimela ngobusuku kusenokuba luyolo nento eyonwabisayo, kuyingozi gqitha.
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
b Ukuze ufumane inkcazelo ngendlela yokufumana inkululeko engakumbi, bona isahluko 3 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
“Abazali bam abandivumeli ndiye kwiindawo abaya kuzo abahlobo bam. . . Kodwa ke ndiye ndihambe ndixoke ndisakugqiba.”
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ukuzimela ngobusuku kudla ngokubangela iingxaki ezinzulu