Abantu Abathanda Imidlalo Ebangela Imincili—Kutheni Bethanda Imidlalo Eyingozi Nje?
KWIBALA lezemidlalo kwiRoma yamandulo, izihlwele ezizele yimincili—abantu abangama-50 000—zilinde ngolangazelelo. Ziqale ukuba nolangazelelo kwiintsuku ezingaphambili njengoko bezikhuthazwa zizibhengezo ukuba “zingaphoswa yiloo midlalo ibangel’ imincili.”
Nangona abantu balapha babekuthanda ukubukel’ imilingo, imiboniso eyenziwa ngaphandle kwamazwi namabali ahlekisayo kwiiholo zasekuhlaleni, imidlalo eyayikumabala emidlalo yayahlukile. Xa bebukele loo midlalo ibangel’ imincili, abantu babelibala nokuba bahleli kwizitulo eziqinileyo balibale neengxaki zabo.
Kwangena iqela leemvumi lilandelwa ngumfundisi onxibe umwunduzo. Emva koko kwangena abantu abaphethe iziqhumiso nezithixo kwanezithixokazi, bezithe qhiwu ukuze zibonwe ngabo bonke. Loo nto yayisenza kubonakale ngathi uThixo uyayixhasa loo midlalo.
Ukubulawa Kwezilwanyana
Yayisele iza kuqala imidlalo ebikade ilindelwe. Kwaqala kwangeniswa iinciniba neendlulamthi, yaye uninzi lwababukeli lwaluqala ukuzibona, ezo zilwanyana zazingenandlela yakuphuncula. Amachule okutola azenzela kwezo ntsizana zezilwanyana azibulala zonke ngezaphetha nemikhonto yaye kwaba yimincili nemivuyo kubabukeli.
Emva koko ezo zihlwele zachwayitiswa kukubukela umlo weendlovu ezinkulu ezimbini ekwakufakwe izikhonkwane ezide kumabamba azo. Kwaba yintswahla nemincili xa enye yazo isithi folokohlo kobo butyadidi begazi inamanxeba awoyikekayo. Oku kwenza ukuba ezo zihlwele ziwulindele ngolangazelelo umdlalo olandelayo owawuza kuqalisa kwimizuzwana embalwa.
Owona Mdlalo Wawuthandwa
Kusabhiyozwa njalo, kungena abantu abaza kulwa (gladiators) yaye izihlwele ziyaphakama zizele yimincili. Abanye baxhobe ngamakrele okanye izinkempe namakhaka nezigcina-ntloko zentsimbi, yaye abanye abaxhobanga kangako yaye abanazinto zakuzikhusela. Bayalwa, yaye kudla ngokubakho ofayo okanye bafe bobabini ibe leyo yeyona nto ibangel’ imincili kwizihlwele. Iingxelo zibonisa ukuba komnye umdlalo kwabulawa izilwanyana ezingama-5 000 kwiintsuku nje ezili-100. Ukanti komnye umdlalo kwabulawa abantu abalwayo abangama-10 000. Sekunjalo izihlwele zazifuna kubulawe abangakumbi.
Babengapheli abantu bokulwa kule midlalo kuba kwakusilwa izaphuli-mthetho namabanjwa emfazwe agwetyelwe ukufa. Noko ke, ingxelo evela komnye umthombo ithi, “aba babahlukile kubantu ababeqeqeshelwe ukulwa ngezixhobo, ababesamkela intywenka yemali nababengagwetyelwanga kufa.” Kwezinye iindawo kwakukho izikolo ezikhethekileyo ezifundisa ubuchule bokulwa ngezixhobo. Abantu ababefunda kwezo zikolo babengaziva ngulo mdlalo, babevuyiswa kukubona ukufa kwabantu. Babesoloko befuna ukuphinda balwe. Ingxelo yomnye umthombo iqukumbela ngelithi: “Oyena mlwi uphumelelayo wayesilwa izihlandlo ezingamashumi amahlanu ngaphambi kokuba ayeke loo mdlalo wokulwa.”
Ukulwa Nenkunzi Yenkomo
Ngoku abantu baphila kwiwaka elitsha leminyaka. Kodwa kuyabonakala ukuba abantu abaninzi basayithanda imidlalo eyingozi, ingakumbi leyo ibeka ubomi esichengeni. Ngokomzekelo, kangangeenkulungwane ukulwa neenkunzi zenkomo bekusoloko kungowona mdlalo uthandwayo eMzantsi Merika naseMexico. Namhlanje sele uthandwa gqitha kwiLatin America, ePortugal naseSpeyin.
Kuthiwa eMexico kukho amabala emidlalo amalunga nama-200, yaye eSpeyin angaphezu kwama-400. Elinye lala mabala aseMexico lihlala abantu abangama-50 000. Uninzi lwala mabala luzala lume ngeembambo ngabantu abaze kubukela amakroti alwa neenkunzi zenkomo ezindlongondlongo. Ezo zihlwele ziyadana xa zibona ngathi loo mntu ulwa nenkunzi yenkomo uyoyika.
Ngoku sekukho namabhinqa alwa neenkunzi zenkomo yaye amkela izigidi zeerandi ngokubulala iinkunzi zenkomo. Elinye ibhinqa elinenxaxheba kule midlalo ekwadliwan’ indlebe nalo kumabonwakude lathi, akukho nto inokwanelisa umnqweno walo njengokulwa nesilwanyana esindlongondlongo nangona umntu eba sengozini yokufa.
Ukubaleka Neenkunzi Zenkomo
Enye ingxelo yathi: “Abantu benze imikrozo emine eSixto’s ePamplona’s Calle e-Estafeta, yaye batsho ngentswahla. Abantu bancokola ngeelwimi ezahlukahlukeneyo—isiBasque, isiCastilian, isiCatalan, nesiNgesi.” Ezi zihlwele zize kubukela lo mdlalo zifika kwangethuba. Iinkunzi zenkomo eziza kulwa zivalelwa kubuhlanti obukumgama ongaphantsi kwekhilomitha ukusuka kwibala lemidlalo.
Ngentsasa yomlo, amasango obuhlanti avulwa genge kuphume iinkunzi zenkomo ezintandathu kusale ibe nye eza kulwa ngobo busuku. Zingena kwisitrato esinezakhiwo yaye kubekwa imiqobo kwizitrato ezinqumlayo. Oku kwenza ukuba iinkunzi zenkomo zibaleke ziye kungena ngqo ebaleni, xa izinto zihambe kakuhle zibaleka ziye kufika kwisithuba nje semizuzu emibini.
Kwiminyaka eyadlulayo, amanye amadoda angamadela-ngozi ayedla ngokuzama ukubaleka neenkunzi zenkomo. Asekho akuzamayo oko minyaka le. Ekuhambeni kweminyaka lo mdlalo uye wenziwa kumazwe ngamazwe. Baninzi abaye benzakaliswa zezi nkunzi zenkomo yaye abanye ziye zababulala. Enye imbaleki yathi: “Ukuba ucinga ukuba ungazishiya, uyaziqhatha.” Ngokutsho kweSpanish Red Cross, kwisithuba seminyaka engama-20, “suku ngalunye kukho umntu ohlatywa yinkomo. Yaye bangama-20 ukuya kuma-25 abenzakalayo suku ngalunye.
Yintoni ebangela ukuba abantu bayithande kangaka le midlalo iyingozi? Enye imbaleki yaphendula ngelithi: “Kuloo mizuzwana [yomdlalo] wokubaleka neenkunzi zenkomo, akukho nto ibangel’ imincili—njengokuva ivumba lazo, uve izingqi zazo emva kwakho, ubone ukulekuza kweempondo kufuphi nawe.” Iimbaleki ziba nehlombe xa zisiva amayeyeye enziwa zizihlwele. Ngaba abanye bayadana xa kungekho mbaleki ihlwatywa ife, okanye ehlatywa iphoswe kude yinkunzi yenkomo endlongondlongo, enobunzima obuziikhilogram ezingama-700? Ngaba ukuphalala kwegazi kusathandwa njengoko kwakunjalo kwizihlwele ezazikumabala aseRoma?
Ukuzibeka Esichengeni Sokufa
Kukho abantu abathanda ukuzibeka esichengeni sokufa. Kukho nabantu abathanda ukubeka ubomi babo esichengeni ngokudlala ngezithuthuthu batsibe iinqwelo-mafutha ezimileyo ezingama-50 okanye iqela leebhasi eziphakamileyo okanye batsibe kumwonyo ovulekileyo. Omnye wala madela-ngozi uthi waphuka amathambo angama-37 yaye wakhe wafa isiqaqa kangangeentsuku ezingama-30. Wathi: “Into yokwaphuka amathambo okanye ingalo sendiyiqhelile. . . . Sele ndityandwe izihlandlo ezilishumi elinambini kulungiswa amathambo. Kolo tyando bayakusika baze bakufake inkcenkce okanye izikrufu. Ndicinga ukuba zingamashumi amathathu anesihlanu okanye amashumi amane izikrufu ekudityaniswe ngazo amathambo am. Ndingena ndiphuma ezibhedlele.” Ngaxa lithile wakha wenzakala ngoxa wayeziqeqeshela lo mdlalo yaye akazange akwazi ukutsiba iinqwelo-mafutha awayefuna ukuzitsiba, izihlwele zamhewula zidanile.
Inkoliso yabantu abathanda imidlalo ebangela imincili idla ngokudlala imidlalo eyingozi kakhulu, kuquka ukunyuka koorhec’ izulu bezakhiwo ingenazixhobo zakuzikhusela, ityibilize ekhephini kwiintaba eziphakame kangangeemitha ezingama-6 000, itsibe kwizakhiwo neebhulorho eziphakamileyo ibotshelelwe ngentambo, itsibe kwiinqwelo-moya ngeparachute okanye inyuke iintaba ezinomkhenkce isebenzisa imikholwane nje kuphela. Omnye umntu onyuka iintaba ezinomkhenkce wakhala ngelithi: “Nyaka ngamanye ndifelwa ngabahlobo abathathu okanye abane.” Le yeminye yemidlalo eyingozi esele ithandwa ehlabathini lonke. Omnye umbhali wathi: “Eyona nto ibangela ukuba ithandwe kangaka le midlalo kukuba ibeka ubomi esichengeni.”
Iphephancwadi iU.S.News & World Report lathi: “Kwaneyona midlalo iyingozi ithandwa gqitha ngabantu. Ngowe-1990 yayingekho imidlalo yokutsiba kwiinqwelo-moya, apho iingcali zalo mdlalo zikhwela amaplanga zize zenze uqulukubhode emoyeni zisihla kumgama weemitha ezingama-4 000; mdlalo lowo osele uthandwa gqitha ngamawaka abantu. Sele kukho nomdlalo wokutsiba ekuthiwa yiBASE, owamiselwa ngokusemthethweni ngowe-1980, yaye ngoku sele uthandwa gqitha ngamakhulu abantu abatsiba ngeeparachute—uninzi lwabantu ludlala lo mdlalo ebusuku ngokungekho mthethweni—lutsiba kwiinqaba zokutsala amaza omoya okanye kwiibhulorho.” Baninzi abantu abasele bebulewe ngulo mdlalo. Enye ingcaphephe kulo mdlalo wokutsiba yathi: “Lo mdlalo uyingozi kakhulu. Umntu uyasinda okanye afe.”
Amawaka abantu awuthanda gqitha umdlalo wokucangcatha emaweni ebambelele ngeminwe neenzwane kuphela. Le midlalo ixhaphake kangangokuba ngoku sele isetyenziswa nakwizibhengezo zentengiso kumabonwakude nakumaphephancwadi, njengokuboniswa komntu ojinga eliweni elingamakhulu eemitha ukuphakama, ebanjwe yintanjana nje encinane. Kuthiwa ngowe-1989, abantu baseUnited States ababenesibindi sokuthabath’ inxaxheba kulo mdlalo babemalunga nama-50 000; kodwa ngoku baqikelelwa kwisiqingatha sesigidi abantu abawuthandayo lo mdlalo uyingozi. Yaye baya besanda abantu abawuthandayo ehlabathini lonke.
EUnited States, “aya esanda amakhenkwe namantombazana afayo okanye enzakale kwimidlalo eyingozi nengaqhelekanga,” latsho njalo iphephancwadi iFamily Circle. “Icar surfing”—umdlalo wokuphuma ngefestile kwinqwelo-mafutha ebalekayo uze ume phezu kwayo—okanye ukuma kwielevator ehambayo okanye phezu kololiwe obalekayo ohamba ngaphantsi komhlaba, yonke le midlalo iye yabulala ulutsha oluninzi.
Ngoku sele bebaninzi ngakumbi abantu abanyuka kwiMount Everest. Abanye abantu abangaqeqeshwanga kakuhle badla ngokuhlawula malunga nee-R633 000 ukuze bancedwe banyuke baye kufikelela encotsheni yale ntaba. Ukususela ngowe-1953, bangaphezu kwama-700 abantu abaye bafikelela encotsheni yale ntaba. Abaninzi bafela apho. Ezinye izidumbu ziselapho. Omnye umchola-choli weendaba wabhala wathi: “Ngoku abantu bakhuphisana ngokuba nguwuphi oyena mncinane, oyena mdala okanye oyena uthabathe ixesha elifutshane ukunyuka iEverest.” Omnye wabhala wathi: “Ngokwahlukileyo kweminye imidlalo, ukunyuka intaba kufuna ukuba mntu ngamnye onenxaxheba kulo mdlalo abe ukulungele ukufa.” Ngaba kufuneka umntu ade azibeke esichengeni sokufa ukuze abonise ukuba ukhaliphile? Elinye igqala lokunyuka intaba lalumkisa lathi: “Ukuba nenkalipho akuthethi kwenza izinto zobudenge.” Xa lalithetha ‘ngezinto zobudenge’ lakhankanya “ukunyuka iMount Everest ungenabuchule baneleyo ‘ngenjongo nje yokuzonwabisa.’”
Singatshonelwa lilanga sibala le midlalo iyingozi. Iseza kuqhubeka isanda ehlabathini lonke logama nje besekho abantu abavela neentlobo zayo ezintsha. Esinye isazi ngokusebenza kwengqondo siqikelela ukuba le midlalo iyingozi, edlalwa ngabantu ababeka ubomi babo esichengeni, “iza kuba yeyona ithandwayo ngababukeli kule nkulungwane yama-21.”
Yintoni Ebangela Badlale Le Midlalo?
Abantu abaninzi abadlala le midlalo bathi bachitha isithukuthezi. Ngenxa yokukruqulwa yimisebenzi yempangelo, abanye bade bayeka ukusebenza baza badlala le midlalo iyingozi. Omnye wathi: “Ndaqalisa ukudlala ibungee ndizama ukuzihlaziya ukuze ndilibale iingxaki endinazo. Emva kokudlala lo mdlalo ndandiye ndithi, ‘Iingxaki? Yintoni ibindenza ndicinge ukuba ndineengxaki?’” Lithetha ngalo mfo uchazwe ngasentla, elinye iphephancwadi lathi: “Yingcaphephe esele idlale imidlalo yokutsiba engama-456, kuquka ukutsiba kwiYosemite’s El Capitan, kwiSan Francisco Bay Bridge nakwitram yaseFransi, eyiyeyona iphakamileyo ehlabathini lonke.”
Omnye onenxaxheba kule midlalo iyingozi wathi: “Kuba ngathi ixesha limile. Akuzikhathazi ngoko kwenzekayo ehlabathini.” Omnye wathi: “Imidlalo esiyenza ngenjongo yokuzonwabisa [midlalo leyo abaninzi abahlawulwayo ngayo], abantu abaninzi bebengayi kuyenza nokuba sele begrogriswa ngokubulawa.” Iphephancwadi iNewsweek lathi: “Eyona nto bayifunayo bonke yimincili.”
Ezinye izazi ngokusebenza kwengqondo ziye zenza uphando ngokuphathelele abantu abathanda imincili. Esinye sithi ukuthanda imincili kusegazini kolu hlobo lwabantu. ‘Bayakuthanda ukubeka ubomi babo esichengeni kuba nje loo nto iza kubenza babe nemincili.’ Sithi: “Kukho nabantu abathanda unqabiseko—abathanda ukubambelela kwimigaqo nakwizithethe. Bona abantu abathanda imincili abazikhathazi ngaloo migaqo. Baphila ngendlela abathanda ngayo.” Sithi abantu abathanda imincili babandakanyeka kwiingozi zeenqwelo-mafutha koohola bendlela ngokuphindwe kabini kunabanye abantu. “Oyena nobangela wokufa kwabakwishumi elivisayo kukuzibeka kwabo esichengeni kuba nje befuna imincili.”
Izazinzulu nezazi ngokusebenza kwengqondo ziyavuma ukuba asiyonto yokwemvelo ukuba abantu bathande imidlalo eyingozi. Bayenzakala, baze bahlale ixesha elide ezibhedlele nakumaziko ezonyango, kodwa emva koko baye babuyele kuloo midlalo iyingozi, nto leyo ebonisa ukuba kukho ukuphazamiseka okuthile kwaba bantu. Ukanti, aba idla ngokuba ngabona bantu bakrelekrele.
Iingcali aziqinisekanga ngesizathu sokuba abantu bade babeke ubomi babo esichengeni ngenxa yemidlalo eyingozi. Zithi impendulo inokufumaneka xa kunokuhlolisiswa indlela esebenza ngayo ingqondo yabo. Zithi: “Akunakukunqanda oko kuthi phithi kwabo yile midlalo, kodwa unokubanceda bakhusele ubomi babo. Enokuba akukwazi ukubanqanda bona, bamele baphephe ukubeka ubomi babanye abantu esichengeni.”
Imbono YamaKristu
AmaKristu agqala ubomi njengesipho esixabisekileyo esivela kuYehova uThixo. Xa umntu ebeka ubomi bakhe esichengeni ngabom kuba nje efuna ukubonisa ukuba unesibindi—uligorha—okanye ukuze onwabise izihlwele okanye ukuze abe nemincili, loo mntu akanaxabiso ngobomi obusisipho esimangalisayo esisinikwe nguThixo. Ngokuqinisekileyo, uYesu wayenentlonelo enzulu ngobomi bakhe yaye akazange abubeke esichengeni ngokungeyomfuneko. Akazange avume ukulinga uThixo.—Mateyu 4:5-7.
NamaKristu afanele abuxabise ubomi. Omnye umKristu wabhala: “Ndakha ndanyuka eliweni, yaye ndazibona sele ndingakwazi ukubuya umva okanye ndiye phambili. Ndisangcangcazela nanamhlanje xa ndicinga ngendlela endasinda ngayo. Ndaphantsa ndafa ngokungeyomfuneko!”
Omnye umKristu oselula wabhala wenjenje: ‘Kwindawo endihlala kuyo, ulutsha ludlala iintlobo-ntlobo zale midlalo ibangela imincili. Lusoloko lufuna ukuba ndidlale nalo. Noko ke, ezindabeni ndihlala ndibona abantu abafayo okanye abenzakele ngokumasikizi kule midlalo kuthiwa ibangela imincili. Ndiyaqonda ukuba bekungayi kuba bubulumko ukubeka engozini ubomi bam endabunikwa nguYehova uThixo ngenxa nje yoyolo lomzuzwana.’ Kwanga nawe ungaqiqa ngolo hlobo.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 19]
© Reuters NewMedia Inc./CORBIS
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 22]
Steve Vidler/SuperStock