IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 9/8 iphe. 25
  • Ukhokelo Olunokuthenjwa Ngekamva

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukhokelo Olunokuthenjwa Ngekamva
  • Vukani!—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ukholo Nekamva Lakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Yintoni Enokusinceda Sibe Nekamva Eliqinisekileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2021
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 9/8 iphe. 25

Ukhokelo Olunokuthenjwa Ngekamva

NGABA ukungabi nasihlahla kwezinto ezithethwa ngabavumisi ngamanani nezinye iintlobo zokuvumisa kuthetha ukuba asinakuze silazi ikamva? Akunjalo konke konke!

Amanani akanakuze asixelele oko sikufunjathelwe likamva. Kodwa ‘nguThixo ophilayo’ ‘oxela ukuphela kwasekuqaleni’ okwaziyo. Usebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile. (1 Timoti 4:10; Isaya 46:10) Ilizwi loThixo ophilayo, ‘liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo’ yaye lilo elinokukunceda uqonde iintshukumisa zakho noko kunokukwenza uphumelele ngokwenene, kungekhona abavumisi ngamanani.—Hebhere 4:12.

NguMdali wethu, onguMbhali weBhayibhile kuphela onokusixelela inyaniso ngekamva. Oku kungenxa yokuba uThixo unamandla, yaye unokuthenjwa. UYehova uThixo wathi: ‘Ndikuthethile oko, yaye ndiya kukwenza.’ (Isaya 46:11) Emva kokukhokelela amaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso, eqinisekile uYoshuwa wathi: “Akukho sithembiso sasilelayo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo uYehova awayezenzile kwindlu kaSirayeli; zonke zaba yinyaniso.”—Yoshuwa 21:45; 23:14.

IBhayibhile ineziprofeto ezininzi ezingekazaliseki. Ezinye zazo zisixelela ukuba ubungendawo buza kupheliswa emhlabeni uze wenziwe iparadesi. (INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:21, 22) Ngaba oko akubangeli mdla kuwe? Ngaba uyakholelwa ukuba uMdali wethu unobulumko namandla okulungisa izinto kwesi sijikelezi-langa? Ukuba kunjalo, hlolisisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngekamva lomhlaba.a

Ngenxa yoko, lisebenzise ngobulumko ngoku ixesha onalo—ungazami ukwazi ikamva lakho ngokujonga kumanani, kodwa zabalazela ukuzuza ulwazi oluchanileyo ngeBhayibhile neziprofeto zayo. AmaNgqina kaYehova akulungele ukukunceda ufumane ulwazi olungakumbi ngekamva ekuthethwa ngalo kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona isahluko 1, se-10, nese-19 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share