Nakuba Abantu Benolwazi Oluninzi—Abatshintshanga Kangako
“Nangona kuye kwakho inkqubela kwinzululwazi kutshanje, abantu abatshintshanga kangako kule minyaka ingamawaka amabini idluleyo; yaye ngenxa yoko kusafuneka sifundile kwiziganeko ezenzeke kwixa elidluleyo.”—UKenneth Clark, kwincwadi ethi Civilisation—A Personal View.
UKUTYHUBELA iinkulungwane, kuye kwakho inkqubela ephawulekayo kwinzululwazi. Iphephancwadi iTime lithi le nkqubela “iye yanegalelo ekuphuculeni umgangatho wobomi kwizigidi zabantu ezimbalini.” Eyona nkqubela igqwesileyo ibonakele kwezamayeza. Umbhali-mbali uZoé Oldenbourg uthi: “Kumaxesha aphakathi inkqubo yezonyango yayingekho mgangathweni yaye loo nto yayibangela ukuba kufe abantu abaninzi. Kwakulula ukuba ugqirha abulale umntu ngoxa esithi uyamnyanga.”
Abantu Abakuthandi Ukufunda
Akungoku abantu bengakuthandi ukufunda. Ngokomzekelo, ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19 oogqirha abaninzi babengafuni ukusamkela isibakala esizicaceleyo sokuba babenegalelo ekudluliseleni izifo phakathi kwabaguli. Ngoko baqhubeka besebenzisa iindlela zonyango eziyingozi yaye babengafuni ukuhlamba izandla xa beza kunyanga omnye umguli.
Sekunjalo, kwabakho inkqubela kwinzululwazi nakubugcisa. Ngoko ke, ngokucacileyo bekufanele ukuba abantu baye bafunda ukwenza ihlabathi laba yindawo yolonwabo nekhuselekileyo. Kodwa iboyisile loo nto.
Ngokomzekelo, khawucinge nje ngeYurophu kwinkulungwane ye-17. Kwakusithiwa elo lixesha lokukhanya nenkcubeko. Ukanti eyona nyaniso yile yeza noKenneth Clark, xa wathi: “Nangona kwakukho inkqubela engakumbi kubugcisa nenzululwazi, abantu babesaphethwe kakubi ngendlela emanyumnyezi yaye kwakugquba iimfazwe ezazisuba imiphefumlo.”
Nanamhlanje kusenzima ngabantu ukufunda kwiimpazamo zezolo. Yaye ngenxa yoko, ubomi bethu kwesi sijikelezi-langa busengozini. Umbhali uJoseph Needham wagqiba kwelithi wonke umntu usengozini kangangokuba ‘eyona nto sinokuyenza kukuba nethemba size sithandazele nje ukuba abantu abathabatha yonke into ngeenyawo ezinkulu, bangatshabalalisi yonke into ephilayo kweli hlabathi.’
Kutheni siphila kwihlabathi elizaliswe lugonyamelo nenkohlakalo engaka nakuba abantu benolwazi oluninzi ngolu hlobo? Ngaba sakuze sikhululeke kule meko? Le mibuzo iza kuphendulwa kumanqaku amabini alandelayo.