Oomama Boyisa Imiqobo
UMQOBO omkhulu koomama abaninzi namhlanje kukuphangela ukuze baxhase iintsapho zabo. Ngapha koko, ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, kusenokufuneka abanye bazikhulisele abantwana babo bebodwa.
UMargarita ngumama ongenaqabane waseMexico yaye uzikhulisela abantwana bakhe ababini. Uthi: “Bekunzima ukubaqeqesha ukuze baziphathe kakuhle nokubafundisa ngezinto zokomoya. Unyana wam ofikisayo wakha wabuya kwelinye itheko enxilile. Ndamxelela ukuba ugqibelisile, kungenjalo uya kulala phandle. Ngoko, wathi akuphinda, nakuba ndandingathandi, ndamtshixela phandle. Okuvuyisayo kukuba, akazange aphinde anxile.”
Kungekudala emva koko, uMargarita waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, nto leyo eyamncedayo ukuba abethelele imigaqo yokuziphatha ebantwaneni bakhe. Ngoku bobabini bangabalungiseleli bexesha elizeleyo abangamaNgqina kaYehova.
Xa Abayeni Besebenza Kwamanye Amazwe
Kumazwe asakhasayo, amadoda amaninzi afudukela kumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho ngenjongo yokufuna umsebenzi, eshiya abafazi ukuba bakhulise abantwana. ULaxmi, ongumama waseNepal, uthi: “Umyeni wam uneminyaka esixhenxe esebenza kwelinye ilizwe. Abantwana bam abandithobeli ngendlela abamthobela ngayo yena. Bekunokuba lula ukuba ebesoloko ephakathi kwekhaya.”
Nakuba kukho iingxaki, uLaxmi uyakwazi ukuhlangabezana nolu celomngeni. Ngenxa yokuba engafundanga kuyaphi, uye wacela abantu abaza kuncedisa abantwana bakhe abasele bekhulile kwizifundo zabo. Noko ke, imfundo yabo yokomoya uyinyamekela ngokwakhe ngokubaqhubela isifundo seBhayibhile veki nganye. Suku ngalunye uqwalasela nabo itekisi yosuku esekelwe eBhayibhileni yaye uya nabo rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.
Oomama Abangafundanga Kuyaphi
Kwamanye amazwe enye ingxaki ikukuba amabhinqa amaninzi akafundanga. Ebonisa ingxaki ebangelwa kukungafundi, uAurelia waseMexico, ongunina wabantwana abathandathu, uthi: “Umama wayedla ngokuthi amabhinqa akulindelekanga ukuba afunde. Ngoko andizange ndifunde ukulesa yaye ndandingakwazi ukunceda abantwana bam ngezifundo zabo. Yayindikhathaza gqitha loo nto. Kodwa ekubeni ndandingafuni ukuba babe sengxakini njengam, ndazama kangangoko ndinako ukuba bafunde.”
Enoba akafundanga, umama unokuba negalelo elikhulu entsatsheni. Iyinyaniso intetho ethi: “Xa ufundisa amabhinqa ufundisa abantu abaza kufundisa amadoda.” UBishnu waseNepal, onoonyana abathathu wayengafundanga kodwa umnqweno wakhe wokufunda inyaniso yeBhayibhile aze ayifundise abantwana bakhe wambangela ukuba azibhokoxe ngamandla afunde ukulesa nokubhala. Wayeqiniseka ukuba abantwana bakhe bayawenza umsebenzi wabo wesikolo yaye wayesoloko esiya kwizikolo zabo aze athethe nabafundisi-ntsapho babo ngomsebenzi wabo wesikolo.
Ethetha ngemfundo yabo yokomoya neyokuziphatha, unyana kaBishnu, uSilash uthi: “Eyona nto ndandiyithanda kuyo yonke loo migudu yokusifundisa kwakhe yayikukuba xa sisenza iimpazamo wayesebenzisa imizekelo yeBhayibhile ukuze asibuyisele endleleni. Le ndlela yokufundisa yandinceda ukuba ndamkele isiluleko. UBishnu uye wabafundisa ngokuphumelelayo oonyana bakhe abathathu yaye bobathathu bangabakhonzi bakaThixo.
UAntonia waseMexico, umama okhulisa abantwana ababini uthi: “Ndaphelela kumabanga aphantsi esikolweni. Sasihlala emaphandleni yaye isikolo esikumabanga aphakamileyo sasikude gqitha. Kodwa ndandifuna ukuba abantwana bam bafunde kunam, ngoko ndachitha ixesha elininzi ndibafundisa. Ndabafundisa kususela kwasekuqaleni ukufunda nokubhala nezibalo. Yathi intombi yam ingekaqali nasesikolweni yabe sele ikwazi ukubhala igama layo nabo bonke oonobumba. Unyana wam wayekwazi kakuhle ukufunda ngaphambi kokuba aqalise kwisikolo sabantwana abancinane.”
Xa ebuzwa ngendlela abafundise ngayo izinto zokomoya nangokuziphatha, uAntonia uthi: “Ndandibafundisa amabali eBhayibhile. Ngaphambi kokuba intombi yam ikwazi ukuthetha, yayisele ikwazi ukubalisa amabali eBhayibhile ngokusebenzisa izimbo zomzimba. Unyana wam waqala ukufunda iBhayibhile kwiintlanganiso zamaKristu xa wayeneminyaka emine ubudala.” Oomama abaninzi abangafundanga kuyaphi babafundisa kakuhle abantwana babo.
Ukuxhathisa Amasiko Ayingozi
Isiko lamaTzotzil aseMexico kukutshatisa iintombi zawo ukuze afumane imali xa zineminyaka eli-12 okanye eli-13 ubudala. La mantombazana adla ngokutshatiswa namadoda amadala afuna umfazi wesibini okanye wesithathu. Xa indoda inganelisekanga yiloo ntombi, isenokuyigodusa ize ibuyiselwe imali yayo. Oku kwenzeka kuPetrona eselula. Unina wendiswa eselula, wazala umntwana, walahlwa yindoda—xa wayeneminyaka eli-13 ubudala! Loo mntwana wafa yaye unina kaPetrona wendiswa kabini emva koko. Bebonke abantwana bakhe basibhozo.
UPetrona wayengafuni ukuphila ngale ndlela yaye usichazela oko wakwenzayo: “Ndathi ndakugqiba amabanga aphantsi, ndaxelela uMama ukuba andifuni kutshata, ndisafuna ukufunda. UMama wandixelela ukuba akukho nto anokuyenza mandithethe noTata.”
UTata wathi: “Ndiza kukwendisa. Uyakwazi ukuthetha iSpanish. Uyakwazi ukufunda. Yintoni enye oyifunayo? Ukuba usafun’ ukufunda, kuza kufunek’ uzihlawulele.”
UPetrona uthi: “Yiloo nto kanye endayenzayo. Ndandihombisa amalaphu ukuze ndifumane imali yokuzifundisa.” Wasinda ngaloo ndlela ukuze angendiswa. Akuba uPetrona ekhulile, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nonina, yaye oku kwamenza wanenkalipho yokufundisa amantombazana awayesalekela uPetrona imilinganiselo yeBhayibhile. Ngokusuka koko kwenzeka kuye, lo mama wakwazi ukuwafundisa ngentlungu ebangelwa lisiko lokwendiswa kwamantombazana eselula.
Elinye lamasiko alapha likukuba oonyana baqeqeshwa ngooyise kuphela. UPetrona uthi: “Amabhinqa angamaTzotzil afundiswa ukuba wona angaphantsi kwamadoda. Amadoda alapho angoozwilakhe. Amakhwenkwana axelisa ooyise yaye athi koonina: ‘Akunakundixelel’ into emandiyenze. Ukuba uTata akakhange andixelele, andinakuyenza loo nto.’ Ngoko ke oomama abanakubaqeqesha oonyana babo. Kodwa njengokuba umama efunde iBhayibhile uye wabaqeqesha kakuhle abantakwethu. Basazi ngentloko isibhalo sakwabase-Efese 6:1, 2, esithi: “Bantwana, bathobeleni abazali benu. . . . Beka uyihlo nonyoko.’”
UMary, ongumama waseNigeria, uthi: “Kwindawo endakhulela kuyo, isiko lalapho alimvumeli umama ukuba afundise okanye aqeqeshe abantwana abangamakhwenkwe. Kodwa ndixelisa umzekelo oseBhayibhileni kaLoyisi noYunike—uninakhulu nonina kaTimoti—ndazimisela ukungavumeli amasiko asekuhlaleni andithintele ekufundiseni abantwana bam.”—2 Timoti 1:5.
Ukanti elinye isiko eliqhelekileyo kwamanye amazwe lelo abanye balibiza ngokuba “kukwaluswa kwamabhinqa,” ukusikwa kwenxalenye yelungu lesini lebhinqa. Xa kusenziwa eli siko kusikwa inxalenye encinane okanye enkulu yelungu lesini lentombazana. NguWaris Dirie, umbonisi wempahla yodidi odumileyo nonozakuzaku weUnited Nations Population Fund owalenza laziwa eli siko. Elandela eli siko laseSomali, unina wamalusa ngoxa wayesengumntwana. Ngokutsho kwenye ingxelo, amabhinqa namantombazana anokuba zizigidi ezisibhozo okanye ezilishumi kuMbindi Mpuma naseAfrika kusenokwenzeka aluswe. KwanaseUnited States, eli siko lisenokwenziwa kumantombazana anokuba li-10 000.
Eli siko lisekelwe kweyiphi inkolelo? Abanye bakholelwa ukuba ilungu lesini lebhinqa lingcolile yaye liyenza ingcole naloo ntombazana, yaye ngoko ke ayinakutshata. Ukongezelela, ukusikwa kwenxalenye yelungu lesini kugqalwa njengesiqinisekiso sokuba loo mntwana uya kuhlala enyulu aze athembeke naxa sele etshatile. Xa umama wentombazana engalithandi eli siko, unokuzibizela ingqumbo yomyeni wakhe neyabantu basekuhlaleni.
Noko ke, oomama abaninzi bafumanise ukuba akukho sizathu sivakalayo—sonqulo nesinokuthanani nempilo—sokuxhasa eli siko libuhlungu kangaka. Incwadi yaseNigeria ethi Repudiating Repugnant Customs ithi ngenkalipho oomama abaninzi baye abavuma ukwenza eli siko kubantwana babo abangamantombazana.
Enyanisweni, oomama abaninzi ehlabathini lonke bayakwazi ukukhusela nokuqeqesha abantwana babo phezu kwazo nje iingxaki ezininzi. Ngaba ngokwenene iyaxatyiswa imigudu yabo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 13]
“Kuhlolisiso olwenziwe ngokuphindaphindiweyo kuye kwafunyaniswa kuwo onke amaphulo aye aphumelela, amabhinqa aye anendima ephambili. Xa amabhinqa enenxaxheba ngokuzeleyo, zisuka nje izinto zihamba kakuhle: iintsapho ziba sempilweni yaye ziyondleka; kubakho ingeniso engakumbi, yaye onga imali engakumbi aze andise neendlela zorhwebo. Yaye oku akupheleli ezintsatsheni, kodwa kunwenwela nakwibutho labantu, kuye kutsho nakumazwe ngamazwe.”—USosiba-jikelele WeZizwe Ezimanyeneyo uKofi Annan, ngoMatshi 8, 2003.
[Inkcazelo]
UN/DPI photo by Milton Grant
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 16]
Wazincama Ngenxa Yethu
Umfana waseBrazil, uJuliano uthi: “Xa ndandineminyaka emihlanu ubudala, umama wayephangela yaye ehlawulwa umvuzo oncumisayo. Noko ke, kwakuba kuzelwe udadewethu, wakhetha ukuyeka ukuphangela ukuze asikhulise. Abathile emsebenzini bazama ukumcebisa ukuba angayeki. Babesithi xa abantwana betshatile baza bamshiya, yonke into abenzele yona iza kuba lilize—yaye wayechitha ixesha lakhe yaye elahlekelwa yimali ngento angasayi kuzuza nto ngayo. Kodwa manditsho ukuba babephazama; andisayi kuze ndilulibale uthando awalubonakalisayo.”
[Imifanekiso]
Unina kaJuliano ekunye nabantwana bakhe, ngasekhohlo: NguJuliano xa wayeneminyaka emihlanu ubudala
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
UBishnu wafunda ukulesa nokubhala yaye wanceda oonyana bakhe ukuba bafumane imfundo ethe vetshe
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Unyana oselula ka-Antonia ufunda iBhayibhile kwiintlanganiso zamaKristu
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UPetrona usebenza ngokuzithandela kwisebe laseMexico lamaNgqina kaYehova. Unina, ekugqibeleni owaba liNgqina, ufundisa abantwana abalekela uPetrona
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UWaris Dirie libhinqa elaziwa ngokungavumelani nokwaluswa kwamabhinqa
[Inkcazelo]
Photo by Sean Gallup/Getty Images