Ngaba Ngokwenene IBhayibhile Isisipho Esivela KuThixo?
“NDIKHOLELWA ukuba iBhayibhile sesona sipho sibalaseleyo uThixo awakha wampha sona umntu.” Loo ngxelo yenziwa nguAbraham Lincoln, umongameli we-16 waseUnited States.a Yayingenguye yedwa owayenoxabiso ngale ncwadi ekudala ikho.
Isithethi saseburhulumenteni eBritani esasiphila ngenkulungwane ye-19, uWilliam E. Gladstone, sathi: “IBhayibhile ineMvelaphi Ekhethekileyo, yaye yahluke ngokungenakulinganiswa kwezinye iincwadi.” Ngengqiqo efanayo, isithethi saseburhulumenteni eMerika esasiphila ngenkulungwane ye-18, uPatrick Henry, sathi: “IBhayibhile ixabiseke ngakumbi kunazo zonke ezinye iincwadi ezakha zashicilelwa.” Ngokucacileyo echukunyiswe ziZibhalo, umlawuli waseFransi uNapoléon Bonaparte wathi: “IBhayibhile asiyoncwadi nje eqhelekileyo, kodwa isisiDalwa Esiphilayo, esinamandla okoyisa bonke abasichasayo.”
Kwabathile, iBhayibhile iye yaba ngumthombo woncedo nentuthuzelo. Injengele yaMazwana Amanyeneyo AseMerika uRobert E. Lee yathi: “Kuko konke ukudideka nokubandezeleka kwam, iBhayibhile ayizange isilele ekundinikeni ukukhanya namandla.” Yaye ngenxa yoxabiso lwakhe ngale ncwadi, umongameli waseUnited States uJohn Quincy Adams wathi: “Kangangeminyaka emininzi ndiye ndakwenza kwaluqheliselo lwam ukuyifunda yonke iBhayibhile kanye ngonyaka.”
Ukuba Osenyangweni uye wanika uluntu iBhayibhile, kufanele kubekho ubungqina bokuba iphefumlelwe nguThixo. Ifanele ibalasele ngakumbi kunayo nayiphi na enye incwadi. Yaye ukuze iBhayibhile ibe ngumthombo wokwenene wamandla nomyalelo, ifanele ibe nokuthenjwa ngokupheleleyo. Ngoko ke, umbuzo usaphakama, Ngaba ngokwenene iBhayibhile isisipho esivela kuThixo? Ngokulandelayo makhe sifune impendulo yaloo mbuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kambe ke, kukho isipho esibalasele ngakumbi—uYesu Kristu.—Yohane 3:16.
[Imifanekiso ekwiphepha 3]
UWilliam E. Gladstone
[Inkcazelo]
U.S. National Archives photo
UAbraham Lincoln
[Inkcazelo]
U.S. National Archives photo
UPatrick Henry
[Inkcazelo]
Harper’s U.S. History
UNapoléon Bonaparte
[Inkcazelo]
Drawn by E. Ronjat
UJohn Quincy Adams
[Inkcazelo]
Harper’s U.S. History
URobert E. Lee
[Inkcazelo]
U.S. National Archives photo