Iqanda Lentaka
Ngaba Ladalwa?
● Iqanda lentaka kuthiwa “sisingxobo esimangalisayo.” Ngoba kutheni?
Khawucinge ngoku: Nangona libonakala livalekile, iqokobhe leqanda lentaka elinecalcium eninzi linemingxuma emincinane enokuba ngama-8 000. Le mingxuma ingenisa ioksijini ize ikhuphe icarbon dioxide—nto leyo ebalulekileyo ukuze intshontsho likwazi ukuphefumla. Sekunjalo, eli qokobhe kunye neenwebu eziliqela ezikulo lithintela iintsholongwane ukuba zingangeni zize zosulele intshontsho. IAlbumen inceda iqanda ukuba lingophuki lula.
Abaphandi bangathanda ukukopa indlela elibunjwe ngayo iqokobhe leqanda ukuze benze izinto ezingophuki lula kunye nendlela yokukhusela iziqhamo kwiintsholongwane nezinye izinto ezizityayo. Noko ke, kwiphephancwadi iVivai, uMarianne Botta Diener wathi, “akukho lula ukukopa indalo.” Uthi, ukuza kuthi ga ngoku abaphandi abakwazanga ukukopa kweli qokobhe ukuze benze izingxobo ezingayonakalisiyo indalo.
Ucinga ntoni? Ngaba eli qokobhe leqanda lentaka ‘elisisingxobo esimangalisayo’ labakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba ladalwa?
[Umzobo okwiphepha 28]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
NGAPHAKATHI EQANDENI
Iqokobhe
Umphakathi weqanda omthubi
IChalaza
Inwebu engaphandle
Inwebu engaphakathi
IGerminal disc (apho libunjwa khona intshontsho)
Ialbumen emanzi
Ialbumen engqindilili
Umoya