Umntu Ukopa KuMdali
Kwenzeka njani ukuba iglowubhu yokukhanyisa ecekeceke ingakroboki xa inyanzelwa kumngxuma efakwa kuwo ukuze ikhanyise? Ngokutsho kwencwadi ethi How in the World?, impendulo yalo mbuzo inokuthanani nendlela emile ngayo iglowubhu, imile “njengeqanda.” Nangona iqokobhe leqanda licekeceke, isikhukukazi asiwakrobozi amaqanda xa siwafukama. Kungenxa yokuba indlela elimile ngayo iqanda ibangela ukuba lingakroboki xa licinezelwa. (Intshontsho elingaphakathi kwiqanda elineqokobhe eliqinileyo alinakukwazi ukuliqhekeza elo qokobhe liphume.) Ngokufanayo neqanda elenziwe nguMdali, iglowubhu yokukhanyisa yenziwe yangqukuva ukuze xa ibanjwa ngamandla “ingacinezeleki kule ndawo ibanjwe kuyo kuphela.” Ngaloo ndlela, njengoko kunjalo nangeqanda, iglowubhu ayikroboki xa uyibamba ngamandla. Ininzi into eye yafundwa ngumntu kwindalo!