IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 12/8 iphe. 19
  • Ukuba Ukutya Bekunokuphela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuba Ukutya Bekunokuphela
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki Yokondla Abantu Bezixeko
    Vukani!—2005
  • Ithini IBhayibhile Ngokungabikho Kokutya Okwaneleyo?
    Imixholo Engakumbi
  • Ukutya Kwabantu Bonke—Ngaba Liphupha Nje?
    Vukani!—1997
  • 1. Thenga Ngobulumko
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 12/8 iphe. 19

Ukuba Ukutya Bekunokuphela

KUMAZWE athile abantu abaninzi abayicingi nokuyicinga into yokuba kungaphela ukutya ezivenkileni nakwiimarike. Phofu ke, xa kukho ukutya, ayithi qatha nasengqondweni into enjalo kumntu othengayo. Kumaxesha kaxakeka, abantu bayayibona indlela ekunzima ngayo ukufumana ukutya. Ukuba ukutya kusemngciphekweni wokuphela, imiphumo yoko ibiya kuba lusizi.

Khawucinge nje ngokwenzekayo kwelinye ilizwe elalintyumpantyumpeka engxakini yezoqoqosho kuMntla weAfrika. Xa urhulumente welo lizwe wayekayo ukunceda abalimi ngemali, kwasa ixabiso lesonka liphindwe kabini. Begwayimbela oku, abaqhwayi boqhushululu bavath’ iqaqa bangcolisa izitrato, beqhekeza iifestile zeevenkile behlasela iibhanki kunye neeofisi zeposi. Obu bundlobongela badlulela nakwezinye iindawo kwelo lizwe lonke de kwamiselwa ixesha longxamiseko. Ngelokuphelisa obo bundlobongela, amapolisa athulula irhuluwa kwizihlwele ezazilapho, abantu abanokuba li-120 babulawa yaye abaninzi benzakala.

Ukuphelelwa kukutya kunokuba yingxaki nakumazwe akhangeleka ngathi afumile ngokwezoqoqosho. Oku kungqinwa koko kwenzekayo eBritani ngoSeptemba 2000. Abaqhankqalazi nxamnye namaxabiso aphakamileyo epetroli bavalela inqwelo ezithutha ipetroli ukuba zingaphumi kwiziko lazo. Kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa, iigaraji zepetroli zazingenalo nethontsi eli, iimoto kunye neelori zazingenawo amafutha, yaye abantu babengakwazi ukuthutha ukutya. Kwelo lizwe liphela, iivenkile ezazixhomekeke ekuthunyelweni kokutya “ngexesha elicwangcisiweyo,” zazikhal’ ibhungane.

Kukho iingxaki ezahlukeneyo ezinxulunyaniswa nokuthuthwa kokutya kumazwe asakhasayo. Ngenxa yezizathu eziliqela—eziquka imbalela, ukudodobala kwezoqoqosho, izidubedube kunye nemfazwe—“ukungalungelelani kwezinto kubonwa nanguthathatha. Xa oko kusenzeka, nokuba imiphumo ibonakala kuloo ndawo kuphela okanye ibe yeyokwexeshana, ngamahlwempu aba ngamaxhoba,” itsho njalo incwadi ethi Feeding the Cities epapashwe yiFood and Agriculture Organization of the United Nations (FAO).

Iingcali zikholelwa kwelokuba ukwanda kwenani labantu abahlala ezixekweni kuza kubangela “iingxaki ezinkulu” kwabo bathengisa ukutya. Kuqikelelwa kuba ngonyaka wama-2007, ngaphezu kwesiqingatha senani labantu siza kube sihlala ezixekweni. I-FAO ithi: “Ukondla aba bantu [bahlala ezixekweni] ngokutya okunempilo nokukwixabiso elifikelelekayo kuya kusiba luxanduva yaye kukhokelela ekupheleni kokutya.”

Ukubakho kokutya ezivenkileni nasendlwini yakho kungumbandela oxhalabisayo. Ngoko, sinokuqiniseka kangakanani na ngokufumana ukutya okwaneleyo? Kutheni iingcali zirhanela ukuba sisemngciphekweni wokuphelelwa kukutya? Ngaba phofu likho ixesha apho singayi kuba naxhala lokuba siya kukufumana phi na ukutya?

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Abaphangi ngoxa ukutya kwakunqongophele

[Inkcazelo]

BETAH/SIPA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share