Utshintsho Olubhetele Kunolo Lwabantu
UKUBA umthi uvelisa isiqhamo esibi, isicombululo asikokusuka nje kugawulwe amasebe athile. Loo mthi umele ugawulwe usitshulwe neengcambu. Endaweni yawo kumele kutyalwe omnye umthi oza kuvelisa isiqhamo esihle.—Mateyu 7:16-20.
Ngendlela efanayo, nabona baneenjongo ezintle kubantu abenza utshintsho ekuphela kwento abazama ukuyicombulula ziimpawu ezibonisa ububi babantu—ukonakala, ukungabikho kokusesikweni, nokuphanga. Kodwa, oyena nobangela wezo zinto wendele ngakumbi. Eyona nto kufuneka itshintshwe yiyo yonke le nkqubo. Oku koko kuthenjiswa yiBhayibhile.
UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini oya kwenza okungakumbi kunokuxonxa, ulungise, okanye uguqule abantu. Lo rhulumente uza kuzisa indlela entsha ngokupheleleyo yokulawula uluntu, uze umanyise lonke uluntu. Lo rhulumente uza kunyamekela izinto ezifana nemfundo, umsebenzi, izindlu, ukutya, impilo nemekobume.
Isiprofeto esikwiNdumiso 72:12-14 sichaza oko kuya kwenzelwa uluntu nguKumkani onguMesiya, sithi: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo.”
Kodwa ukuze abantu bakhululeke ngokupheleleyo ekonakaleni, kwimeko yokungabikho kokusesikweni nakwintswelo, ngokuqinisekileyo asingorhulumente kuphela omele atshintshe kodwa nabantu kuya kufuneka batshintshe. Ngoko, uBukumkani buya kunceda mntu ngamnye azi indlela yokuphila ubomi obuvuyisayo, obunenjongo nobunomvuzo. IBhayibhile ithembisa ukuba uBukumkani bukaThixo buya kunceda abalawulwa babo basemhlabeni batshintshe. Njani?
UBukumkani buya kufundisa abalawulwa babo iindlela zikaYehova uThixo, ngaloo ndlela bubancede babe nokholo nothando. (Isaya 11:9) Ukuthanda uThixo kushukumisela umntu esenzweni. Ngokomzekelo, kwinkulungwane yokuqala uYesu wadibana noZakeyu, intloko yabaqokeleli berhafu eyayizityebisa ngokuqhatha abantu ibabiza irhafu egqithiseleyo. UYesu akazange acinezele eli gosa lonakeleyo alihlazise ukuze litshintshe iindlela zalo. Kunoko, uYesu wanceda uZakeyu waqonda isiphoso sakhe waza waguquka. UZakeyu washukunyiswa lulwazi oluchanileyo lwemigaqo kaThixo nakukumthanda. Wenza iinguqu eziphawulekayo.—Luka 19:1-10.
Ngaba leyo asiyondlela ebalaseleyo yokuphelisa iintsilelo zabantu? Urhulumente ogqibeleleyo wobulungisa oza kunyamekela abantu ubancede batshintshe iindlela zabo. Ngaba ngelo xesha kuya kufuneka kwenziwe utshintsho? Akuyi kuba yimfuneko, kuba uThixo uya kube ezenze ntsha zonke izinto. Izinto zangaphambili ziya kube zidlule.—ISityhilelo 21:4, 5.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
UBukumkani bukaThixo abuyi kwenza nje iinguqulelo ezithile kodwa buya kwenza utshintsho olupheleleyo
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ngoxa wayesemhlabeni uYesu wanceda abantu abathile benza utshintsho kubomi babo