Liyintoni Ikamva Lonqulo?
UNQULO luye lwavuka phantsi ngendlela emangalisayo kumazwe awayesakuba yiSoviet Union. ERashiya nje kuphela, ama-50 ekhulwini ngoku azichaza njengamaOthodoki, yaye izigidi zingamarhamente ezinye iinkonzo zonqulo. UbuSilamsi, ubuYuda nobuBhuda buphakathi kwezona nkonzo zonqulo zindala, namaNgqina kaYehova anembali ende kuloo mazwe.
Kwangowe-1891, abameli baBafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa ngolo hlobo ngaphambi kowe-1931, batyelela iKishinev, eRashiya (ngoku ebizwa ngokuba yiChisinau, eMoldova). Apho baqhuba iintlanganiso nabo bakhonza kunye nabo. Ngowe-1928, uGeorge Young, ummeli okhethekileyo waBafundi beBhayibhile, wadibanis’ iintloko namagosa aseSoviet eMoscow, eRashiya, ngelokufuna imvume yokupapasha uncwadi lweBhayibhile eSoviet Union. Kamva, amaNgqina aduma ngenxa yemizamo yeSoviet yokuwacim’ igama.
Xa iSoviet Union yaphela ngesiquphe malunga neminyaka elishumi eyadlulayo, abantu baqalisa ukuzibuza ukuba, ‘Kwakutheni ukuze amagunya aseSoviet azame ukuphelisa unqulo?’ Abaninzi ababengakholelwa kubukho bukaThixo kangangamashumi eminyaka baqalisa ukufuna ukwazi ngento ebhetele abanokuyiziselwa lunqulo. Ngaba iBhayibhile, eyayiphakathi koncwadi olwalalelwe, inokuba nezicombululo kwiingxaki olujamelene nazo uluntu? Abantu baseRashiya bafuna ukuzazela ngokwabo.
Ingxaki Yonqulo Eyahlukileyo
Ukuba nomdla eBhayibhileni kwabantu abaninzi ngolo hlobo kwabangela uhlobo olwahlukileyo lwengxaki yonqulo kwiSoviet Union. Iphephandaba iGuardian laseLondon, eNgilani, lathi kulo nyaka udluleyo: “‘Imfazwe nxamnye noThixo’ isenokuba iphelile, kodwa kwishumi nje leminyaka emva kokoyiswa ngokulusizi kwelizwe lokuqala ehlabathini elidume ngokungakholelwa kuThixo, kusenokwenzeka ukuba kuye kwaqalisa imfazwe yomlomo yonqulo eRashiya.” Yintoni le kuthiwa yimfazwe yomlomo yonqulo elibhekisela kuyo eli phephandaba?
Njengoko kubonisiwe kwinqaku elandulelayo, iCawa yobuOthodoki yaseRashiya yayisebenzisana ngokusondeleyo neenkokeli zeSoviet ukuze iqhubeke ikho ize ifumane amalungelo. IThe Guardian ithi xa ichaza ukuqhubeka kolu lwalamano: “Kule minyaka ili-10 idluleyo icawa iye yanolwalamano olusondeleyo nolungathandekiyo norhulumente ongachubekanga owakha wayicinezela, inikela inkxaso epheleleyo kurhulumente waseRashiya (njengokuxhasa kukaBhishophu Omkhulu imfazwe yaseChechnya) yaye yena esiba nempembelelo yezobupolitika.”
ILos Angeles Times kaFebruwari 10, 1999, yatsalela ingqalelo ekusebenziseni kwecawa impembelelo yezobupolitika xa igqabaza ngoMthetho Wenkululeko Yesazela Neentlangano Zonqulo. ILos Angeles Times yathi lo mthetho, owatyikitywa ngowayesakuba nguMongameli uBoris Yeltsin ngoSeptemba 1997, “wakhuthazwa yiCawa yobuOthodoki yaseRashiya.” Lo mthetho wayenza le cawa yakwiindawo eziphezulu njengonqulo “lomthonyama”, kwakunye nobuSilamsi, ubuYuda nobuBhuda. Phakathi kwezinye izinto, lo mthetho wawufuna iintlangano zonqulo zaseRashiya ziphinde zibhalise.
INew York Times kaFebruwari 11, 1999, yanikela ingxelo yokuba emva kokuphumelela kwalo mthetho, “iCawa yobuOthodoki yaqhubeka icinezela iintshaba zayo.” ITimes yongezelela ngelithi: “KuAgasti odluleyo, uAleksei II, uBhishophu Omkhulu weCawa yobuOthodoki yaseRashiya, wathi mazivalwe umlomo iinkonzo eziguqula abantu, ingakumbi ezo zizama ukurhwebesha abantu ‘kunqulo lweminyanya.’” Ukususela ngoko, ukuvalwa umlomo kweenkonzo ekuthiwa ziguqula abantu kuye kwaqhubeka, nto leyo eye yaphumela koko kubizwa ngokuba “yimfazwe yomlomo yonqulo.”
Ezinye Izisulu
AmaNgqina kaYehova aye azezinye izisulu zohlaselo olukhokelwa yiCawa yobuOthodoki yaseRashiya. NgoJuni 20, 1996, iofisi yomtshutshisi waseMoscow yaqalisa ukuhlolisisa umthetho owaqalwa yiKomiti Yokukhusela Ulutsha Kunqulo Lobuxoki, nenxamnye namahlelo. Nangona eli tyala lahlolisiswa ngokuphindaphindiweyo ngenxa yokungabikho kobungqina bokuba amaNgqina zizaphuli-mthetho, sihlandlo ngasinye laliqalwa ekuqaleni.
Ukususela ngoko, amaNgqina aba zizisulu zogculelo nobuxoki. IKomsomolskaya Pravda, iphephandaba laseRashiya elisasazwa kangangesi-1 200 000, lathi kwinkupho yalo kaNovemba 21, 1998: “Kwisithuba seminyaka emibini kuphela, iCawa yobuOthodoki yaseRashiya iye yakhulula iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso nezinye iincwadi ezingaphezu kweshumi, ‘ezibhekisa’ kubantu bakaYehova.” Kutheni icawa ijolise ekuzameni ukunyelisa amaNgqina?
IKomsomolskaya Pravda yaqhubeka yathi: “Kusenokwenzeka ukuba eyona nto ingamandla kukuba kwiminyaka nje esixhenxe edluleyo inani lamalungu ale ntlangano liye landa ngokuphindwe kalishumi, yaye iCawa yobuOthodoki yaseRashiya, njengayo nayiphi na intlangano enezikhundla ayiluthandi ukhuphiswano.”
Ebutsheni bowe-1999 xa kwathi kwamangalelwa enkundleni amaNgqina, lonke ihlabathi laba nomdla. Umxholo ophambili weNew York Times kaFebruwari 11 wawufundeka ngolu hlobo: “INkundla YaseMoscow Iphinde Yahlolisisa Ukuvalwa Umlomo KwamaNgqina KaYehova.” Eli nqaku lathi: “Eli tyala ngoku eliphambi kwenkundla yasekuhlaleni eMoscow, elichotshelwe kwinkundla encinane, libekwe esweni ngamaqela onqulo nawamalungelo abantu njengeenzame zokuqala ezicacileyo zokusebenzisa [uMthetho Wenkululeko Yesazela Neentlangano Zonqulo] ukuze kuthintelwe unqulo.”
ULyudmila Alekseyeva, umongameli weInternational Helsinki Federation, wachaza isizathu sokuba ityala lamaNgqina lakhelwe umkhanya kangako. Wathi ukuba abo bazama ukucinezela amaNgqina kaYehova “baliphumelele eli tyala, baya kuziva bekhululekile ukuba bahlasele amanye amaqela” akwajongwa njengangelulo unqulo lomthonyama. Noko ke, eli tyala laxhonywa kwakhona ngoMatshi 12, 1999. Kodwa, kwinyanga elandelayo ngoAprili 29, iSebe Lezobulungisa laseRashiya lavumela ukubhalisa “kweZiko Lolawulo LamaNgqina kaYehova eRashiya.”
Phezu kwako nje ukugqalwa kwawo ngurhulumente, uhlaselo nxamnye namaNgqina kwakunye namanye amaqela amancinane onqulo luye lwaqhubeka eRashiya nakwezinye iiriphabliki ezazisakuba yiSoviet. ULawrence Uzzell, umalathisi weKeston Institute eOxford, eNgilani, wathi “kusoloko kuyingenelo ukwakhela umkhanya amaNgqina kaYehova” ngenxa yoku okuwehlelayo kuba “sisilumkiso esisexesheni.” Enyanisweni, inkululeko yonqulo yamashumi ezigidi zabantu isengozini!
Olu Hlaselo Aluthetheleleki
Kwinkulungwane yokuqala, ababingeleli abakhulu nezinye iinkokeli zonqulo babatshutshisa abalandeli bakaYesu. (Yohane 19:15; IZenzo 5:27-33) Oku kwaphumela ekubeni kuthiwe ngobuKristu: “Eneneni, siyazi ukuba eli hlelo lichasiwe kuyo yonk’ indawo.” (IZenzo 28:22) Ngoko ke, akufanele kusimangalise ukuba namaKristu okwenyaniso namhlanje aya kunyeliswa, njengokuba kuye kwanjalo ngamaNgqina kaYehova.
Kodwa, emva kokuhlolisisa ubungqina obabunxamnye namaKristu okuqala, uGamaliyeli, umFarisi owayedumile nomfundisi woMthetho, wacebisa ngelithi: “Musani ukugxuphuleka kwaba bantu, kodwa bayekeni; (ngenxa yokuba, ukuba eli cebo okanye lo msebenzi ngowabantu, uya kubhukuqwa; kodwa ukuba ngokaThixo, aniyi kukwazi ukubabhukuqa;) kungenjalo, nisenokufunyanwa okunene ningabo balwa nxamnye noThixo.”—IZenzo 5:38, 39.
Abahlalutyi baye benza uphando olucokisekileyo ngamaNgqina kaYehova namhlanje. Ube yintoni umphumo? USergey Blagodarov, ozibanga engumOthodoki, wathi kwiKomsomolskaya Pravda: “Kwisithuba esingaphezu kwekhulu leminyaka, akukabikho nalinye ilizwe ehlabathini elikwazileyo ukungqina naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho ezenziwe ngaba bantu, okanye ukungabikho semthethweni kwabo.”
Liyintoni Ikamva Lonqulo?
IBhayibhile ithetha “ngonqulo olunyulu,” okanye “unqulo olunyulu nolungadyobhekanga.” (Yakobi 1:27a; bona kwaneKing James Version) Njengoko kuboniswe kwinqaku elandulelayo, iBhayibhile ithetha ngobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki ‘njengehenyukazi elikhulu abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba.’ Eli henyukazi lonqulo lokomfuziselo—“iBhabhiloni Enkulu”—kuthiwa ‘linxilile ligazi labangcwele naligazi lamangqina kaYesu.’—ISityhilelo 17:1-6.
Hayi indlela le ngcaciso elufanela ngayo unqulo obelusebenzisana ngokusondeleyo neenkokeli zobupolitika zehlabathi ukuze lugcine isikhundla salo! Kodwa ikamva leli henyukazi likhulu lonqulo nelokomfuziselo sele lizicacele. IBhayibhile ithi: “Ziya kuza ngamini-nye izibetho zayo, ukufa nokuzila nendlala, yaye iya kutshiswa ngokupheleleyo ngomlilo, ngenxa yokuba uYehova uThixo, oyigwebileyo, womelele.” Akumangalisi ukuba esi silumkiso sengelosi sibe singxamisekile: ‘Phumani kuyo, ukuze ningamkeliswa kwizibetho zayo!’—ISityhilelo 18:4, 7, 8.
Xa umfundi uYakobi wayechaza “unqulo olunyulu,” waluchaza ‘njengolungenabala kulo ihlabathi.’ (Yakobi 1:27b) Ngaphezu koko, UYesu Kristu wathi ngabalandeli bakhe bokwenene: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:16) Ngoko, ngaba uyasibona isizathu sokuba amaNgqina kaYehova ezikhwebula kwiimpembelelo ezonakalisayo zemicimbi yezobupolitika yeli hlabathi? Akwenza oku ngenxa yentembelo yawo epheleleyo kweli dinga leBhayibhile: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ityala lamaNgqina elalixoxelwa eMoscow ngoFebruwari 1999. Amagqwetha abamangalelwa (ekhohlo), ijaji (embindini), nabatshutshisi (ekunene)
[Umfanekiso okwiphepha 23]
IBhayibhile iyalichaza ikamva lazo zonke iinkonzo zonqulo