IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 5/8 iphe. 3-5
  • Ngaba Kusemsebenzini Okanye Kusedabini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kusemsebenzini Okanye Kusedabini?
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Unxunguphalo”
  • Le Ntlungu Ayipheleli Nje Emsebenzini
  • Ukukhathazwa Ngokwesini—Ingxaki Esehlabathini Lonke
    Vukani!—1996
  • Indlela Abantu Ababa Ngamaxhoba Ngayo
    Vukani!—2004
  • Ukuzama Ukuba Kubekho Uxolo Kwindawo Yempangelo
    Vukani!—2004
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokukhathazwa Ngokwesini?
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 5/8 iphe. 3-5

Ngaba Kusemsebenzini Okanye Kusedabini?

NGUMBHALI KAVUKANI! EJAMANI

“Ndandingasakwazi ukunyamezela. Ndandisebenze kule nkampani iminyaka engaphezu kwama-30. Ndafikelela kwinqanaba lokuba ndiphathe abanye abasebenzi. Kwandula ke kwafika umphathi omtsha wenkampani. Wayeselula, enamandla yaye enamacebiso amaninzi. Wayendigqala njengomqobo endleleni yakhe, ngoko waqala ukundingcungcuthekisa. Emva kweenyanga endigculela, exoka ngam endenza intlekisa ndaqala ukuphazamiseka nalapha engqondweni. Inkampani yathi xa ndinokuthabatha umhlala phantsi ingandinika intlawulo, ndavuma.”—UPeter.a

UPETER wayelixhoba lokungcungcuthekiswa emsebenzini. Ngokwentetho esetyenziswa eYurophu, ‘wayehlaselwa liqela labantu.’ EJamani, apho uPeter ahlala khona, bathelekelelwa kwisi-1,2 sezigidi abantu abangcungcuthekiswayo emsebenzini. ENetherlands, umntu om-1 kwaba-4 uya kungcungcuthekiswa ebudeni bexesha lokusebenza kwakhe. Ingxelo eyenziwa yi-International Labour Organization ithi le ngxaki yokungcungcuthekiswa kwabantu iyanda, eBritani, eDenmark, eOstreliya, eOstriya, eSweden naseUnited States. Kodwa, yintoni kanye kanye ukungcungcuthekiswa?

“Unxunguphalo”

Ngokutsho kwephephancwadi leendaba laseJamani, iFocus, ukungcungcuthekiswa “kukusoloko uhlaselwa ngokuphindaphindiweyo.” Ngaphandle kokuqhulana emsebenzini—okusenokuquka ukuphoxisa, ukugxeka, nokunqalana—ukungcungcuthekisa umntu kukumdandathekisa ngabom. Injongo kukwenza loo mntu abe likheswa.b

Iintlobo zokungcungcuthekisa ziquka iingxabano zobuntwana nokwenzakalisa ngobundlobongela. Ixhoba lokungcungcuthekiswa lidla ngokungcikivwa, lithukwe, liphathwe ngenkohlakalo lize lingakhathalelwa. Amanye amaxhoba adla ngokusetyenziswa nzima ngabom okanye asoloko enikwa eyona misebenzi ingathandekiyo leyo kungekho mntu ufuna ukuyenza. Abantu abasebenza naloo mntu badla ngokwenza iyelenqe ukuze angakwazi ukuba nemveliso emsebenzini, mhlawumbi bangamniki inkcazelo afanele ayifumane. Kwezinye iimeko, abangcungcuthekisi badla ngokusika amavili enqwelo-mafutha yelo xhoba okanye basebenzise ikhompyutha yalo ngaphandle kwemvume.

Abanye abantu bangcungcuthekiswa ngumntu nje omnye. Kodwa amaxesh’ amaninzi, ixhoba lidla ngokuhlaselwa liqela labantu elisebenza nabo. Kungenxa yoko le nto ibinzana elithi “ukuhlaselwa liqela labantu” lifanelekile ekubeni libhekisela kwiqela labantu elingcungcuthekisa okanye elihlasela umntu ngabom.

Mhlawumbi eyona nto yothusayo kukuba kwiimeko ezininzi umntu udla ngokuhlaselwa ngemvume yomphathi. Kuphando olwenziwe eYurophu, kwiziganeko ezingama-50 ekhulwini zokungcungcuthekiswa kwabantu, umphathi uyabandakanyeka yaye idla ngokuba nguye kanye ophambili. Konke oku kubangela ukuba indawo yempangelo ifane noko iphephandaba laseJamani i-Frankfurter Allgemeine Zeitung likubiza ngokuba ‘yimeko ebuhlungu yonxunguphalo.’

Le Ntlungu Ayipheleli Nje Emsebenzini

Amaxesh’ amaninzi, intlungu yokungcungcuthekiswa ayipheleli nje emsebenzini. Amaxhoba amaninzi aye abe neengxaki ezinzulu zempilo ngenxa yokuphathwa ngenkohlakalo. Eminye yemiphumo yokungcungcuthekiswa ludandatheko, ukungalali kakuhle nokuphakuzela. Kuthekani ngoPeter okhankanywe ekuqaleni? Waziva ephelelwe sisidima. Ibhinqa elibizwa ngokuba nguMargaret, nalo elilelaseJamani laxelelwa ngugqirha walo ukuba lifanele lifune unyango kwiziko labagula ngengqondo. Sasiyintoni isizathu soko? Lalilixhoba lokungcungcuthekiswa emsebenzini. Ukungcungcuthekiswa kunokuchaphazela ubomi bomtshato okanye bentsapho kabani.

EJamani, ukungcungcuthekiswa kwabantu emsebenzini kuye kwaxhaphaka gqitha kangangokuba enye inkampani yeinshorensi iye yavula ijelo lonxibelelwano ngomnxeba ukuze kuncedwe amaxhoba. Le nkampani iye yafumanisa ukuba abangaphezu kwesiqingatha kwabo batsala umnxeba abakwazi ukusebenza isithuba esingangeeveki ezintandathu, malunga nomnye kwabathathu akakwazi ukusebenza isithuba esingangeenyanga ezintathu, yaye abangaphezu kwe-10 ekhulwini abakwazi ukusebenza isithuba esingaphezu kweenyanga ezintathu. Ulindixesha wezonyango waseJamani uthelekelela ukuba “bafikelela kuma-20 ekhulwini abantu abazibulalayo ngenxa yokungcungcuthekiswa.”

Ngokucacileyo, ukungcungcuthekiswa kunokubangela umntu aphile ubomi bentshontsho emsebenzini. Ngaba ikho indlela okunokuthintelwa ngayo oku? Kunokwenzeka njani ukuba kubekho uxolo emsebenzini?

[Imibhalo esemazantsi]

a Kolu ngcelele lwamanqaku abantu banikwe magama wambi.

b Ingxelo ibonisa ukuba amabhinqa ngawona maxhoba okungcungcuthekiswa emsebenzini ngaphezu kwamadoda, nangona oku kusenokwenzeka ukuba kubangelwa kukuba amabhinqa adla ngokuthetha ngengxaki yawo aze afune uncedo.

[Imifanekiso ekwiphepha 4]

Ukungcungcuthekiswa emsebenzini kubangela umntu anxunguphale

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share