IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 8/8 iphe. 3-4
  • Ukungcakaza—Kuyathandwa Ehlabathini Lonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukungcakaza—Kuyathandwa Ehlabathini Lonke
  • Vukani!—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Wuphephe Umgibe Wokungcakaza
    Vukani!—2002
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokungcakaza?
    Vukani!—2002
  • Ngaba Ukungcakaza Kufanelekile KumaKristu?
    Vukani!—1994
  • Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukungcakaza?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 8/8 iphe. 3-4

Ukungcakaza—Kuyathandwa Ehlabathini Lonke

UJOHN owakhulela eSkotlani, wayesoloko ezithembisa ngokuzuza ilottery. Uthi: “Veki nganye ndandithenga itikiti lelottery. Ndandilithenga ngemalana nje engephi, kodwa eli tikiti lalindinika ithemba lokufumana yonke into endiyinqwenelayo.”

UKazushige, waseJapan, wayethanda ukudlala amahashe. Uthi: “Ndandikuthanda gqitha ukudlala amahashe nabahlobo bam yaye ndandikhe ndibuye nentywenka yemali apho.”

ULinda waseOstreliya yena uthi: “Ndandiyithanda gqitha ibingo. Ndandichitha malunga nee-$30 [ii-R350] ngeveki, kodwa eyona nto ndandiyithanda gqitha kukuzuza imali.”

UJohn, uKazushige, noLinda, bakugqala ukungcakaza njengendlela yokuzonwabisa engeyongozi. Nabantu abangamakhulu ezigidi ehlabathini lonke banembono efanayo. Uhlolisiso lukaGallup lowe-1999, lwabonisa ukuba abantu ababini kwabathathu eMerika bayakuxhasa ukungcakaza. Ngowe-1998, abantu baseMerika abangcakazayo bachitha malunga nee-$50 amawaka ezigidi bengcakaza ngokusemthethweni—mali leyo engaphezu kwemali abayichitha ekuthengeni amatikiti okubukela imifanekiso eshukumayo, kumculo orekhodiweyo, ekubukeleni imidlalo, kwizinto zokuzonwabisa ezikwiipaki nakwimidlalo yeevidiyo.

Ngokutsho kohlolisiso lwakutshanje, ngonyaka nje omnye, abemi baseOstreliya abangaphezu kwama-80 ekhulwini bakhe bangcakaza kanye ubuncinane, yaye abangama-40 ekhulwini bangcakaza veki nganye. Ngokomlinganiselo, abantu abakhulu kwelo lizwe, bachitha ngaphezu kwee-R4 600 ngonyaka bengcakaza, mali leyo ephantse iyiphinde kabini imali echithwa ngabantu baseYurophu okanye eMerika, yaye oko kubonisa ukuba abantu baseOstreliya ngawona makhoboka okungcakaza ehlabathini lonke.

Abantu abaninzi baseJapan ngamakhoboka epachinko, umdlalo ofana nepinball, yaye bachitha amawaka ezigidi nyaka ngamnye bedlala lo mdlalo. Noko ke, eBrazil kuchithwa ii-R46 eziliwaka lezigidi nyaka ngamnye ekungcakazeni, yaye eninzi kuloo mali kuthengwa ngayo amatikiti elottery. Kodwa asingobantu baseBrazil kuphela abayithandayo ilottery. Kutshanje, iphephancwadi iPublic Gaming International liye laqikelela ukuba kukho “iindidi zelottery ezingama-306 kumazwe ali-102.” Ngokwenene ukungcakaza kuyathandwa ehlabathini lonke—yaye abanye bathi kuzisa iingenelo ezininzi.

USharon Sharp, ongummeli wePublic Gaming Research Institute, uthi kweliya laseUnited States ukususela ngowe-1964 ukuya kutsho kowe-1999 “imali engene kwingxowa karhulumente evela ekungcakazeni, ibe malunga nee-$125 lamawaka ezigidi, yaye eninzi kuloo ngeniso yenziwe ukususela ngowe-1993.” Inxalenye eninzi yale mali yayiza kunceda kwimfundo kawonke-wonke, ekwakheni amaziko karhulumente okuzonwabisa nasekulungiseni amabala ezemidlalo. Baninzi abantu abafumana imisebenzi kweli shishini lokungcakaza, yaye eOstreliya kuphela bamalunga ne-100 000 abantu abasebenza kwiindawo zokungcakaza ezingaphezu kwama-7 000.

Ngoko, abantu abakuthethelelayo ukungcakaza bathi akuyonto nje yokuzonwabisa, kodwa xa kusemthethweni kuvula amathuba emisebenzi, kungenisa imali kwingxowa karhulumente kuze kuphucule nemeko yezoqoqosho kwiindawo ezihlwempuzekileyo.

Ngoko, abantu abaninzi banokuzibuza, ‘Yintoni ephosakeleyo ngokungcakaza?’ Impendulo yalo mbuzo, njengoko uza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo, inokutshintsha indlela okujonga ngayo ukungcakaza.

[Umfanekiso okwiphepha 3]

UJohn

[Umfanekiso okwiphepha 3]

UKazushige

[Umfanekiso okwiphepha 3]

ULinda

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share