Indlela Abantu Ababa Ngamaxhoba Ngayo
UMonika wayesandul’ ukugqiba esikolweni xa waqalisa ukuqeqeshwa njengomabhalana kwiiofisi zasemthethweni. UMonika wayenethemba lokuba ukuqalisa ukusebenza emva kokuba egqibile ukufunda kuza kuba yinto nje elula.
UHorst wayengugqirha owayephakathi kwiminyaka yama-30. Wayenenkosikazi nabantwana, yaye kwakulindeleke ukuba abe ngumntu odumileyo nowamkela umvuzo ophakamileyo.
Bobabini uMonika noHorst baba ngamaxhoba okungcungcuthekiswa.
IMEKO kaMonika noHorst isifundisa into ebalulekileyo: Akulula ukwazi ukuba kungcungcuthekiswa luhlobo luni lwabantu. Eneneni, enoba umntu wenza luhlobo luni lomsebenzi unokuba lixhoba lokungcungcuthekiswa. Ngoko ke, unokuzikhusela njani? Enye indlela onokuzikhusela ngayo kukuzama ukuba noxolo nabantu osebenza nabo, kwanabo kunzima ukusebenza nabo.
Ukuqhubana Kakuhle Nabantu Osebenza Nabo
Abantu abaninzi kudla ngokufuneka ukuba basebenzisane neqela labantu baze bancede elo qela ukuba likwazi ukusebenza kunye. Ukuba abasebenzi bayevana, umsebenzi uhamba ngokutyibilikayo. Xa bengevani, umsebenzi awenziwa kakuhle yaye abantu baba sesichengeni sokungcungcuthekiswa.
Yintoni enokuphazamisa iqela labasebenzi kumsebenzi walo? Enye into enokuphazamisa kukusoloko kutshintshwatshintshwa abasebenzi. Xa kunjalo, kuba nzima ukuba abasebenzi bakhe ubuhlobo. Ukongezelela, abasebenzi abatsha abaqhelananga nendlela ekusetyenzwa ngayo nto leyo ebangela ukuba wonke umsebenzi uhambe kade. Xa umsebenzi usiba mninzi, abasebenzi badla ngokusoloko besebenza nzima.
Ngapha koko, xa abasebenzi bengaqinisekanga ngosukelo lwabo, kuba nzima ukuba bamanyane. Ngokomzekelo, umphathi ongazithembanga kwisikhundla sakhe unokuchitha ixesha elininzi ekhusela isikhundla kunokuba akhokele emsebenzini. Usenokuzama ukuqinisa igunya lakhe ngokuthelekisa abasebenzi. Okubi nangakumbi, iqela labasebenzi lisenokungalungelelaniswa kakuhle kangangokuba abanye basenokungayiqondi kakuhle imbopheleleko abanayo emsebenzini. Ngokomzekelo, kusenokubakho ukungevani xa abasebenzi ababini becinga ukuba banembopheleleko elinganayo ekutyobeleni i-invoyisi.
Xa kunjalo, kuye kungabikho nxibelelwano yaye iingxabano zidla ngokungaconjululwa. Umona udla ngokubangela ukuba kungasetyenzwa kakuhle, yaye abasebenzi badla ngokukhuphisana ukuze bathandwe ngumphathi. Ukungavisisani ngezinto nje ezingenamsebenzi kudla ngokwenziwa kubonakale njengento enkulu. Ngenxa yoko, iingxakana nje ezincinane zijika zibe ziingxaki ezinkulu. Kuthi kwakuba njalo kube lula ukungcungcuthekisana.
Ukuba Lixhoba Lempatho-mbi
Ekuhambeni kwexesha, umqeshwa omnye unokuba lixhoba lokungcungcuthekiswa. Ngumntu onjani onokuba lixhoba? Mhlawumbi isenokuba ngumntu owahlukileyo kwabanye. Ngokomzekelo, isenokuba yindoda phakathi kwamabhinqa okanye ibhinqa elisebenza namadoda odwa. Umntu ozithembileyo usenokugqalwa njengomntu onyanzelisayo, ngoxa umntu othuleyo esenokugqalwa njengomntu onamaqhinga. Enye into enokubangela umntu abe lixhoba kukwahluka kwakhe mhlawumbi abe mdala okanye abe mncinane kunabo bonke abasebenzi okanye abe ngoyena mpondo-zihlanjiwe kuloo msebenzi.
Enokuba elo xhoba lingubani na, abasebenzi “baliphatha ngolunya nobukrwada yaye baye bavakalelwe kukuba oko kubanika isiqabu kwezabo iinzingo,” utsho njalo ulindixesha wezonyango waseJamani i-mta. Xa ixhoba lokungcungcuthekiswa lizama ukuzikhulula kule ngxaki alidli ngokuphumelela kunoko izinto ziba mbi nangakumbi. Njengoko eli xhoba lisoloko lisisisulu, liye lizive lililolo. Kuthi kwakuba njalo kube nzima ukuba ixhoba likwazi ukuhlangabezana nale ngxaki.
Kakade ke, bekusoloko kulula ukuxhatshazwa kwabantu kwindawo yempangelo. Kodwa abaninzi banokukhumbula ixesha xa kwakukho umoya omhle phakathi kwabasebenzi. Yayingafane ibekho into yeqela elingcungcuthekisa umntu othile. Kodwa ukutyhubela iminyaka kuye kwakho into omnye ugqirha awayichaza ngokuthi “kukuphela komoya wobunye nokuphela kokoyika ihlazo.” Abantu ngoku abayoyiki into yokuvusa umlo emsebenzini.
Ngaloo ndlela, bonke abantu abaqeshiweyo banomdla wokwazi iimpendulo zale mibuzo ilandelayo: Ngaba ukungcungcuthekiswa kwabantu kunokuthintelwa? Lunokubakho njani uxolo kwiindawo zempangelo?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Injongo yokungcungcuthekiswa komntu kukumenza ikheswa