Ngaba Amanani Ayabuchaphazela Ubomi Bakho?
NGABA amanani anentsingiselo engaqondakaliyo? “Kakade anayo!” batsho njalo abanye abantu bade benze umzekelo owaziwayo—uhlaselo lwabanqolobi ngoSeptemba 11, 2001.
Omnye ovumisa ngamanani uthi: “Ndathi ndakuva ezo ndaba, ndakha ndawuhlolisisa lo mhla: ka-9-11-2001.” Ngokuqhelekileyo, abantu abavumisa ngamanani baligqala i-11 njengelinye lawona “manani abalaseleyo.” Ngoko abo bavumisa ngamanani baye badwelisa uthotho lwezinto eziphathelele uhlaselo lwabanqolobi ezalatha kweli “nani libalaseleyo” lili-11. Nazi ezinye izinto abaye bazifumanisa:
▪ Le ntlekele yenzeka ngo-9/11. . . . 9 + 1 + 1 = 11.
▪ USeptemba 11 yayingumhla wama-254 enyakeni. . . . 2 + 5 + 4 = 11.
▪ Inqwelo-moya eyantlitha isakhiwo esingasemantla yayingu-Flight 11.
▪ Loo nqwelo-moya yayikhwelise abantu abangama-92. . . . 9 + 2 = 11.
▪ Inqwelo-moya eyantlitha isakhiwo esisemazantsi yayikhwelise abantu abangama-65. . . . 6 + 5 = 11.
▪ IiTwin Towers zazimi kanye njenge-11.
▪ Ibinzana elithi “New York City [isiXeko saseNew York]” linoonobumba abali-11.
Ukuvumisa ngamanani—inkolelo yokuba kukho intsingiselo ekhethekileyo kumanani nakwindlela adityaniswa ngayo—kuthandwa gqitha eAfrika, eAsia naseMerika. Kutheni uthandwa kangaka nje lo mkhwa? Ngokutsho kwelinye ijelo le-Internet, ukufunda ngentsingiselo yamanani—eyona nto ibalaseliswayo ekuvumiseni ngamanani—“kunokukunika inkcazelo echanileyo ngobuntu bomntu, izinto azithandayo, iimpawu neentsilelo zakhe.” Eli jelo lithi, ukufunda “ngomhla wethu wokuzalwa kuya kusityhilela ngoko sikufunjathelwe likamva, izinto esiya kuzinandipha kunye nezilingo esiya kujamelana nazo.”
Ngaba oku kuyinyaniso? Okanye ngaba kunokubakho iingozi esingaziqondiyo ngokuvumisa ngamanani?