Ulwaphulo-mthetho Olunogonyamelo—Yintoni Ebangela Ukuba Lwande Kangaka?
NGENYE intsasa uFrank noGabriella babebethwa ngumoya kunxweme lwaseOregon, eUnited States, bebukele ukuphuma kwelanga. Babengenalo nofifi lwento eyayiza kubehlela. Kwimizuzu nje embalwa emva koko, badutyulwa entloko ngumntu owayekufuphi nabo, lahlanz’ iselwa. Ngaba lo mntu wayeziphindezela? Okanye ngaba wayenomona? Akunjalo. Lo mntu wabadubulayo wayengabazi, wayephumeza nje iminqweno yentliziyo yakhe—wayefuna ukwazi ukuba kunjani ukubulala umntu.
“NgeCawa ngomhla wama-28 kuAprili ngowe-1996 uMartin Bryant waba ngundaba-mlonyeni kulo lonke elaseNtshona yaye wayonwabe ngeyona ndlela. Wayezula-zula kwizitrato zasePort Arthur eTasmania, ehamba edubula kwamntu adibana naye, yaye oko kwambangela wanemincili gqitha, ezigqala njengoyena mntu unamandla.” (A Study of Our Decline, by Philip Atkinson) Wabulala nabanye abantu abangama-35!
Ngenye intseni inkonde ethile yaseKhanada eneminyaka engama-65 ubudala nedla umhlala-phantsi, yayihamba ngebhayisikile yayo. Isahamba ngebhayisikile yayo njalo, yatshayiswa yinqwelo-mafutha eyayisiza ngasemva yaye umqhubi wale nqwelo-mafutha wayishiya apho le nkonde ecinga ukuba ifile. Ibhayisikile yayo yatsalwa umgama omalunga neemitha ezingama-700 ukusuka apho. Ekuqaleni, abantu babecinga ukuba itshayiswe ngumntu ngengozi waza wabaleka, kodwa emva kokuba kwenziwe uphando olungakumbi kwafunyaniswa ukuba itshayiswe ngumntu obeqhuba inqwelo-mafutha ebiweyo ngokungakhathali, injongo ikukuzonwabisa. Kuyacaca ukuba isizathu sokuba atshayise le nkonde yayikukufuna nje “ukuzonwabisa.”
Ngaba Olu Luhlobo Nje Olwahlukileyo Lolwaphulo-mthetho?
Ulwaphulo-mthetho belusoloko lukho kangangeenkulungwane, kodwa ezi ziganeko zikhankanywe ngasentla zibangela abantu bazibuze: “Yintoni unobangela woku? Umntu uyicinga njani into enje?” Nangona iintlobo zolwaphulo-mthetho eziqhelekileyo, njengobusela okanye ubuqhetseba, zingabothusi kangako abantu abaninzi, kukho iziganeko ezininzi ezixhomis’ amehlo nezibangela abantu bathi, ‘Akayisebenzisi ingqondo ke lo mntu ebesenza le nto! Kwenzeka ntoni kweli hlabathi?’
Olu luhlobo olwahlukileyo lolwaphulo-mthetho. Luyothusa yaye abantu abenza ezi zinto baqhutywa yinkohlakalo. Njengakule mizekelo ikhankanywe ngasentla, kudla ngokuhlaselwa abantu abangenatyala abangabaziyo nabo bantu babahlaselayo. Ngapha koko, kubonakala kungekho sizathu sokuhlaselwa kwabantu ngenkohlakalo enjalo. Singabala kutshone ilanga xa sithetha ngezinto zempambano ezenziwa ngabantu.
NgoAprili 1999 eColorado, eUnited States, xa kwakudutyulwana esikolweni, abafundi aba-2 babulala abanye abafundi abali-12 nomfundisi-ntsapho baza emva koko bazibulala nabo. Ngowe-1982, enye indoda yaseKhalifoniya yafa emva kokusela iyeza eyayilithengile, ekwathi kanti lixutywe netyhefu ebizwa ngokuba yi-strychnine. Ngowe-1993, kummandla weevenkile waseBootle, eMerseyside, eNgilani, amakhwenkwe amabini aqweqwedisa uJames Bulger owayeneminyaka emibini ngoxa unina wayesesilarheni. Amthabatha amsa kwisiporo sikaloliwe yaye afika amnkula ngegqudu ambulala.
Ezinye izenzo zolwaphulo-mthetho zinokuchazwa njengobunqolobi, njengesiganeko sokubulawa kwabantu ngetyhefu kwisiporo sikaloliwe saseTokyo esingaphantsi komhlaba ngowe-1995. Abantu baseJapan bothuka kakhulu xa amalungu ehlelo elithile asasaza igesi eyityhefu kwisiporo sikaloliwe saseTokyo esingaphantsi komhlaba apho kwafa abantu abali-12 kwenzakala nabanye abangamawaka. Bambalwa abantu abanokusilibala isiganeko sokutshatyalaliswa kweWorld Trade Center, eNew York, ukuhlaselwa kwePentagon, eWashington, D.C., apho kwafa malunga nabantu abangama-3 000, nesiganeko sonyaka ophelileyo sokuqhushumba kwebhombu eBali, eIndonesia apho kwafa malunga nabantu abangama-200.
Kucacile ukuba izenzo ezinjalo zenkohlakalo zixhaphakile. Le ngxaki ikho kulo lonke ihlabathi yaye ichaphazela abantu abaninzi neendidi ngeendidi zabantu.
Kwezinye iimeko kuba ngathi izaphuli-mthetho ziyakhuphisana, zifuna ukubona oyena unkqenkqeza phambili ekwenzeni izinto ezimasikizi. Ngapha koko, luya luxhaphaka ngokuxhaphaka nolwaphulo-mthetho olwenziwa ngabantu abaqhutywa yintiyo. Olu hlobo lolwaphulo-mthetho lwenziwa ngabantu abakhohlakele ngokugqith’ emgceni behlasela abantu “abatyala” labo ikukuba ngabohlanga, unqulo okanye isizwe esahlukileyo kwesabo—njengaxa kwabulawa amaTutsi amalunga nama-800 000 eRwanda ngowe-1994.
Konke oku kubangela abantu bazibuze: ‘Yintoni kanye kanye le iqhubekayo? Ngaba kwakunje ngaphambili? Siyintoni isizekabani sezenzo zolwaphulo-mthetho ezimanyumnyezi ngolu hlobo? Ngaba likho ithemba lokuncitshiswa okanye lokupheliswa kwenkohlakalo enje?’ Lo mbuzo kuquka eminye iza kuphendulwa kumanqaku alandelayo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Kwizenzo zenkohlakalo kudla ngokuhlaselwa abantu abangenatyala, behlaselwa ngaphandle kwesizathu