Into Ebangela Umdla Ngamanani
KHAWUCINGE nje ukuba bekuya kuba njani xa bekungekho manani. Ngekungekho mali. Bekuya kunyanzeleka ukuba ushishino lube kukunaniselana. Kuthekani ngezemidlalo? Ngaphandle kwamanani, bekungayi kuba nzima ukwazi amanqaku omdlalo nje kuphela, kodwa bekungasoze kwaziwe ukuba kufanele kubekho abadlali abangaphi kwiqela ngalinye!
Noko ke, nangaphandle kokuba ukusetyenziswa kwamanani kuyingenelo, abanye bathi kukho mfihlelo ithile ngawo. Oku kungenxa yokuba amanani akayonto ibambekayo. Akunakuwabona, okanye uwabambe. Ngokomzekelo: ama-apile anemibala ngemibala, aziintlobo ngeentlobo, akalingani, akanuki ngokufanayo nencasa yawo yahlukile. Ezi mpawu zinokukunceda ukwazi ukwahlula iapile kwilamuni, kwibhola okanye kwenye into. Noko ke, akunjalo ngamanani. Ama-apile asixhenxe akafani neebhola ezisixhenxe—into efanayo nje linani. Ngenxa yoko, ukuqonda intsingiselo yamanani—ngokomzekelo, umahluko phakathi kwesithandathu nesixhenxe—kuntsonkothe ngokwenene. Yiloo nto ebangela ukuba abanye abantu bathi kukho mfihlelo ithile ngamanani.
Ingcamango KaPythagoras Nenzululwazi Yobuxoki
Abantu bamandulo babekuthanda ukunxulumanisa amanani neziganeko ezithile. UPy-thagoras, isithandi sobulumko nengcaphephe yezibalo engumGrike eyayiphila ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, wafundisa ukuba amanani anentsingiselo ethile kuyo yonk’ into. Yena nabalandeli bakhe babekholelwa ukuba indalo iphela, ingumzekelo wolungelelwano. Ngoko, ngaba ngokwenene amanani anentsingiselo ethile kuyo yonk’ into?
Ukususela ngexesha likaPythagoras, amanani aye asetyenziswa ekuchazeni intsingiselo yeziganeko, eyamaphupha nasekuncedeni abantu bakhumbule izinto ezithile. Aye asetyenziswa ngamaGrike, ngamaSilamsi nangamalungu eNgqobhoko. Zisebenzisa inkqubo yokuvumisa ngamanani ebizwa ngokuba yigematria, iiCabala ezingamaYuda zanxulumanisa unobumba ngamnye koonobumba besiHebhere abangama-22 nenani elithile, yaye ngaloo ndlela zazisithi ziyakwazi ukufumana intsingiselo efihlakeleyo yeZibhalo zesiHebhere.
Nanamhlanje kusasetyenziswa indlela efanayo xa kuvunyiswa ngamanani. Kudla ngokuqalwa ngegama lakho nomhla owazalwa ngawo. Kuthiwa unobumba ngamnye wegama lakho umela inani elithile. Ngokudibanisa la manani—kunye namanani enyanga nomhla owazalwa ngawo—umntu ovumisa ngamanani unokukuxelela awona manani akho abalulekileyo. Emva koko, ukuchazela intsingiselo yala manani, acinga ukuba ichaza uhlobo lomntu onguye—kuquka ubuntu bakho, iminqweno onayo nesiphelo sakho.
Mhlawumbi into ebangela ukuba abantu bakuthande kangaka ukuvumisa ngamanani, kukubona ngathi isoloko ichanile inkcazelo esekelwe kuwo. Kwincwadi yakhe ethi Prophecy for the Millions, uEdward Albertson uthi: “Abantu abaninzi baye bakholelwa ekuvumiseni ngamanani ngenxa yokufumanisa indlela echane ngayo inkcazelo esekelwe kuwo.” Ukanti ukuvumisa ngamanani kuye kwachazwa nangokuba yinzululwazi yobuxoki. Yintoni ebangela oko? Ngaba unezizathu zokukholelwa ukuba akuchananga?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]
NGABA IBHAYIBHILE INEMIBANDELA EYIMFIHLELO?
Kwincwadi yakhe ethi The Bible Code, umchola-choli weendaba uMichael Drosnin uthi ngokusebenzisa ubugcisa bekhompyutha, wafumanisa ukuba kukho imibandela eyimfihlelo kwiZibhalo zesiHebhere. Ngokutsho kukaDrosnin, phakathi kwale “mibandela iyimfihlelo” kwakukho othi “umbulali oza kubulala” kunye negama elithi Yitzhak Rabin—yaye oku wakufumana kunyaka ongaphambi kokubulawa kweNkulumbuso yakwaSirayeli uRabin.
Kambe ke, le ncwadi ithi The Bible Code yabangela impikiswano. UDave Thomas, ingcaphephe yezibalo nesazi ngemichiza, wabonisa ukuba nawuphi na umbandela ohlolisiswa ngobugcisa bekhompyutha uya kubonakala unemfihlelo. Xa wayehlolisisa ingxelo kaDrosnin, uThomas wafumanisa ukuba kukho ibinzana elithi “imibandela eyimfihlelo,” “impambano” kunye nelithi “inkohliso.” UThomas uthi: “Imibandela eyimfihlelo inokufumaneka naphi na, lo gama nje usaphanda ngemibandela eliqela.”
Ekubeni ikhompyutha inokubala into engenasiphelo, isenokufumana amagama anokusetyenziswa xa kuqashiselwa kwimibandela ethile. Kodwa oku isenokuba kukungqamana nje kwezinto kwaye asibobungqina bokuba kukho imibandela eyimfihlelo eBhayibhileni.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona IMboniselo ka-Aprili 1, 2000, iphepha 29-31.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
UPythagoras wafundisa ukuba amanani anentsingiselo ethile kuzo zonk’ izinto
[Inkcazelo]
Courtesy National Library of Medicine