IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 5/8 iphe. 7-9
  • Ukuzama Ukuba Kubekho Uxolo Kwindawo Yempangelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzama Ukuba Kubekho Uxolo Kwindawo Yempangelo
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzinzisa Iimbambano
  • “Ukuba Nengqiqo Kwenu Makwazeke Ebantwini Bonke”
  • Funa Inkxaso
  • Akukho Sicombululo Siqinisekileyo
  • Indlela Abantu Ababa Ngamaxhoba Ngayo
    Vukani!—2004
  • Ngaba Kusemsebenzini Okanye Kusedabini?
    Vukani!—2004
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nokukhathazwa Ngokwesini?
    Vukani!—2000
  • Ukukhathazwa Ngokwesini—Indlela Onokuzikhusela Ngayo
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 5/8 iphe. 7-9

Ukuzama Ukuba Kubekho Uxolo Kwindawo Yempangelo

YINTONI ebangela abantu bangcungcuthekise abanye? IBhayibhile isinceda sifumane impendulo kulo mba. Ithi siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto, ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Abantu abaninzi “ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi.” (2 Timoti 3:1-5) Kula maxesha eziphithiphithi, baxhaphakile abantu abaziphethe ngale ndlela, yaye omnye wemiphumo ebuhlungu eye yabangelwa koku, kukungcungcuthekiswa kwabantu. Ngoko, unokuzama njani ukuba kubekho uxolo kwindawo ophangela kuyo?

Ukuzinzisa Iimbambano

Ukungcungcuthekiswa kwabantu kudla ngokubangelwa ziingxabano zabasebenzi ezingakhange ziconjululwe. Ngenxa yoko, ngaphandle kokufaka impumlo kwimicimbi yabanye, xa kukho ukungaqondani okuthile phakathi kwakho nabanye abantu kulungise ngokukhawuleza. Ngobuchule nentlonelo zama ukuthomalalisa ukukhathazeka kulowo uthetha naye. Thetha nomsebenzi ngamnye, musa ukuthetha nabo njengeqela. Ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwakho nothile, zama ukuyilungisa loo meko. Khumbula isiluleko sikaYesu esithi: “Lungisana ngokukhawuleza nalowo ukumangaleleyo.”—Mateyu 5:25.

Ngapha koko, wonk’ umntu uyangenelwa xa kukho unxibelelwano phakathi kwabasebenzi. Ngoko, zama ukuthetha ngentlonelo nomphathi wakho ungamenzi acinge ukuba uzama nje ukuzenza mhle kuye. Kwakhona khumbula ukuba, xa kukho unxibelelwano phakathi kwakho nabanye abasebenzi kwanabo basebenza ngaphantsi kwakho, iingxaki ziya kuncipha. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.”—IMizekeliso 15:22.

Ngoko ke, zama ukuba nobuhlobo nabantu osebenza nabo. Oku akuthethi ukuba yiba “nguvuma-zonke,” uvume yonk’ into le efunwa ngabantu uze ulalanise kwimigaqo yakho kuba nje ufuna kubekho uxolo. Kodwa ububele nobuhlobo bunokwenza izinto zibe bhetele. Kulumkele oko ukuthethayo kwabanye nendlela okuthetha ngayo. Kwakhona, iBhayibhile inikela icebiso elifanelekileyo: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) “Ukuzola kolwimi ngumthi wobomi.” (IMizekeliso 15:4) “Ngomonde umphathi uyacengeka.” (IMizekeliso 25:15) “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”—Kolose 4:6.

“Ukuba Nengqiqo Kwenu Makwazeke Ebantwini Bonke”

Umpostile uPawulos wanikela eli cebiso kumaKristu aseFilipi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ngokuvisisana nalo mgaqo, zibekele imilinganiselo yokuziphatha onokukwazi ukuyifikelela. Kuphephe ukuzithemba ngokugqithiseleyo okanye ukuba ngumntu oneentloni kakhulu. Ukuba abantu osebenza nabo bahlekisa ngawe, musa ukuzama ukukhuphisana nabo, nawe uhlekise ngabo. Akufumani ngenelo ngokwenza kungabonakali mahluko phakathi kwehambo entle nembi. Baphathe ngentlonelo nesidima abanye, mhlawumbi loo nto iya kubangela bakuphathe ngendlela efanayo nawe.

Musa ukucinga ngehambo yakho kuphela kodwa cinga nangendlela onxiba ngayo. Zibuze: ‘Impahla endiyinxibayo ibenza bacinge ntoni abantu ngam? Ngaba indlela endikhangeleka ngayo ivuselela inkanuko? Ngaba ndibonakala njengexelegu? Ngaba ndifanele ndibe nosukelo lokunxiba ngokufanelekileyo emsebenzini?’

Kwiindawo ezininzi abasebenzi abakhutheleyo nabanyanisekileyo bayahlonelwa yaye baxatyisiwe. Ngenxa yoko, zama ukufumana intlonelo ngokwenza umsebenzi wakho kakuhle. Yiba ngumntu othembekileyo nonyanisekileyo. Oku akuthethi kuthi ufanele uzilahle nofele kuyo yonk’ into oyenzayo. Elinye ibhinqa elaba lixhoba lokungcungcuthekiswa kamva lavuma ukuba laba negalelo ekungcungcuthekisweni kwalo. “Ndandifuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo,” litsho njalo eli bhinqa. Laqonda ukuba ukufuna ukugqibelela kukuzibekela usukelo olungafikelelekiyo: “Ndiyakuthanda ukusebenza, kodwa akuyomfuneko ukuba ndenze yonk’ into ngokugqibeleleyo.”

Musa ukukhathazeka msinya xa ugxekwa. Ukugxekwa akufani nokungcungcuthekiswa. EBhayibhileni, uKumkani uSolomon wabhala: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho . . . Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu, . . . kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.”—INtshumayeli 7:9, 21, 22.

Kakade ke, ukusebenzisa le migaqo akuthethi kuthi ngokuqinisekileyo akusayi kuze ube lixhoba lokungcungcuthekiswa. Nakuba unokuzama ukuzikhusela ngandlela zonke, abanye abasebenzi basenokukungcungcuthekisa. Yintoni ke onokuyenza?

Funa Inkxaso

UGregory uthi: “Kwathi kwakuqengqeleka iinyanga kungekho mntu undikhathaleleyo, ndakhathazeka ngokunzulu.” La mava akhe ayafana nawamanye amaxhoba okungcungcuthekiswa, anyamezela izinto ezininzi ezibuhlungu—umsindo, ukuziva unetyala, uhlazekile, ukudideka nokuziva ungento yanto. Intlungu yokungcungcuthekiswa inokubangela noyena mntu uzolileyo aphelelwe lithemba. Eneneni, iBhayibhile ithi “ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko.” (INtshumayeli 7:7) Ngoko, yintoni enokwenziwa?

Uphando lubonisa ukuba kuhle ukungazami ukuyicombulula wedwa ingxaki yokungcungcuthekiswa. Ixhoba linokuyifumana phi inkxaso? Ezinye iinkampani ezinkulu ziye zenza ilungiselelo lokunceda abasebenzi abavakalelwa kukuba bayangcungcuthekiswa. Iinkampani ezinjalo ziyazi ukuba ngokuphelisa ukuphathana kakubi emsebenzini, kungenelwa zona. Ngokutsho kolunye uqikelelo, abasebenzi abangcungcuthekisa omnye, bayaphazamiseka emsebenzini ukuya kufikelela kwi-10 ekhulwini lexesha labo lokusebenza. Xa kukho ilungiselelo elinjalo, ixhoba linokufuna uncedo. Umcebisi ongathabath’ icala—mhlawumbi okuloo nkampani okanye ovela ngaphandle—unokwenza ithuba lokuba abo babandakanyekileyo bakwazi ukuxubusha ngalo mcimbi aze amisele imithetho ngendlela yokuziphatha emsebenzini.

Akukho Sicombululo Siqinisekileyo

Kakade ke, imele iqondwe into yokuba akukho sicombululo sinokukuphelisa ngokuqinisekileyo ukungcungcuthekiswa. Kwanabo basebenzisa imigaqo yeBhayibhile echazwe kweli nqaku basenokufumanisa ukuba impatho-mbi isaqhubeka. Abo banjalo banokuqiniseka ukuba uYehova uThixo uyakubona ukunyamezela kwabo nomgudu abawenzayo wokubonakalisa iimpawu zobuthixo phantsi kwezo nkxwaleko.—2 Kronike 16:9; Yeremiya 17:10.

Kuxhomekeka kubuqatha bokungcungcuthekiswa kwabo, abanye abakule meko baye bakhethe ukufuna omnye umsebenzi. Abanye kuye kungabikho nto ingako banokuyenza, njengoko imisebenzi inqabile yaye zimbalwa neendawo abanokufumana uncedo kuzo. UMonika, okhankanywe kwinqaku elingaphambili wafumanisa ukuba, ekugqibeleni ingxaki yacombululeka akuba umngcungcuthekisi ophambili emkile kuloo nkampani. Ngenxa yoko, kwabakho uxolo emsebenzini yaye wathi esiya kufuna umsebenzi kwenye indawo wabe sele elugqibile uqeqesho lwakhe.

UPeter okhankanywe kwinqaku lokuqala waphumla ekungcungcuthekisweni akuthabatha umhlala-phantsi ngaphambi kwexesha. Noko ke, kwanaxa wayenyamezele ukungcungcuthekiswa, uPeter wayefumana inkxaso kwinkosikazi yakhe. Uthi: “Inkosikazi yam yayikuqonda kakuhle oko ndandijamelene nako yaye yandixhasa ngokupheleleyo.” Ngoxa babenyamezele ezo zilingo uMonika noPeter babethuthuzelwa lukholo abanalo njengamaNgqina kaYehova. Ukubandakanyeka kubulungiseleli basesidlangalaleni kwabenza bakwazi ukulondoloza isidima sabo, ngoxa ukunxulumana namanye amakholwa kwabaqinisekisa ukuba bakho abahlobo bokwenene.

Enoba injani na imeko yakho, zama ngandlela zonke ukuba ube nolwalamano oluhle nabo usebenza nabo. Ukuba uyangcungcuthekiswa, zama ukulandela icebiso likampostile uPawulos elithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. . . . Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:17-21.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

Ububele nobuhlobo bunokwenza izinto zibe bhetele

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—ROMA 12:18

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Xa kukho ukungaqondani okuthile phakathi kwakho nabanye abantu kulungise ngokukhawuleza

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share